Eyokuqala KaSamuweli 3:1-21

  • USamuweli kuthiwa makabe ngumprofeti (1-21)

3  Ngelo xesha inkwenkwana uSamuweli yayisebenzela+ uYehova phantsi kukaEli, kodwa ngaloo mihla lalinqabile ilizwi elivela kuYehova, nemibono+ ingaxhaphakanga.  Ngenye imini, uEli wayelele endaweni yakhe yesiqhelo, namehlo akhe enorhatyazo. Wayengaboni.+  Isibane sikaThixo+ sasingekacinywa, yaye uSamuweli wayelele etempileni*+ kaYehova, apho kwakukho iTyeya kaThixo.  UYehova wabiza uSamuweli. Yena waphendula wathi: “Ndim lo.”  Waya ebaleka kuEli, wathi kuye: “Ndim lo, kuba undibizile.” Kodwa yena wathi: “Andikubizanga. Phinda uyokulala.” Wahamba wayokulala.  UYehova waphinda wambiza wathi: “Samuweli!” Wavuka ke uSamuweli waya kuEli, wathi: “Ndim lo, kuba undibizile.” Kodwa yena wathi: “Andikubizanga, nyana wam. Phinda uyokulala.”  (Kaloku uSamuweli wayengekamazi kakuhle uYehova, ibe wayengekafumani myalezo uvela kuYehova.)+  UYehova wambiza okwesithathu wathi: “Samuweli!” Wavuka waya kuEli waza wathi: “Ndim lo, kuba undibizile.” UEli waqonda ukuba nguYehova owayebiza le nkwenkwana.  Ngoko wathi kuSamuweli: “Hamba uyokulala, yaye ukuba uyakubiza, uze uthi, ‘Thetha Yehova, kuba umkhonzi wakho umamele.’” Wahamba ke uSamuweli, wayokulala endaweni yakhe. 10  UYehova weza, wema apho waza wambiza ngalaa ndlela wayembize ngayo ngaphambili wathi: “Samuweli, Samuweli!” Waphendula ke uSamuweli wathi: “Thetha, kuba umkhonzi wakho umamele.” 11  UYehova wathi kuSamuweli: “Jonga! Ndenza into kwaSirayeli eza kuzitsho zithi nzwii zombini iindlebe zakhe nabani na oyivayo.+ 12  Ngaloo mini ndiza kuyenza yonke into endiyithethileyo ngendlu kaEli, ukususela kweyokuqala ukuya kweyokugqibela.+ 13  Uze umxelele ukuba ndiyigweba ngonaphakade indlu yakhe ngenxa yesono sayo asaziyo.+ Kuba oonyana bakhe badelela uThixo,+ kodwa yena khange abanqande.+ 14  Yiloo nto ndiyifungeleyo indlu kaEli ngelithi isono sayo soze sihlawulelwe yimibingelelo okanye yiminikelo.”+ 15  USamuweli walala kwada kwasa, emva koko wavula iingcango zendlu kaYehova. USamuweli wayesoyika ukumxelela uEli ngalo mbono. 16  Kodwa uEli wambiza uSamuweli wathi: “Samuweli nyana wam!” Yena waphendula wathi: “Ndim lo.” 17  UEli wambuza wathi: “Uthini umyalezo akunike wona? Ndiyakucela, ungandifihleli. Kwanga uThixo angakohlwaya aze ongeze, ukuba uye wandifihlela nokuba ibe nye into ayithethileyo kuwe.” 18  Ngoko uSamuweli wamxelela yonke into, akamfihlela kwanto. UEli wathi: “Oku kuvela kuYehova. Makenze into elungileyo emehlweni akhe.” 19  Waqhubeka ekhula uSamuweli, noYehova waba naye+ waza wayenza yonke into awayethe uza kuyenza.* 20  Wonke uSirayeli, ukususela kwaDan kuse eBher-sheba, waqonda ukuba uSamuweli wayekhethiwe ukuba abe ngumprofeti kaYehova. 21  Ibe uYehova waqhubeka ebonakala eShilo, kuba uYehova wazityhila kuSamuweli eShilo ngelizwi likaYehova.+

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, ententeni engcwele.
Ngokoqobo, “akavumela nalinye kumazwi akhe ukuba liwele emhlabeni.”