UTERRY REYNOLDS | IBALI LOBOMI
UYehova Wandinceda Ndamenzela Konke Okusemandleni Am
Xa ndandina-14, omnye umzalwana ekuthiwa nguCecil wandipha iBhayibhile yakhe. Wayedla ngokuyisebenzisa xa esenza ufundisiso lobuqu, ibe emacaleni wayebhale amanqaku. Ndandisithanda kakhulu esi sipho!
UCecil wayethobekile ibe wayebathanda abantu. Umzekelo wakhe, okamama nowabanye abazalwana noodade ababesebandleni wandikhuthaza, wandenza ‘ndanomqweno’ wokumkhonza ngamandla am onke uYehova. (Filipi 2:13) Makhe ndikubalisele ngobomi bam.
Indlela Awayekhuthele Ngayo Umama Yandikhuthaza
Ndazalwa ngo-1943. Abazali bam babehlala kwifama eyayisaziwa ngokuba nezwele elininzi eQueensland, eOstreliya. Le ndawo yayingekudanga nedolophu ekuthiwa yiBundaberg. Qho ngoMgqibelo emva kwemini, abantu basekuhlaleni babedla ngokuya edolophini ukuze babe kunye. Ngo-1939, ngomnye uMgqibelo abazali bam badibana noovulindlela ababini, bancokola nabo ngeBhayibhile. Izinto abazifundayo bazithanda kakhulu, ibe ekuhambeni kwexesha baba ngamaNgqina kaYehova. Ngenxa yaloo nto, mna nosisi wam uJean, sakhuliselwa enyanisweni. Kodwa okubuhlungu kukuba kwenzeka ingozi ekhaya, uTata wasweleka. Yandothusa kakhulu into yokusweleka kwakhe. Ndandineminyaka nje eyi-7. Ndisakhumbula ukuba wayengumntu owayesebenza nzima nowayehlekisa. Sendifuna ukumbona xa kuvuswa abantu ndize ndimazi bhetele!—IZenzo 24:15.
Umama wayenobubele ehambisana neemeko. Wayesivumela nosisi wam ukuba sizichaze izinto esingazithandiyo nesizithandayo. Kodwa wayengagungqi ekukhonzeni uYehova nasekusebenziseni imigaqo yeBhayibhile. Sasisiya qho ezintlanganisweni, ibe mna nosisi wam sasingavumelekanga ukuba sihlale nabantwana abangengomaNgqina xa singekho sesikolweni. (1 Korinte 15:33) Xa ndicinga ngezo zinto ngoku, ndiyabona ukuba kwasinceda nyhani ukungagungqi kwakhe.
Umama wayekukhuthalele nokushumayela ngoBukumkani, ibe amaxesha amaninzi wayeba nguvulindlela ongumncedani. Ndikhumbula ukuba wayedla ngokuya kwimizi engaphezu kweyi-50 ebaphathele iiMboniselo nooVukani. Naxa wayesele ekhulile, wayebahoyile abantu abanomdla. Sasimthanda kakhulu ibe sasifuna ukumlinganisa kuba wayebathanda abantu, nathi singabantwana bakhe esithanda. Ngo-1958, xa ndandina-14, ndazinikela kuYehova ndaza ndabhaptizwa.
Ndakhuthazwa Ngabahlobo Ababengumzekelo
Kungagqithanga xesha lide, uRudolf awayekwiminyaka yoo-20 nowayesebandleni lethu naye wabhaptizwa. Wayesuka eJamani. NgoMgqibelo ekuseni, mna noRudolf sasidla ngokushumayela kubantu abahleli ezimotweni abalinde iintsapho zabo eziyokuthenga.
URudolf wayekhuthele ibe wandikhuthaza ukuba ndibe nguvulindlela ongumncedani naye xa kuvalwe izikolo. Ngenye iholide saba kunye iiveki eziyi-6 kwidolophu yaseGladstone, emalunga neekhilomitha eziyi-190 ukusuka eBundaberg. Indlela awayenomdla ngayo nendlela ekwakumnandi ngayo ukuba nguvulindlela ongumncedani, kwandenza ndafuna ukuba ngothe ngxi. Ndaba nguye nyhani ke xa ndandina-16, ibe ndandizimisele ukwenza inkonzo yexesha elizeleyo umsebenzi wam.
Umsebenzi wam wokuqala wokuba nguvulindlela wawukwidolophu enolwandle iMackay, ekumntla weBundaberg nengekudanga kwiGreat Barrier Reef. Emva konyaka, xa ndandina-17 ndacelwa ukuba ndiyokuba nguvulindlela okhethekileyo a kwindawo engenabantu baninzi eOstreliya. Umzalwana endandinguvulindlela kunye naye wayengumthanjiswa igama lakhe yayinguBennett (Ben) Brickell, ibe wayemdala ngeminyaka engaphezu kweyi-40 kum. b Ndakuvuyela kakhulu ukusebenza nalo vulindlela onamava, nowayesaziwa kakhulu ngoovulindlela abaninzi!
Indawo esasishumayela kuyo yayikumntla ntshona weQueensland ibe yayikunxweme lweCarpentaria. Ngelo xesha, yayindim noBen qha ababengamaNgqina kula ndawo eyayinabantu abambalwa. Ngamanye amaxesha ukusuka kwikhaya ukuya kwelinye kwakusithatha iiyure. Xa siqhuba kwezo ndlela zinde zinothuli, uBen wayedla ngokundibalisela ngamava akhe xa wayesanda kuqala ukushumayela. Ngexesha leMfazwe yeHlabathi yesibini, babedla ngokushumayela ngeemoto ezinesandisi lizwi c ibe ngelo xesha umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe eOstreliya.
Xa litshona ilanga emva kokuba sishumayela, sasidla ngokulala ngasendleleni. d Ukuze sikwazi ukwenza into yokutya, sasiqokelela iinkuni size sibase umlilo. Ndandilala phantsi kwishiti elingangeni manzi, ndineengubo nomqamelo. Ndandiye ndibone indlela uYehova amangalisa ngayo xa ndijonga esibhakabhakeni esigcwele iinkwenkwezi, zingaphazanyiswa zizibane.
Kuyingozi ukumoshakalelwa yimoto kwindawo esecaleni. Ngenye imini kwakushushu ibe namanzi esasinawo ayemancinci, sophukelwa yiasi yevili. UBen waya kwidolophu ekuthiwa yiCloncurry ukuze ayokufumana enye. Ndashiyeka ndigade imoto iintsuku ezintathu. Kwakumane kugqitha iimoto ezimbalwa ibe abantu ababeziqhuba babendipha amanzi. Enye indoda yade yandinika enye incwadi egugileyo yathi, “Khawufunde apha mfo, ingakunceda.” Ndothuka xa ndibona ukuba nangona le ncwadi yayingapapashwanga yintlangano, yayithetha ngezinto ezazisenzeka kumaNgqina kaYehova ngexesha lamaNazi kwiinkampu zoxinaniso!
Mna noBen saba ngoovulindlela kunye phantse kwaphela unyaka. Xa sasisohlukana wathi kum, “Qhubeka usilwa mzalwana wam.” Indlela uBen awayezinikele nawayekhuthele ngayo yandikhuthaza ukuba ndingayeki ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo.
Ndaya EGiliyadi, Emva Koko Ndaya ETaiwan
Emva kokuba nguvulindlela kwindawo enabantu abambalwa iminyaka emininzi, ndaya ndacelwa ukuba ndibe ngumveleli wesiphaluka. Qho ngeveki, ndandisiba kunye nebandla okanye iqela elithile kweso siphaluka. Kuloo minyaka ndasebenza kwiziphaluka eziyi-4, kumabandla ayeseQueensland amanye eseNew South Wales. Ngo-1971, kwenzeka into endandingayilindelanga, ndamenywa kwiklasi ye-51 yaseGiliyadi. Esi sikolo sabavangeli bamaNgqina kaYehova sasiseNew York. Kuso kwaphela iinyanga eziyi-5 sifundisisa iBhayibhile ibe sikhuthazana nabanye abafundi, kunye nabazalwana ababesifundisa. Yonke loo nto yandinceda ndalungela umsebenzi endandiza kuwenza wokuba ngumvangeli eTaiwan.
Kwiklasi yethu kwathunyelwa abantu abayi-9 eTaiwan, omnye wabo yayingu-Ian Brown, waseNew Zealand. Saba ngabavangeli kunye. Sasingazi nto tu ngeTaiwan. Sasingayazi nokuba iphi sade sayijonga kwimaphu.
Mkhulu kakhulu umahluko phakathi kweQueensland neTaiwan! Ingxaki yethu yokuqala yayisisiTshayina. Kwadlula ixesha ndingeva ukuba kuthiwani kwiintlanganiso zebandla, kanti sikhuthazwa kuzo ukuba sihlale siqinile elukholweni. Ndandingakwazi nokuncokola kakuhle nabazalwana noodade. Le nto yasinceda sabona no-Ian ukuba bekutheni ukuze sifundiswe izinto ezingaka eGiliyadi. Ezo zinto zasinceda asanikezela. Enye into eyasincedayo kukufunda iBhayibhile qho nokuthandaza. Nangona sasingakwazi ukuncokola kakuhle nabazalwana noodade basekuhlaleni, sasikhuthazwa kakhulu yindlela abasithanda ngayo nabamthanda ngayo uYehova.
Safunda Ukuthetha IsiTshayina
Bonke abavangeli xa befika eTaiwan, baye bafundiswe isiTshayina. Umntu owayesifundisa yayingudade waseOstreliya uKathleen Logan e, owayekwiklasi ye-25 yaseGiliyadi. Sasizimisela xa sasifundiswa olu lwimi, ibe izinto esasizifunda sasikhawuleza sizisebenzise. Ngosuku lokuqala entsimini, mna no-Ian sankqaya iintshumayelo ezimfutshane. Endleleni sasincokola ngokuba ngubani oza kuthethe kumzi wokuqala. Kuba ndandimdala kunaye, ndamdlalisa ndathi kuza kufuneka kuqale yena. Safika kumninimzi ekubonakalayo ukuba yindoda ethetha isiTshayina. Loo mntu wammamela u-Ian ngomonde njengoko wayezama ukuthetha isiTshayina emana esixuba nesiNgesi. Kwathi kusenjalo, sothuka kakhulu xa esibuza ngesiNgesi ukuba sasifuna ukuthini! Sancokola okwexeshana ibe xa sasivalelisa wasikhuthaza ukuba singancami. Amazwi akhe okuthazo asinceda ukuba “siqhubeke sisilwa” singanikezeli njengokuba uBen wayedla ngokutsho.
Intsimi yethu yayikwindawo enkulu, idolophu elikomkhulu laseTaiwan, iTaipei. Kwakungathi akuzange kwashunyayelwa kuloo ndawo, kuba ayembalwa kakhulu amaNgqina awayehlala khona ngeloo xesha. Kodwa loo nto ayizange isityhafise no-Ian, sangena emsebenzini. Ngezo mini, sasiye sihambise iimagazini ezingaphezu kweziyi-100 qho ngenyanga. Nangona kunjalo, abanye abantu babezithatha njee ezo magazini ukuze baqonde ukuba singoobani nokuba sasifuna ukuthini! Kodwa sasizama ngandlela zonke ukuchazela abantu ngoBukumkani, siqinisekile ukuba abanye baza kuyamkela inyaniso.
Ndancedwa Nangumfazi Wam
Njengoko ndandiqhubeka nokushumayela, ndaqalisa ukuvana nomnye udade waseTaiwan ekuthiwa nguWen-hwa. Wayeyithanda inyaniso ibe efuna nabantu ukuba bancedwe ngomyalezo oseBhayibhileni njengaye. Ngenxa yaloo nto, wayenceda abavangeli abaninzi baphucule indlela abaluthetha ngayo ulwimi lwesiTshayina, nam ndancedwa nguye. Ndaqalisa ukumthanda lo dade ukhutheleyo, saza satshata ngo-1974.
UWen-hwa wayenceda abavangeli abaninzi baphucule indlela abashumayela ngayo. Ngokomzekelo, wasinceda saqonda izithethe nendlela abantu baseTaiwan abacinga ngayo. Wasinceda sakwazi ukushumayela kwintsimi eyayigcwele amaBhuda namaTao. Babebaninzi abantu ababekhonza izinyanya, bembalwa kakhulu abakhe bayibona baza bayifunda iBhayibhile. Ngoko sasishumayela kakhulu ngoMdali, sichazela abantu ukuba igama lakhe nguYehova nokuba kutheni benokuqiniseka ukuba ukhona nyhani. Ngokomzekelo, xa umlimi okanye umlobi esithi, “Sixhomekeke ezulwini ukuze sifumane ukutya” sasiye sithi: “Kusuka kubani konke ukutya? Akusuki kuThixo na onguSomandla, owadala zonke izinto nesifanele simkhonze?”
Kodwa ekuhambeni kwexesha sasikelelwa, kuba abantu abaninzi bayamkela inyaniso yoBukumkani. Abaninzi esasibafundela iBhayibhile basebenza nzima ukuze bazilahle izinto ababezikholelwa ixesha elide, nezithethe ezazingasekelwanga eBhayibhileni. Abavangeli nabavakalisi basekuhlaleni babanceda baphumelela baza baphucula ubomi babo. (Yohane 8:32) Abazalwana abaninzi bamiselwa njengabadala nezicaka zolungiselelo, ibe abaliqela bangena kwinkonzo yexesha elizeleyo, bade basebenza naseBheteli.
Ukususela ngo-1976, ndaqalisa ukusebenza kwiKomiti YeSebe laseTaiwan kodwa ndingekayeki ukuba ngumvangeli. Ngo-1981, mna noWen-hwa samenywa ukuba sizokukhonza eBheteli ibe ndaqhubeka ndisebenza kwiKomiti YeSebe iminyaka emininzi. Ndineminyaka engaphezu kweyi-60 ndikwinkonzo yexesha elizeleyo. ETaiwan ndikhonze iminyaka engaphezu kweyi-50, ibe sele siza kugqiba iminyaka eyi-50 sikunye nomfazi wam. U-Ian Brown, owayengumhlobo wam nomvangeli endandisebenza naye waqhubeka ekwinkonzo yexesha elizeleyo apha de wasweleka ngo-2013.
Mna noWen-hwa sisasebenza eBheteli, sikwibandla lesiTshayina ibe nokushumayela sikukhuthalele. Simbulela kakhulu uYehova ngale misebenzi. Wandinika umnqweno namandla wokumkhonza ngandlela zonke ndisengumfana, ibe usaqhubeka esinceda ngezo zinto noWen-hwa nangoku sesikhulile.
a Uvulindlela okhethekileyo ngumntu ozivolontiyayo ukuba uza kusebenza ixesha lakhe lonke ukuze athunyelwe kwindawo iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova ethi kudingeka abantu abaza kufundisa iBhayibhile kuyo.
b Ibali lobomi likaBennett Brickell likwiMboniselo kaSeptemba 1, 1972.
c Iimoto ezinesandisi lizwi zaziba nesipikha esikhulu ngaphandle esasivakala kwiindawo ezikude njengoko kushunyayelwa umyalezo woBukumkani.
d Ukuze ubone abazalwana abashumayela kwilizwe elinolwandle, bukela ividiyo ethi Ukushumayela emaphandleni—EOstreliya.
e Ibali lobomi likaHarvey noKathleen Logan likwiMboniselo kaJanuwari 2021