Eyesibini YeziKronike 11:1-23
11 Ukufika kukaRehobhoham eYerusalem, ngoko nangoko waqokelela indlu kaYuda noBhenjamin,+ amagorha aqeqeshiweyo* ayi-180 000, ukuze alwe nendlu kaSirayeli, kuze kubuyiselwe ubukumkani kuRehobhoham.+
2 Emva koko, kwafika ilizwi likaYehova kuShemaya+ umntu kaThixo wokwenene, lisithi:
3 “Yithi kuRehobhoham unyana kaSolomon ukumkani wakwaYuda nakuSirayeli wonke okwaYuda nakuBhenjamin,
4 ‘Uthi uYehova: “Ningenyuki niyokulwa nabantakwenu. Wonke umntu makabuyele endlini yakhe, kuba ndim obangele ukuba le nto yenzeke.”’”+ Balithobela ke ilizwi likaYehova, baza bagoduka, abaya ukuyokulwa noYerobhoham.
5 URehobhoham wahlala eYerusalem waza wakha izixeko ezikhuselekileyo kwaYuda.
6 Wakha* iBhetelehem,+ iEtam, iTekowa,+
7 iBhete-tsure, iSoko,+ iAdulam,+
8 iGati,+ iMereshaha, iZifi,+
9 iAdorayim, iLakishe,+ iAzeka,+
10 iTsora, iAyalon+ neHebron,+ izixeko ezikhuselekileyo ezazikwaYuda nakwaBhenjamin.
11 Waqinisa iindawo ezikhuselekileyo, wabeka abaphathi kuzo, wabanika ukutya, ioli newayini,
12 wabeka amakhaka amakhulu nemikhonto kuzo zonke izixeko ezahlukahlukeneyo, waziqinisa zomelela nkqi. UYuda noBhenjamin baqhubeka bengabakhe.
13 Ababingeleli nabaLevi ababekuye wonke uSirayeli bema ngakuye bevela kuyo yonke imimandla yabo.
14 AbaLevi bashiya amadlelo abo nezinto zabo,+ beza kwaYuda naseYerusalem, kuba uYerobhoham noonyana bakhe babebayekisile ukuba ngababingeleli bakaYehova.+
15 Emva koko, uYerobhoham wazimisela abakhe ababingeleli beendawo eziphakamileyo+ nabeedemon ezimilise okweebhokhwe*+ nabamathole eenkomo awayewenzile.+
16 Abantu ababephuma kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, ababezimisele ngeentliziyo zabo zonke ukufuna uYehova uThixo kaSirayeli, balandela ababingeleli nabaLevi, baya eYerusalem ukuze babingelele kuYehova uThixo wookhokho babo.+
17 Babomeleza iminyaka emithathu ubukumkani bukaYuda yaye baxhasa uRehobhoham unyana kaSolomon, kuba bahamba ngendlela kaDavide nekaSolomon iminyaka emithathu.
18 Emva koko uRehobhoham wathatha uMahalati intombi kaYerimoti unyana kaDavide wayenza umfazi wakhe, noAbhihali intombi kaEliyabhi+ unyana kaYese.
19 Ekuhambeni kwexesha wamzalela oonyana: uYewushe, uShemariya noZaham.
20 Emva kwakhe, watshata uMahaka umzukulwana ka-Abhisalom.+ Ekuhambeni kwexesha wamzalela uAbhiya,+ uAtayi, uZiza noShelomiti.
21 URehobhoham wayemthanda kakhulu uMahaka umzukulwana ka-Abhisalom kunabo bonke abanye abafazi bakhe,*+ kuba wayethathe abafazi abayi-18 nabanye abayi-60,* yaye wazala oonyana abayi-28 neentombi eziyi-60.
22 Ngoko uRehobhoham wenza uAbhiya unyana kaMahaka intloko nenkokheli phakathi kwabantakwabo, kuba wayefuna ukumenza ukumkani.
23 Kodwa ke, wenza ngokuqonda waza wabasasaza abanye boonyana bakhe. Wabasasazela kuzo zonke izizwe zakwaYuda nezakwaBenjamin, nakuzo zonke izixeko ezikhuselekileyo,+ waza wabanika izinto ezininzi, wabafunela nabafazi abaninzi.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “akhethiweyo.”
^ Okanye “Wayenza yakhuseleka.”
^ Ngokoqobo, “nabeebhokhwe.”
^ Okanye “bonke abanye abafazi namashweshwe akhe.”
^ Okanye “namashweshwe ayi-60.”