Eyesibini KaSamuweli 12:1-31
12 UYehova wathuma uNatan+ kuDavide. Wafika+ wathi kuye: “Kwesinye isixeko kwakukho amadoda amabini. Enye yayisisityebi, enye ilihlwempu.
2 Le isisityebi yayineegusha neenkomo ezininzi kakhulu,+
3 kodwa yona le ilihlwempu yayingenanto ngaphandle nje kwethokazi elincinci legusha eyayilithengile.+ Yayilihoya, ibe lakhula lihlala nayo kunye noonyana bayo. Lalisitya kuloo ntwana yokutya eyayinako, lisela endebeni yayo ibe lilala ezingalweni zayo. Yayilithatha ngokungathi yintombi yayo.
4 Ethubeni le ndoda isisityebi yafikelwa lundwendwe. Ayizange ithathe kwezayo iigusha nakwezayo iinkomo ukuze ilungiselele umhambi. Yathatha itakane legusha lendoda elihlwempu, yalilungiselela undwendwe lwayo.”+
5 Uthe akuva le nto uDavide, wanomsindo kakhulu, ecatshukiswa yile ndoda. Wathi kuNatan: “Ephila nje uYehova,+ indoda eyenze le nto ifanelwe kukufa!
6 Imele ibhatale ngamatakane eegusha ngokuphindwe kane+ kuba yenze le nto, ayabi nalusizi.”
7 UNatan wathi kuDavide: “Loo ndoda ke nguwe! Uthi uYehova uThixo kaSirayeli: ‘Mna ndakukhetha ukuba ube ngukumkani kaSirayeli,+ ibe ndakusindisa esandleni sikaSawule.+
8 Bendikulungele ukukunika indlu yenkosi yakho.+ Bendikulungele nokukunika abafazi benkosi yakho.+ Ndakunika indlu kaSirayeli nendlu kaYuda.+ Ngokungathi loo nto ibinganelanga, bendikulungele ukukwenzela izinto ezininzi kakhulu kunezi.+
9 Kutheni ulidelele ilizwi likaYehova ngokwenza into embi emehlweni akhe? Uxabele u-Uriya umHiti ngekrele!+ Emva koko uthathe umfazi wakhe wamenza umfazi wakho,+ emva kokuba umbulele ngekrele lama-Amoni!+
10 Ngenxa yaloo nto, soze limke ikrele endlini yakho,+ kuba undidelele ngokuthatha umfazi kaUriya umHiti wamenza owakho.’
11 Uthi uYehova: ‘Ndikuzisela intlekele. Iza kuvela kwalapha kwindlu yakho.+ Ndiza kuthatha abafazi bakho ndibanike enye indoda* ujongile,+ yona ilale nabo phandle, ilanga lihlabe umhlaba.*+
12 Nangona wenze le nto ungabonwa,+ mna ndiza kuyenza phambi koSirayeli wonke, ilanga lihlabe umhlaba.’”*
13 UDavide wathi kuNatan: “Ndimonile uYehova.”+ UNatan wathi: “Naye ke uYehova uyasixolela isono sakho.*+ Awuzukufa.+
14 Nangona kunjalo, kuba uye wamdelela uYehova ngokwenza le nto, lo nyana osanda kumzalelwa, uza kufa.”
15 Emva koko, uNatan wagoduka.
UYehova wambetha ngesibetho, wagula umntwana uDavide awayemzalelwe ngumfazi kaUriya.
16 UDavide wamcenga uThixo wokwenene, ecengela inkwenkwe leyo. Wazila ukutya, emane engena egumbini lakhe achithe ubusuku elele phantsi bhaxa.+
17 Ngoko amagosa amadala endlu yakhe ema phezu kwakhe, azama ukumphakamisa emhlabeni, kodwa wala akafuna nokutya.
18 Ngosuku lwesixhenxe umntwana wafa, kodwa izicaka zikaDavide zoyika ukumxelela ukuba umntwana ufile. Zathi: “Siye sathetha naye xa umntwana ebesaphila, akasimamela. Ngoko singamchazela njani ukuba umntwana ufile? Usenokwenza into embi kakhulu.”
19 Xa uDavide wabona izicaka zakhe zisebezelana, waqonda ukuba umntwana ufile. Wathi kwizicaka zakhe: “Ufile na umntwana?” Zathi: “Ufile.”
20 UDavide waphakama, wahlamba, wazithambisa ngamafutha,+ watshintsha iimpahla zakhe, waya endlini+ kaYehova, waza waqubuda. Emva koko waya endlini yakhe, wacela ukuba aphathelwe ukutya, watya.
21 Izicaka zakhe zambuza: “Kutheni izinto uzenze ngale ndlela? Ngokuya umntwana ebesaphila uye wazila ukutya, walila, kodwa uthe nje akufa, waphakama waza watya.”
22 Yena wathi: “Ngokuya umntwana ebesaphila ndiye ndazila ukutya+ ndaza ndalila, kuba bendizixelele le nto, ‘Ngubani owaziyo ukuba uYehova angandenzela inceba na, aze umntwana aphile?’+
23 Ekubeni efile, kutheni ngoku kufuneka ndizile ukutya? Ndingakwazi na ukumbuyisa?+ Ndim oza kuya kuye,+ yena akazukubuyela kum.”+
24 Emva koko uDavide wamthuthuzela uBhatshebha umfazi wakhe.+ Wangena kuye waza walala naye. Ekuhambeni kwexesha waba nonyana owathiywa igama elinguSolomon.*+ UYehova wayemthanda,+
25 yaye wathumela uNatan+ umprofeti ukuba amthiye igama elinguYedidiya,* ngenxa kaYehova.
26 UYowabhi walwa neRabha+ yama-Amoni+ waza wasithimba isixeko sasebukhosini.*+
27 Ngoko uYowabhi wathumela abathunywa kuDavide waza wathi: “Ndilwile neRabha,+ ndasithimba isixeko samanzi.*
28 Ngoko ke qokelela onke amajoni ashiyekileyo ayokulwa naso, uze usithimbe. Kungenjalo ndiza kusithimba ngokwam isixeko, yaye oko kuza kubalelwa kum.”*
29 UDavide waqokelela onke amajoni waya kulwa neRabha waza wayithimba.
30 Emva koko wasithatha isithsaba sikaMalekam kwintloko yakhe. Ubunzima baso babuyitalente* yegolide, kunye namatye axabisekileyo, yaye sabekwa entloko kuDavide. Wathatha nezinto ezininzi ezixabisekileyo+ kweso sixeko.+
31 Wabakhupha abantu ababekweso sixeko ukuze basarhe amatye, basebenze ngezixhobo ezibukhali zentsimbi, nangamazembe entsimbi, benze nezitena. Wenza ngaloo ndlela kuzo zonke izixeko zama-Amoni. Ekugqibeleni uDavide nawo onke amajoni babuyela eYerusalem.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “isizalwane sakho.”
^ Ngokoqobo, “ilanga lijongile.”
^ Ngokoqobo, “phambi kwelanga.”
^ Okanye “uyasidlulisa isono sakho.”
^ Lithathwe kwigama lesiHebhere elithetha “Uxolo.”
^ Othetha ukuthi “Othandwayo nguYa.”
^ Okanye “sobukumkani.”
^ Kusenokwenzeka ukuba kubhekiselwa kumanzi esixeko.
^ Ngokoqobo, “yaye siza kubizwa ngegama lam.”
^ Italente enye yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.