Eyesibini YeziKronike 12:1-16
12 Kwixesha nje elifutshane emva kokuba ubukumkani bukaRehobhoham benziwe bomelela,+ naye sele omelele, wawushiya uMthetho kaYehova,+ ekunye naye wonke uSirayeli.
2 Ngonyaka wesihlanu kaKumkani uRehobhoham, uKumkani uShishaki+ waseYiputa wenyuka ezokuhlasela iYerusalem, kuba babeye abathembeka kuYehova.
3 Wayeneenqwelo eziyi-1 200, abakhweli-mahashe abayi-60 000, namajoni angenakubalwa aweza naye esuka eYiputa, amaLibhiya, amaSuki namaTiyopiya.+
4 Wathimba izixeko ezikhuselekileyo zakwaYuda, wada wayokufika eYerusalem.
5 UShemaya+ umprofeti waya kuRehobhoham nakwiinkokheli zakwaYuda ezazidibene eYerusalem ngenxa kaShishaki, wathi kubo: “Uthi uYehova, ‘Nina nindishiyile, nam ke ndinishiyile,+ ndininikele kuShishaki.’”
6 Iinkokheli zakwaSirayeli nokumkani bazithoba,+ bathi: “UYehova ulilungisa.”
7 Akubona uYehova ukuba bazithobile, ilizwi likaYehova lafika kuShemaya, lisithi: “Bazithobile. Andizukubatshabalalisa,+ yaye akuzukuba kudala ndibasindise. Andizukuwukhuphela eYerusalem umsindo wam ngoShishaki.
8 Kodwa baza kuba zizicaka zakhe, ukuze bawazi umahluko phakathi kokukhonza mna, nokukhonza ookumkani* bamanye amazwe.”
9 Ngoko uKumkani uShishaki waseYiputa weza kuhlasela iYerusalem. Wabuthimba ubutyebi bendlu kaYehova+ nobutyebi bendlu kakumkani. Wabutha konke, kunye namakhaka egolide awayenziwe nguSolomon.+
10 Ngoko uKumkani uRehobhoham wenza amakhaka ekopolo endaweni yawo, wawanika iintloko zoonogada* ababegade igeyithi yendlu kakumkani.
11 Nanini na ukumkani esiya endlini kaYehova, aba nogada babengena baze bawaphathe, emva koko bawabuyisele kwigumbi loonogada.
12 Ekubeni ukumkani waye wazithoba, umsindo kaYehova wasuka kuye,+ yaye akazange amtshabalalise ngokupheleleyo.+ Ngaphezu koko, kukho izinto ezilungileyo ezafunyanwayo kwaYuda.+
13 UKumkani uRehobhoham wasiqinisa isikhundla sakhe eYerusalem waza waqhubeka elawula. URehobhoham wayeneminyaka eyi-41 ukuba ngukumkani kwakhe, ibe walawula iminyaka eyi-17 eYerusalem, isixeko awasinyulayo uYehova kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli ukuze alibeke khona igama lakhe. Igama likamama wakhe lalinguNahama umAmonikazi.+
14 Kodwa wenza okubi, kuba akazange azimisele entliziyweni yakhe ukumfuna uYehova.+
15 Imbali kaRehobhoham, ukususela ekuqaleni ukuyokutsho ekugqibeleni, ayibhalwanga na emazwini kaShemaya+ umprofeti nakaIdo+ imboni kumnombo wokuzalwa? Yaye kwakuhlala kukho imfazwe phakathi kukaRehobhoham noYerobhoham.+
16 URehobhoham walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa kwisiXeko SikaDavide.+ Unyana wakhe uAbhiya+ waba ngukumkani endaweni yakhe.