IMizekeliso 3:1-35
3 Nyana wam, ungayilibali imfundiso yam,*Kwanga intliziyo yakho ingayigcina imiyalelo yam,
2 Kuba iya kukongezela imihla emininziNeminyaka yobomi noxolo.+
3 Ungaze wahlukane nothando olungagungqiyo nokuthembeka.*+Zibophelele entanyeni yakho;Zibhale entliziyweni yakho;+
4 Uza kutsho wamkeleke uze ube ngumntu onobulumkoEmehlweni kaThixo nawabantu.+
5 Thembela ngoYehova+ ngayo yonke intliziyo yakho,Ungathembeli* kwindlela oziqonda ngayo izinto.+
6 Uze umkhumbule ezindleleni zakho zonke,+Ibe uza kuyenza iphumelele indlela yakho.+
7 Uze ungabi sisilumko kwawakho amehlo.+
Yoyika uYehova, usuke ebubini.
8 Loo nto iza kuwuphilisa umzimba wakho,*Iwahlaziye namathambo akho.
9 Mnike imbeko uYehova ngezinto zakho ezixabisekileyo,+Ngesivuno sokuqala semveliso* yakho yonke;+
10 Baza kutsho bagcwale qhu oovimba bakho,+Neefatyi* zakho ziphuphume yiwayini entsha.
11 Nyana wam, uze ungayilahli ingqeqesho kaYehova,+Ungasenyanyi isohlwayo sakhe,+
12 Kuba uYehova uyamohlwaya umntu amthandayo,+Kanye njengokuba notata emohlwaya unyana amthandayo.+
13 Wonwabile umntu ofumene ubulumko+Nomntu ozuze ukuqonda;
14 Ukufumana ubulumko kubhetele kunokufumana isilivere,Nenzuzo yabo ibhetele kunokuba negolide.+
15 Buxabiseke ngaphezu kweekorale;*Akukho nanye into oyinqwenelayo enokulinganiswa nabo.
16 Esandleni sabo sasekunene bubomi obude;Esandleni sabo sasekhohlo bubutyebi nozuko.
17 Iindlela zabo ziyathandeka,Zonke iindlela zabo zezoxolo.+
18 Bungumthi wobomi kwabo babambelela kubo;Abo babambelela nkqi kubo kuya kuthiwa bonwabile.+
19 UYehova wawuseka ngobulumko umhlaba.+
Wawazinzisa amazulu ngokuqonda.+
20 Ngolwazi lwakhe wahlukanisa amanzi anzuluAza amafu asesibhakabhakeni avuza umbethe.+
21 Nyana wam, ezi zinto* mazingasitheli emehlweni akho.Bukhusele ubulumko namandla okucinga;
22 Ziya kukunika ubomi,Zibe sisihombo sentamo yakho;
23 Ngoko uza kuhamba ukhuselekile,Nonyawo lwakho soze lukhubeke.*+
24 Xa ulala, awuzukoyika;+Buza kwehla ubuthongo, ulale yoyi.+
25 Awuzukoyika nayiphi na intlekele equbulayo+Nesaqhwithi esiza kufikela abenzi-bubi.+
26 Kuba uYehova uza kuhlala elithemba lakho;+Soze aluyeke unyawo lwakho lungene emgibeni.+
27 Sukwala ukubenzela izinto ezilungileyo abo bazidingayo*+Xa unamandla okubanceda.+
28 Sukuthi kummelwane wakho, “Hamba; uze uphinde ubuye! Ndiza kukunika ngomso,”
Ube ukwazi ukumnika ngoku.
29 Sukumenzela iyelenqe ummelwane wakho+Xa ecinga ukuba ukhuselekile kuwe.
30 Sukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu+Engakwenzanga nto.+
31 Sukummonela umntu okhohlakeleyo+Okanye ukhethe nayiphi na kwiindlela zakhe,
32 Kuba uYehova uyamenyanya umntu onamaqhinga,+Kodwa ungumhlobo osenyongweni walowo wenza izinto ezintle.+
33 UYehova uyayiqalekisa indlu yabenzi-bubi,+Kodwa uyayisikelela indlu yamalungisa.+
34 Uhlekisa ngabo abo bagxekayo,+Kodwa uyabathanda abo balulamileyo.+
35 Izilumko ziza kufumana imbeko njengelifa,Kodwa zona izidenge ziza kwambatha ihlazo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ungawulibali umthetho wam.”
^ Okanye “nenyaniso.”
^ Ngokoqobo, “Ungayami.”
^ Ngokoqobo, “iza kuyiphilisa inkaba yakho.”
^ Okanye “Ngesona sixa sikhulu sengeniso.”
^ Okanye “Nezixovulelo.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Kubonakala ukuba kubhekiselwa kwiimpawu zikaThixo ekuthethwe ngazo kwiivesi ezingaphambili.
^ Okanye “lubetheke naphi na.”
^ Okanye “banelungelo lokuzifumana.”