Eksodus 31:1-18
31 UYehova waqhubeka ethetha noMoses, esithi:
2 “Jonga, ndikhethe* uBhetsaleli+ unyana kaUri, unyana kaHure wesizwe sakwaYuda.+
3 Ndiza kumnika umoya kaThixo, ndimenze alumke, aqonde aze ayazi yonke into enento yokwenza nobuchule bezandla,
4 ukuze azobe iiplani, asebenze ngegolide, isilivere nekopolo,
5 axonxe amatye aze awaqingqe,+ enze zonke izinto ezenziwa ngomthi.+
6 Ndikhethe nomntu oza kumncedisa, uOholiyabhi+ unyana ka-Ahisamaki wesizwe sakwaDan. Ndibenza babe neentliziyo ezilumkileyo bonke abantu abangamachule* ukuze benze zonke ezi zinto ndikuyalela zona:+
7 intente yokuhlangana,+ ityeya yoBungqina+ nesivalo sayo,+ zonke izinto zasententeni,
8 itafile+ nezinto zayo, isiphatho sezibane esenziwe ngegolide esulungekileyo nazo zonke izinto zaso,+ isibingelelo sesiqhumiso esiqholiweyo,+
9 isibingelelo somnikelo otshiswayo+ nazo zonke izinto zaso, isitya nesiseko saso,+
10 iimpahla ezenziwe ngamalaphu aphothwe kakuhle, iimpahla ezingcwele zika-Aron umbingeleli, iimpahla ezinxitywa ngoonyana bakhe xa besenza umsebenzi wababingeleli,+
11 ioli yokuthambisa, nesiqhumiso esiqholiweyo sendawo engcwele.+ Baza kwenza yonke into endikuyalela yona.”
12 UYehova waphinda wathi kuMoses:
13 “Thetha namaSirayeli uthi, ‘Akukho nto ibaluleke ngaphezu kokuba nigcine iisabatha zam,+ kaloku ziluphawu phakathi kwam nani nakuzo zonke izizukulwana zenu, ukuze nihlale nisazi ukuba mna Yehova ndiyaningcwalisa.
14 Nimele niyigcine iSabatha, kuba ingcwele kuni.+ Nabani na oyingcolisayo umele abulawe. Ukuba kukho nabani na oye wasebenza ngeSabatha, loo mntu* umele abulawe.+
15 Ningasebenza iintsuku ezintandathu, kodwa usuku lwesixhenxe yisabatha yokuphumla ngokupheleleyo.+ Ingcwele kuYehova. Nabani na osebenzayo ngomhla weSabatha umele abulawe.
16 AmaSirayeli amele ayigcine iSabatha. Amele ayibhiyozele kuzo zonke izizukulwana zawo. Isisivumelwano sikanaphakade.
17 Iluphawu oluza kuhlala ixesha elide phakathi kwam nabantu bakwaSirayeli,+ kuba uYehova wadala amazulu nomhlaba ngeentsuku ezintandathu, waza ngosuku lwesixhenxe waphumla, wazihlaziya.’”+
18 Wathi uThixo akugqiba ukuthetha noMoses eNtabeni YaseSinayi, wamnika amacwecwe amabini oBungqina,+ amacwecwe amatye abhalwe ngomnwe kaThixo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “ndibize ngegama.”
^ Ngokoqobo, “abalumkileyo entliziyweni.”
^ Okanye “mphefumlo.”