Eyesibini YeziKronike 14:1-15
14 UAbhiya walala kookhokho bakhe, wangcwatyelwa kwisiXeko SikaDavide,+ waza uAsa unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe. Ngemihla yakhe laphumla ilizwe iminyaka elishumi.
2 UAsa wenza izinto ezilungileyo nezintle emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
3 Wazisusa izibingelelo zasemzini+ neendawo eziphakamileyo, waziqhekeza iintsika ezingcwele,+ wazigawula neepali ezingcwele.*+
4 Ngapha koko, wathi kuYuda makafune uYehova uThixo wookhokho bakhe, aze awuthobele uMthetho nomyalelo.
5 Wazisusa iindawo eziphakamileyo neendawo zokubeka isiqhumiso esiqholiweyo+ kuzo zonke izixeko zakwaYuda, ibe xa wayelawula, ubukumkani baqhubeka bungaphazanyiswa.
6 Wakha izixeko ezikhuselekileyo kwaYuda,+ kuba ilizwe lalingaphazanyiswa yaye kungekho mfazwe ayilwayo ngaloo minyaka, kuba uYehova wayemphumzile.+
7 Wathi kuYuda: “Masizakheni ezi zixeko size sizibiyele ngeendonga, sizijikeleze ngeenqaba,+ sifake iigeyithi* neentsimbi. Kuba ilizwe liselelethu kuba siye samfuna uYehova uThixo wethu. Simfunile, yaye yena usiphumzile macala onke.” Ngoko baphumelela ekwakheni kwabo.+
8 UAsa wayenomkhosi wamajoni akwaYuda ayi-300 000 axhobe ngamakhaka amakhulu nemikhonto. Yaye kwaBhenjamin kwakukho amagorha ayi-280 000 aphatha amakhaka amancinci,* axhobe ngezaphetha.*+
9 Ethubeni uZera umTiyopiya weza kulwa nabo enomkhosi wamadoda ayi-1 000 000 neenqwelo eziyi-300.+ Wathi akufika eMareshaha,+
10 uAsa wamhlangabeza ezokulwa naye baza balungela ukulwa kwiNtlambo YaseTsefata eMareshaha.
11 Emva koko uAsa wathandaza kuYehova uThixo wakhe+ wathi: “Owu Yehova, ayithethi nto kuwe into yokuba baninzi okanye abanamandla abo ubancedayo.+ Sincede, Yehova Thixo wethu, kuba sithembele* ngawe,+ ibe sizokulwa nale nginginya egameni lakho.+ Owu Yehova, unguThixo wethu. Sukuvumela umntu ofayo akoyise.”+
12 Ngoko uYehova wawoyisa amaTiyopiya phambi kuka-Asa naphambi kukaYuda, aza abaleka.+
13 UAsa nabantu ababekunye naye bawaleqa bayokufika eGerare,+ yaye amaTiyopiya aqhubeka esiwa, de afa onke, kuba atshatyalaliswa nguYehova nayinkampu yakhe. Emva koko bazithathela izinto ezininzi zamaTiyopiya.
14 Bazixabela zonke izixeko ezazikufutshane neGerare, kuba ezo zixeko zazityhwatyhwa zisoyika uYehova, yaye baziphanga xa zizonke, kuba yayininzi into ababenokuzithathela yona kwezo zixeko.
15 Bahlasela neentente zabo babenemfuyo, bathimba iigusha ezininzi neenkamela, emva koko babuyela eYerusalem.
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Ngokoqobo, “ iingcango ezingambini.”
^ Ngokoqobo, “nawayenyathela izaphetha.”
^ La makhaka ayeqhele ukuphathwa ngabatoli.
^ Ngokoqobo, “sayame.”