INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO
Kwenziwa IiHolo ZoBukumkani Zikhuseleke Ngexesha LeKhorona
OKTOBHA 1, 2022
“IQumrhu Elilawulayo, ligqibe ekubeni likhuthaze onke amabandla ukuba aqalise ukuba neentlanganiso eHolweni YoBukumkani ukususela ngoAprili 1, ngaphandle kokuba urhulumente ubeke imithetho ethile yekhorona.” Eso saziso esasifakwe ku-jw.org/xh ekuqaleni kukaMatshi 2022, sawavuyisa kakhulu amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke. Kodwa yayingekapheli ikhorona. a Ziintoni ezazidingeka okanye loluphi utshintsho okwakufuneka lwenziwe ukuze kukhuselwe abantu abakwezo ntlanganiso kwesi sifo? Emva kweminyaka emibini iintlanganiso zingangenelwa eHolweni, ingaba zazikwimeko efanelekileyo?
Kwakusele kuziinyanga ezininzi abazalwana bethu belungisa iiHolo ZoBukumkani ukuze siqalise ukungenela kuzo kwakhona.
Zazingafani Izinto Ezazidingeka Nendlela Yokuzilungisa
Emva kwenyanga kuyekiwe ukuyiwa kwiintlanganiso eholweni ngo-2020, iSebe Lolwakhiwo Nelokuplana Lasehlabathini Lonke eliseWarwick, eNew York, laye laqalisa ukujonga indlela ikhorona eyayiza kuzichaphazela ngayo iiHolo zethu zoBukumkani nendlela ezazinokukhuselwa ngayo.
Into ebidingwa kwelinye ilizwe amaxesha amaninzi yayahlukile kwefuneka kwelinye. UMatthew De Sanctis, osebenza kweli sebe lolwakhiwo uthi: “Kwezinye iindawo, zazinqabile iindawo zokuhlamba izandla. Xa kungekho manzi eHolweni, kwakufuneka athengwe okanye akhiwe emlanjeni. Kwamanye amazwe, oorhulumente baye batshintsha imithetho ye-air conditioning, izinto ezitshintsha umoya, izinto ezimele zibekwe ezithetha ngempilo nangococeko.”
Abazalwana baye bazilungisa njani iingxaki ababenazo? UMatthew uthi baye bafumanisa ukuba ukulungisa izinto “ngemali encinci kuye kwanceda.” Ngokomzekelo, ePapua New Guinea, kuye kwenziwa iindawo zokuhlamba izandla kusetyenziswa amabhakethi azi-20 litha aneetap. Abazalwana bethu batsho bakwazi ukufumana izinto ezidingekayo kwiiHolo ZoBukumkani zasezilalini besebenzisa i-R700 nje kuphela. KwiiHolo ZoBukumkani eziseAfrika, kuye kwathengwa izinto zokuhlamba izandla ezingaphezu kweziyi-6 000 kusomashishini oseAsia.
Ezinye izinto ekuye kwafuneka zitshintshwe kukufakwa kweefan nezinto ezitshintsha umoya ukuze kubekho umoya eHolweni YoBukumkani. Amanye amabandla aye athenga izinto zokuhambisa iimic ezifana neepali ukuze zingabanjwa ngezandla xa zidluliselwa kwabanye. Kuye kwenziwa neendlela zokuba ezinye iindawo ezifana namacango kunye neetap zingasoloko zibanjwa, kuba ezo zinto zinokusisasaza isifo, ibe ezo ndawo bezisoloko ziklinwa. Kwamanye amabandla, kwizindlu zangasese kuye kwafakwa iitap ezizivulekelayo kuphume amanzi ungayibambanga. EChile, ukwenziwa kolu tshintsho lufunekayo kuye kwabayi-R24 600 kwiHolo nganye.
Nangona ukwenziwa kweeHolo zethu zoBukumkani zikhuseleke bekubaluleke kakhulu, abazalwana baye baqiniseka ukuba iminikelo isetyenziswa kakuhle. Ngokomzekelo, kwezinye iindawo, baye bamkela uncedo lukarhulumente lokungabhatali kakhulu xa bethenga izinto zokuhlamba izandla nezinto zokuhambisa iimic. Iiofisi zamasebe ziye zasebenzisana ukuze zithenge izinto ezininzi ngexesha elinye ukuze iminikelo isetyenziswe kakuhle. IiBheteli kunye neSebe Lokuthenga Lasehlabathini Lonke liye lalungiselela ukuthenga izinto apho zenziwa khona, ukuze kungasetyenziswa imali eninzi nezinto zikhawuleze zifike.
“Bendidinga Ukuqiniseka Ukuba Ndiza Kukhuseleka”
Amalungiselelo aye enziwa ukuze iiHolo ZoBukumkani zikhuseleke aye aqinisekisa abo baza kubuyela eHolweni ukuba baza kukhuseleka. Udade wasePeru uDulcine, uyavuma ukuba “wayesoyika kancinci” xa weva ukuba siza kubuyela eHolweni yoBukumkani. Uthi, “Xa kwakuqalisa lo bhubhani, nam ndaba nekhorona. Ngoko ndandisoyika ukuya eHolweni, kuba ndisazi ukuba ndingaphinde ndiyifumane. Kodwa xa ndafika eHolweni, ndabona ukuba abadala baye benza izinto ezininzi ukuze sikhuseleke, njengendawo yokuhlamba izandla, iipali zokuhambisa iimic, nelungiselelo lokuklina iHolo ngaphambi nasemva kweentlanganiso. Zonke ezi zinto ziye zandenza ndaqiniseka ukuba ndikhuselekile.” b
USara, udade waseZambia yena wayenengxaki eyahlukileyo. Uthi: “Kwezi nyanga zidlulileyo, umyeni wam uye wasweleka ngenxa yekhorona. Ndandinexhala lokuba ndiza kuziva njani xa ndisiya okokuqala ezintlanganisweni ndingahambi naye.” Uziva njani ngoku ngokuya eHolweni? Uthi: “Ukuya kwiintlanganiso kuye kwandibonisa kakuhle ukuba uYehova ukunye nathi kule mihla yokugqibela. Ngoku ndiyaluva uthando nokhuthazo endilufumana kubadala nakubo bonke abazalwana noodade kakhulu kunakuqala.”
Abazalwana emhlabeni wonke bakuvuyele kakhulu ukubuyela kwiiHolo zabo ZoBukumkani. Enkosi ngeminikelo yakho ethunyelwe ngeendlela ezahlukahlukeneyo eziku-donate.mr1310.com. Lo minikelo isincede saqinisekisa ukuba iindawo esikhonzela kuzo zikhuselekile ibe kumnandi ukudibanela kuzo.