IiNdumiso 19:1-14
Umyalelo oya kumalathisi. Ingoma kaDavide.
19 Amazulu axela uzuko lukaThixo;+Isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.+
2 Usuku emva kolunye zimpompoza amazwi,Yaye ubusuku emva kobunye zityhila ulwazi.
3 Azithethi, yaye akukho mazwi;Aliviwa ilizwi lazo.
4 Kodwa isandi sazo saviwa* emhlabeni wonke,Nomyalezo wazo kwezona ndawo zikude emhlabeni.+
Ulimisele intente ilanga emazulwini;
5 Linjengomyeni ephuma kwigumbi lomtshakazi wakhe;Lonwabe njengendoda eyomeleleyo ebaleka ugqatso.
6 Liphuma kwelinye icala lamazulu,Lijikele liye kwelinye icala;+Akukho nto ifihliweyo kubushushu balo.
7 Umthetho kaYehova awunasiphako,+ uvuselela amandla.+
Isikhumbuzo sikaYehova sinokuthenjwa,+ simenza abe nobulumko ongenamava.+
8 Imiyalelo evela kuYehova yeyobulungisa, iyayivuyisa intliziyo;+Umyalelo kaYehova ucocekile, uwenza akhanye amehlo.+
9 Ukoyika uYehova+ kusulungekile, kumi ngonaphakade.
Izigwebo zikaYehova ziyinyaniso, zibubulungisa ngokupheleleyo.+
10 Zinqweneleka ngakumbi kunegolide,Igolide yodidi,+Yaye zimnandi ngakumbi kunobusi, ubusi obusulungekileyo.+
11 Umkhonzi wakho zimlumkisile;+Ekuzithobeleni kukho umvuzo omkhulu.+
12 Ngubani na onokuzibona iimpazamo zakhe?+
Ndivakalise ndimsulwa kwizono zam endingazaziyo.
13 Mnqande umkhonzi wakho angazigqatsi;+Sukuvumela ukuzigqatsa kundilawule.+
Ngaloo ndlela ndiza kutsho ndigqibelele,+Ndize ndihlale ndimsulwa ezonweni ezinzulu.
14 Amazwi omlomo wam neengcinga zentliziyo yamMazikuvuyise,+ Yehova Liwa lam+ noMkhululi wam.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye kusenokwenzeka, “intambo yokumeta yawo iphume yaya.”