INtshumayeli 3:1-22

  • Yonke into inexesha layo (1-8)

  • Ukonwabela ubomi sisipho sikaThixo (9-15)

    • Ukuphila ngonaphakade kusentliziyweni yomntu (11)

  • UThixo ugweba bonke abantu ngobulungisa (16, 17)

  • Abantu nezilwanyana bayafa ekugqibeleni (18-22)

    • Bonke baza kubuyela eluthulini (20)

3  Yonke into inexesha layo,Ixesha lento nganye eyenzekayo phantsi kwamazulu:   Ixesha lokuzalwa nexesha lokufa;Ixesha lokutyala nexesha lokuncothula into ebityaliwe;   Ixesha lokubulala nexesha lokuphilisa;Ixesha lokudiliza nexesha lokwakha;   Ixesha lokulila nexesha lokuhleka;Ixesha lokwenza isijwili nexesha lokudanisa;*   Ixesha lokulahla amatye nexesha lokubutha amatye;Ixesha lokwanga nexesha lokuyeka ukwanga;   Ixesha lokufuna nexesha lokuncama;Ixesha lokugcina nexesha lokulahla;   Ixesha lokukrazula+ nexesha lokuthunga;Ixesha lokuthi cwaka+ nexesha lokuthetha;+   Ixesha lokuthanda nexesha lokucaphukela;+Ixesha lemfazwe nexesha loxolo.  Ufumana ntoni umntu ngokusebenza kwakhe nzima?+ 10  Ndiwubonile umsebenzi uThixo awunike oonyana babantu ukuze bahlale bexakekile. 11  Yonke into uyenze yantle* ngexesha layo.+ Ude wabeka ukuphila ngonaphakade entliziyweni yabo; kodwa abantu soze bawazi apho uqala khona nalapho uphela khona umsebenzi kaThixo wokwenene. 12  Ndifikelele kwisigqibo sokuba ayikho into ebalungele ngaphezu kokuvuya nokwenza okulungileyo ngoxa besaphila,+ 13  kwanokuba wonke umntu ufanele atye, asele aze onwabe ngenxa yokusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.+ 14  Ndiye ndafumanisa ukuba yonke into ayenzayo uThixo wokwenene iya kuhlala ngonaphakade. Akukho nto inokongezwa nenokuncitshiswa kuyo. UThixo wokwenene uyenze ngaloo ndlela, ukuze abantu bamoyike.+ 15  Nantoni na eyenzekayo ibisele yenzekile, nento eza kubakho yayikhe yakho;+ kodwa uThixo wokwenene ufuna oko kuleqwayo.* 16  Nantsi enye into endiye ndayibona phantsi kwelanga: Endaweni yokusesikweni* kwakukho ububi, nasendaweni yobulungisa kwakukho ububi.+ 17  Ngoko ndathi entliziyweni yam: “UThixo wokwenene uza kugweba ilungisa nomenzi-bubi,+ kuba yonke into inexesha layo.” 18  Ndaphinda ndathi entliziyweni yam uThixo wokwenene uza kubavavanya oonyana babantu, aze ababonise ukuba bayafana nezilwanyana, 19  kuba kukho isiphelo sabantu nesiphelo sezilwanyana; isiphelo sabo siyafana nesazo.+ Ukufa kwabo kuyafana nokufa kwazo; ibe umoya wabo nomoya wazo mnye.+ Ngoko umntu akazodluli nganto izilwanyana, kuba yonke into ililize. 20  Konke nje kuya ndaweni nye.+ Konke kwavela eluthulini,+ ibe konke kubuyela eluthulini.+ 21  Ngubani owaziyo ukuba umoya wabantu unyukela phezulu, uze owezilwanyana wehlele ezantsi emhlabeni?+ 22  Yaye ndabona ukuba akukho nto ilunge ngaphezu kokuba umntu azonwabise ngomsebenzi wakhe,+ ngenxa yokuba ngumvuzo wakhe lowo;* kuba ngubani onokumbonisa into eza kwenzeka xa engasekho?+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “lokutsiba-tsiba; lokuxhuma-xhuma.”
Okanye “yalungiswa kakuhle, yafaneleka.”
Okanye kusenokwenzeka, “izinto ezidlulileyo.”
Okanye “yobulungisa.”
Okanye “sisabelo sakhe eso.”