Matshi 3-9
IMIZEKELISO 3
Ingoma 8 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)
1. Makucace Ukuba Uyamthemba UYehova
(imiz. 10)
Thembela ngoYehova, ungathembeli kwisiqu sakho (IMi 3:5; ijwbv inqaku 14 ¶4-5)
Bonisa ukuba uthembele ngoYehova ngokufuna ukukhokelwa nguye uze ululandele olo khokelo (IMi 3:6; ijwbv inqaku 14 ¶6-7)
KHAWUZIBUZE, ‘Ngaba ndiyakufuna ukukhokelwa nguYehova kuzo zonke izinto endizenzayo ebomini bam?’
2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(imiz. 10)
-
IMi 3:3—Singalubophelela njani uthando olungagungqiyo nokuthembeka ezintanyeni zethu size silubhale nasezintliziyweni zethu? (w06 9/15 17 ¶7)
-
Ziintoni ozithandileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?
3. Ufundo LweBhayibhile
(imiz. 4) IMi 3:1-18 (th isifundo 12)
4. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. Phendula umntu ochasayo. (lmd isifundo 1 ingongoma 5)
5. Ukuqalisa Incoko
(imiz. 4) UKUSHUMAYELA ESIDLANGALALENI. Xelela umntu othetha naye ngewebhsayithi yethu uze umnike ikhadi le-jw.org. (lmd isifundo 3 ingongoma 3)
6. Intetho
( imiz. 5.) w11 3/15 14 ¶7-10—Umxholo: Thembela NgoThixo Xa Abantu Bengenamdla Entsimini. (th isifundo 20)
Ingoma 124
7. Yithembe Intlangano KaYehova
(imiz. 15) Ingxubusho.
Kusenokuba lula ukuyithemba into ethethwa kwiLizwi likaThixo eliyinyaniso neliphefumlelweyo iBhayibhile. Sekunjalo, kusenokuba nzima nangakumbi ukuthemba abantu abangafezekanga abakhokelayo kwintlangano kaYehova, ingakumbi xa singaluqondi okanye singavumelani nolo khokelo.
Funda uMalaki 2:7 Uze ubuze lo mbuzo:
-
Kutheni ingasothusi into yokuba uYehova esebenzisa amadoda angafezekanga ekukhokeleni abantu bakhe?
Funda uMateyu 24:45. Uze ubuze lo mbuzo:
-
Kutheni sinokuluthemba ukhokelo olusuka kwintlangano kaYehova?
Funda amaHebhere 13:17. Uze ubuze lo mbuzo:
-
Kutheni sifanele sihambisane nezigqibo ezenziwa ngabo bathenjwe nguYehova ukuba bakhokele?
Dlala IVIDIYO Ingxelo YeQumrhu Elilawulayo Ka-2021 #9—Emfutshane. Uze ubuze lo mbuzo:
-
Ukhokelo esilufumene ngexesha likabhubhane luyiqinise njani indlela oyithemba ngayo intlangano kaYehova?
8. Isifundo SeBhayibhile Sebandla
( imiz. 30) bt isahl. 23 ¶9-15, neebhokisi ezikwiphe. 184, 186