Eyokuqala KuTimoti 6:1-21

  • Amakhoboka amele azithobele iinkosi zawo (1, 2)

  • Abafundisi bobuxoki nokuthanda imali (3-10)

  • Imiyalelo eya kumntu kaThixo (11-16)

  • Ukwenza izinto ezininzi ezintle (17-19)

  • Yikhusele into oyiphathisiweyo (20, 21)

6  Bonke abaphantsi kwedyokhwe yobukhoboka bamele baqhubeke bebahlonipha ngokupheleleyo abanikazi babo,+ ukuze kungaze kuthethwe kakubi ngegama likaThixo nangemfundiso yakhe.+  Ngaphezu koko, abo bangamakhoboka amaKristu bamele bangawadeleli kuba engabazalwana. Kunoko, bamele bakhuthale kakhulu, kuba abo babasebenzelayo ngabazalwana ababathandayo. Qhubeka ufundisa ezi zinto yaye ubacenga ukuba bazenze.  Ukuba kukho umntu ofundisa into eyahlukileyo kule, engavumelani nemfundiso ephilileyo+ esuka kwiNkosi yethu uYesu Kristu, yaye engavumelani kunye nemfundiso esibonisa indlela emasimkhonze ngayo uThixo,+  ukhukhumele likratshi ibe akukho nto ayaziyo.+ Uthe phithi kukuxambulisana nokuphikisana ngamagama.+ Ezi zinto zenza kubekho umona, ukungavisisani, ukungcoliswa kwamagama abantu,* ukungathembani,  ukuphikisana ngezinto ezingenamsebenzi okubangelwa ngabantu abaneengqondo ezonakeleyo+ nabangasayaziyo inyaniso, bekhonza uThixo kuba nje kukho into abayifunayo.+  Nyhani ke, inkulu into umntu ayifumanayo xa ezinikele kuThixo,+ ngaphezu koko uyaneliseka.  Asizanga nanto emhlabeni, ngoko ke asizukuphuma nanto.+  Ukuba sinokutya* nento yokunxiba,* masaneliswe zezo zinto.+  Kodwa abo bazimisele ukuba zizityebi beyela esilingweni nasemgibeni,+ nakwiminqweno emininzi yobudenge, zinto ezo ezibazisela intlekele nokufa.+ 10  Kuba ukuthanda imali yingcambu yazo zonke izinto ezibuhlungu, yaye kubenze balulahla ukholo abanye, bezizisela iintlungu ezininzi.+ 11  Kodwa wena mntu kaThixo, zibaleke ezi zinto. Zimisele ukuba lilungisa, ukuba nokholo, ukuba nothando, ukunyamezela, ukuzinikela kuThixo nokuzola.+ 12  Lulwele ngamandla akho onke ukholo; bambelela kwithemba lobomi obungunaphakade owabizelwa kubo waza washumayela ngabo kumntu wonke phambi kwamangqina amaninzi. 13  Ndikuyalela phambi koThixo ogcina zonke izinto ziphila, noKristu Yesu, owathetha ngokuphandle phambi koPontiyo Pilato,+ 14  ukuba uyithobele ngokupheleleyo nangendlela engenakukhalazeleka le miyalelo, ide ibonakaliswe iNkosi yethu uYesu Kristu,+ 15  ibe yena okuphela kwakhe Onegunya nowonwabileyo, uza kuzibonakalisa ngexesha elibekiweyo. Yena unguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi,+ 16  nguye kuphela ongenakufa,*+ ohlala ekukhanyeni okungenakufikeleleka,+ ekungekho namnye umntu owakha wambona okanye onako ukumbona.+ Makanikwe imbeko aze abe namandla ngonaphakade. Amen. 17  Bayalele abo bazizityebi kweli hlabathi* ukuba bangaziphakamisi, yaye bangathembeli kubutyebi obungazukuhlala bukhona,+ kodwa bathembele kuThixo, osinika zonke izinto ezisonwabisayo.+ 18  Bakhuthaze ukuba benze izinto ezilungileyo, benze izinto ezininzi ezintle, babe nobubele, yaye bakulungele ukupha abanye,+ 19  bezibekela isiseko esihle nesikhuselekileyo sobutyebi bexesha elizayo,+ ukuze bafumane ubomi benene.+ 20  Timoti, yikhusele into oyiphathisiweyo,+ ungazimameli iintetho ezingakhiyo eziphikisana noThixo, nezinto ezithethwa ngabantu abacinga ukuba bayazi, kodwa olo “lwazi” lwabo luphikisana nenyaniso.+ 21  Abanye baye balushiya ukholo ngenxa yokuqhayisa ngolo lwazi. Kwanga uThixo anganenzela ububele.*

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ukuthetha amazwi ahlabayo.”
Okanye “sinento yokusixhasa.”
Okanye “nendawo yokufihla intloko.”
Okanye “ongasoze afe.”
Okanye “ububele obunganifanelanga.”