Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Iinkonzo Ziyadibana Neepolitiki?

Ngaba Iinkonzo Ziyadibana Neepolitiki?

 Ehlabathini lonke, abantu abathi balandela uYesu bangene baphelela kwiipolitiki. Abanye baye bazama ukonyusela bona neenkonzo zabo ngokuxhasa umntu okanye iqela lezepolitiki elithile. Kanti abanye abantu bezepolitiki baye basebenzise indlela yokuziphatha ebonakala yamkelekile ekuhlaleni ukuze bathandwe ngabantu beenkonzo. Yinto eqhelekileyo ukuba iinkokeli zenkonzo zisebenzele ukuvotelwa ukuze zifumane isihlalo esithile eburhulumenteni. Kwamanye amazwe, unqulo oluthile oluzibiza “ngamaKristu,” lunokude lufumane isihlalo esithile eburhulumenteni.

 Ucinga ntoni? Ngaba abalandeli bakaYesu Kristu bafanele bazifake kwiipolitiki? Impendulo unokuyifumana ngokujonga izinto ezenziwa nguYesu. Wathi: “Ndinibonisile indlela enimele nenze ngayo. Le nto ndiyenzileyo kuni, nani nimele niyenze.” (Yohane 13:15) Kwizinto ezidibene neepolitiki, sesiphi isifundo uYesu awasifundisa sona?

Ngaba uYesu wazifaka kwiipolitiki?

 Hay, uYesu wayengenanto imdibanisa neepolitiki zehlabathi.

 UYesu zange azifunele isikhundla kwezepolitiki. Zange afune ukuba ngumlawuli woorhulumente babantu xa uSathana umtyholi wayefuna ukumnika “onke amazwe ehlabathi.” (Mateyu 4:8-10) a Abantu ababebona iimpawu ezintle zokulawula kuYesu bakhe bazama ukumnika isikhundla kwezepolitiki. IBhayibhile ithi: “UYesu wayesazi ukuba babezimisele ukumbamba bamenze ukumkani, ngoko waphinda wemka waya entabeni yedwa.” (Yohane 6:15) Zange ayenze le nto abantu babefuna ayenze. Wayengafuni ukungena kwezepolitiki.

 UYesu wayengakhethi cala kwezepolitiki. Ngokomzekelo, ngemihla kaYesu, amaYuda ayekucaphukela ukubhatala irhafu kurhulumente wamaRoma. Xa ayezama ukuqonda ukuba uthini ngokubhatala irhafu, uYesu zange afune ukukhetha cala. Wathi kubo: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” (Marko 12:13-17) Wahlala engakhethi cala kwezepolitiki kodwa wabonisa ukuba irhafu efunwa ngurhulumente waseRoma uKesare, ifanele ibhatalwe. Kodwa kwayena waphinda wabonisa ukuba ayiyo yonke into ethethwa ngurhulumente efanele ithotyelwe. Umntu wayengafanelanga anike urhulumente izinto ezifanele ukunikwa uThixo, ukuzinikela nokumkhonza.—Mateyu 4:10; 22:37, 38.

 UYesu wayexhasa urhulumente wasezulwini, uBukumkani bukaThixo. (Luka 4:43) Zange avume ukuba kwiipolitiki kuba wayesazi ukuba buBukumkani bukaThixo obuza kwenza intando yakhe emhlabeni, hayi obabantu. (Mateyu 6:10) Wayeqonda ukuba obu Bukumkani abuzukuba noorhulumente abangabantu kodwa buza kubasusa.—Daniyeli 2:44.

Ngaba amaKristu exesha labapostile, ayezifaka kwiipolitiki?

 Hay. Abalandeli bakaYesu babethobela umyalelo othi “aningabo abehlabathi.” (Yohane 15:19) Balinganisa uYesu ngokuzahlula kwiipolitiki zehlabathi. (Yohane 17:16; 18:36) Kunokuba babe bezixakekisa ngezinto zepolitiki, benza umsebenzi uYesu awayebathume wona, ukushumayela nokufundisa ngoBukumkani bukaThixo.—Mateyu 28:18-20; IZenzo 10:42.

 Eyona nto yayibalulekile kumaKristu exesha labapostile, yayikukuthobela uThixo, kodwa ke babesazi ukuba kufuneka bathobele nabantu abalawulayo. (IZenzo 5:29; 1 Petros 2:13, 17) Babeyithobela imithetho yabalawuli, bezibhatala neerhafu. (Roma 13:1, 7) Nangona babengangeni kwizinto zepolitiki, babencedwa yimithetho ekhuselayo naziinkonzo zikarhulumente.—IZenzo 25:10, 11; Filipi 1:7.

AmaKristu akathathi cala nanamhlanje

 IBhayibhile ithi uYesu nabalandeli bakhe, babengangeni kwizinto zepolitiki. Ngenxa yaloo nto, amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke akakhethi cala. Nawo njengamaKristu exesha labapostile, enza umsebenzi uYesu awathi mawenziwe, ukushumayela ‘iindaba zilungileyo ezingoBukumkani.’—Mateyu 24:14.

a Xa uYesu wayesala ukwamkela esi sikhundla, wayengathi uSathana akanakumnika kuba waphinda wathi, uSathana ‘ungumlawuli weli hlabathi.’—Yohane 14:30