IMizekeliso 4:1-27
4 Yimameleni bonyana, ingqeqesho katata wenu;+Mamelani kakuhle ukuze nicacelwe,
2 Kuba ndiza kunifundisa kakuhle;Sanukuyilahla imfundiso yam.*+
3 Ndandingunyana wokwenene kutata+Ndithandwa ngokukhethekileyo ngumama.+
4 Utata wayendifundisa esithi: “Kwanga intliziyo yakho ingawabamba nkqi amazwi am.+
Thobela imiyalelo yam uze uhlale uphila.+
5 Funa ubulumko, ufune nokuqonda.+
Uze ungazilibali, yaye ungasuki kwizinto endizithethayo.
6 Ungabulahli, buza kukukhusela.
Buthande, buza kukugada.
7 Ubulumko yeyona nto ibalulekileyo,+ ngoko funa ubulumko,Ibe ngaphezu kwazo zonke ezinye izinto ozifunayo, funa ukuqonda.+
8 Buxabise kakhulu, buza kukuphakamisa.+
Buza kukuzukisa ngenxa yokuba ubamkela.+
9 Buza kukuthwalisa isithsaba esinomtsalane entloko,Bukuhombise ngesithsaba sobuhle.”
10 Ndimamele nyana wam, uwamkele amazwi am,Ibe uza kuphila iminyaka emininzi.+
11 Ndiza kukufundisa indlela yobulumko,+Ndikukhokelele kwindlela yokulunga.+
12 Xa uhamba, iinyawo zakho azizukuphazanyiswa,Naxa ubaleka, awuzukukhubeka.
13 Bambelela kwingqeqesho; ungayiyeki.+
Yigcine, kuba iya kukunika ubomi.+
14 Sukungena endleleni yabantu abangalunganga,Ungahambi endleleni yabenzi-bubi.+
15 Yiphephe, ungahambi ngayo;+Hambela kude kuyo.+
16 Kuba abakwazi kulala bengenzanga nto imbi.
Abuhli ubuthongo bengakhange benzakalise mntu.
17 Ububi sisonka abasityayo,Nenkohlakalo yiwayini abayiselayo.
18 Kodwa indlela yamalungisa ifana nokuthi qheke kokusaOkuya kukhanya ngokukhanya de kube semini.+
19 Indlela yabenzi-bubi injengobumnyama;Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo.
20 Nyana wam, yimamelisise le nto ndiyithethayo;Wamamele kakuhle* amazwi am.
21 Mawangemki emehlweni akho;Wagcine emazantsi entliziyo yakho,+
22 Kuba abubomi kwabo bawafumanayo+Nempilo emizimbeni yabo.
23 Ngaphezu kwazo zonke ezinye izinto ozikhuselayo, khusela intliziyo yakho,+Kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.
24 Makungabikho buxoki emlonyeni wakho,+Mawabe kude kuwe amazwi axokayo.
25 Amehlo akho mawajonge ngqo phambili,Mawathi* ntsho phambi kwakho.+
26 Yilungise* indlela yeenyawo zakho,+Yaye zonke iindlela zakho ziza kuqiniseka.
27 Sukuya ngasekunene okanye ngasekhohlo.+
Zisuse iinyawo zakho ebubini.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Sanukuwulahla umthetho wam.”
^ Ngokoqobo, “Wavulele iindlebe.”
^ Okanye “Amehlo akho aqaqambileyo mawathi.”
^ Okanye “Yicingisise.”