Yintoni Enokwenza Intsapho Yakho Yonwabe?
Ucinga ukuba . . .
-
luthando?
-
yimali?
-
yenye into?
ITHINI IBHAYIBHILE?
Bonwabe kakhulu abo balivayo ilizwi likaThixo baze balithobele!”—Luka 11:28, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha
INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?
Unokuthandwa nyhani.—Efese 5:28, 29.
Unokuhlonitshwa.—Efese 5:33.
Ninokuthembana.—Marko 10:6-9.
NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?
Ewe, nazi ezinye izizathu zokuyikholelwa:
-
NguThixo owenza kwabakho iintsapho. IBhayibhile ithi ngoYehova, “zikho ngenxa yakhe zonke iintsapho ezisezulwini nasemhlabeni.” (Efese 3:14, 15) Loo nto ithetha ukuba nguThixo owenze kwabakho iintsapho. Kutheni ibalulekile nje loo nto?
Ukuba ubusitya ukutya okumnandi uze ufune ukwazi ukuba kudityaniswe ntoni nantoni, ubuza kubuza kubani? Ubuza kubuza kulo mntu ukuphekileyo, andithi?
Ngendlela efanayo, ukuze wazi ngezinto ezenza intsapho yonwabe, ufanele ubuze uYehova, oyena mntu wenza kwabakho iintsapho.—Genesis 2:18-24.
-
UThixo ukukhathalele. Intsapho yakho iya kuba ilumkile ukuba ifuna icebiso likaYehova, elifumaneka kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Ngoba? “Kuba unikhathalele.” (1 Petros 5:6, 7) UYehova uninqwenelela okuhle ibe icebiso lakhe lisoloko lisebenza.—IMizekeliso 3:5, 6; Isaya 48:17, 18.
NANK’ UMBUZO
Yintoni enokunceda umyeni, inkosikazi okanye umzali azenze kakuhle izinto?
IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KUMAEFESE 5:1, 2 NAKUMAKOLOSE 3:18-21.