Eyokuqala Eya KwabaseKorinte 16:1-24
16 Xa niqokelela iminikelo eniza kuyinika abo bangcwele,+ ningalandela imiyalelo endayinika amabandla aseGalati.
2 Ngosuku lokuqala veki nganye, umntu makabeke ecaleni loo nto anokukwazi ukunikela ngayo, ukuze ningaqalisi ukuqokelela xa ndifika.
3 Kodwa ukufika kwam apho, ndiza kuthumela la madoda niwakhethileyo kwiileta zenu+ ukuba athathe eso sipho senu sobubele asise eYerusalem.
4 Kodwa ke, ukuba kufuneka nam ndiye, ndiza kuhamba nawo.
5 Ndiza kuza kuni emva kokuba ndigqithe eMakedoni,+ kuba ndifuna ukudlula khona;
6 mhlawumbi ndiza kuhlala nani ithutyana, okanye ndichithe ubusika bonke nani, ukuze nindikhaphe nijike esithubeni xa ndisiya kuloo ndawo ndiya kuyo.
7 Andifuni kunibona ndidlula, kuba ndifuna ukukhe ndihlale nani,+ ukuba uYehova* uyavuma.
8 Kodwa ndiza kuhlala e-Efese+ kude kube liTheko LePentekoste,*
9 kuba ndivulelwe umnyango omkhulu ukuze ndenze umsebenzi weNkosi,+ kodwa kukho abachasi abaninzi.
10 Ukuba ke uTimoti+ uye wafika, ze nimenze azive ekhululekile phakathi kwenu, kuba wenza umsebenzi kaYehova,*+ kanye njengokuba nam ndisenza.
11 Ngoko makungabikho mntu umjongela phantsi. Mkhululeni ahambe ngoxolo ukuze eze kum, kuba mna nabazalwana simlindile.
12 Yena uApolo+ umzalwana wethu, ndiye ndamcenga ukuba ahambe nabazalwana eze kuni. Ebengekazimiseli ukuza kuni ngoku, kodwa uza kuza xa efumana ithuba.
13 Hlalani nithe qwa,+ nibe nokholo olomeleleyo,+ nibe ngamadoda,*+ nomelele.+
14 Zonke izinto enizenzayo zenzeni ngothando.+
15 Ndiyanicela ke bazalwana: Niyazi ukuba indlu kaStefana yeyokuqala ukuba ngamakholwa eAkhaya nokuba baye bazinikela ekuncedeni abo bangcwele.
16 Kwanga nani ningahlala nibathobela abantu abanjalo naye wonke umntu osebenzisana nathi esebenza nzima.+
17 Kodwa kuyandivuyisa ukubakho kukaStefana,+ uFortunato noAkhayiko, kuba basivalile isikhewu senu.
18 Kuba bandikhuthazile mna, banikhuthaza nani. Ngoko bahlonipheni abantu abanjalo.
19 Ayanibulisa amabandla aseAsiya. UAkwila noPriska kunye nebandla elingenela endlini yabo+ banibulisa ngokusuka entliziyweni njengabalandeli beNkosi.
20 Bonke abazalwana bayanibulisa. Bulisanani ngokuphuzana.*
21 Mna Pawulos, ndibhala lo mbuliso ngesandla sam.
22 Nabani na ongayithandiyo iNkosi makaqalekiswe. Owu Nkosi yethu, yiza!
23 Kwanga iNkosi uYesu inganenzela ububele.*
24 Ndinithanda nonke nina nimanyene noKristu Yesu.
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Itheko losuku lwe-50 ukusuka kuNisan 16. Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Funda Isihlomelo A5.
^ Okanye “nibe nesibindi.”
^ Ngokoqobo, “ngokuphuzana ngendlela engcwele.” Ukuphuza umKristu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
^ Okanye “ububele obunganifanelanga.”