Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

HLALANI NITHE QWA!

Kutheni Abantu Bengasaphathani Kakuhle?—Ithini IBhayibhile?

Kutheni Abantu Bengasaphathani Kakuhle?—Ithini IBhayibhile?

 Bambalwa abantu abakwazi ukuphatha abanye kakuhle. Abantu abagulayo bathetha kakubi noogqirha; abantu abaye kwiindawo zokutyela babaphatha kakubi abantu abasebenza kwezo ndawo ababancedayo; abantu abakhwele kwiipleyini ababamameli abantu abasebenza kuzo ibe bayabahlasela; abantwana besikolo abangevayo bagezela, boyikise, baze bahlasele ootitshala babo; kanti abezepolitiki benza izinto ezimbi, abanye babo bazenza oongcwele-ngcwele.

 IBhayibhile ikuchaza kakuhle ukuba kuthetha ukuthini kanye kanye ukuziphatha kakuhle. Kwakhona, isichazela isizathu sokuba abantu bengasaphathani kakuhle namhlanje.

Kutheni Abantu Bengasaphathani Kakuhle?

 Abantu abasazenzi izinto ezintle, baziphethe kakubi ibe benza izinto ezingamkelekanga. Le nto yenzeka emhlabeni wonke.

  •   Kusandokwenziwa uphando eMerika, imiphumo yalo ibonisa ukuba abantu bakhona bakholelwa ukuba ngoku, indlela yokuziphatha yehle kakhulu ibe bekungekho nje kule minyaka iyi-22 idlulileyo.

  •   Kuphando olwenziwe kubantu abangaphezu kwabayi-32 000 kumazwe ayi-28, abangaphezu kwehafu kubo (65 pesenti) baye bathi abantu abasaphathani kakuhle ngoku, kakhulu kunakuqala.

 IBhayibhile yayiyichaze kwangaphambili indlela abantu abaziphethe ngayo namhlanje.

  •   “Imihla yokugqibela iya kuba ngamaxesha anzima. Abantu baya kuba ngabathandi beziqu zabo, bathande imali, bezigwagwisa, bengoozwi-labo. Baya kunyelisa, bangathobeli bazali, bengabuleli,  . . . , bengenabuntu,  . . . [babe] ziindlobongela.”—2 Timoti 3:1-3, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

 Ukuze ufumane okungakumbi ngendlela esizaliseka ngayo esi siprofeto, funda inqaku elithi, “Ngaba IBhayibhile Yayichaze Kwangaphambili Indlela Abantu Abaza Kucinga Baze Bazenze Ngayo Izinto Namhlanje?

Into enokusinceda sikwazi ukubaphatha kakuhle abantu

 Kwihlabathi elinabantu abangaziphathanga kakuhle, abantu abaninzi bafumanise ukuba iBhayibhile iyabanceda bakwazi ukuziphatha kakuhle. Icebiso layo ngendlela yokuziphatha ‘linokuthenjwa ngoku nangonaphakade.’ (INdumiso 111:8) Jonga le mizekelo ilandelayo:

  •   Into ethethwa yiBhayibhile: “Baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.”—Mateyu 7:12.

     Le nto ithetha ukuba: Simele sibaphathe abanye ngobubele nangembeko, ngendlela nathi esifuna ukuphathwa ngayo.

  •   Into ethethwa yiBhayibhile: “Ekubeni niwayekile amaqhinga, umntu ngamnye makathethe inyani nommelwane wakhe.”—Efese 4:25.

     Le nto ithetha ukuba: Simele sinyaniseke kwizinto esizithethayo nakwindlela esizenza ngayo izinto.

 Ukuze ufunde nezinye izinto ngale nto, funda: