IZenzo Zabapostile 1:1-26
1 Tiyofilo, incwadi yokuqala ndayibhala ngazo zonke izinto awazenzayo nawazifundisayo uYesu+
2 de kwayimini awanyuswa ngayo,+ emva kokuba ethe ngomoya oyingcwele wabayalela abapostile awayebakhethile.+
3 Emva kokuba eve ubunzima, wababonisa ukuba uyaphila ngezinto ezininzi+ ezabashiya bengathandabuzi. Bambona iintsuku eziyi-40, ethetha ngoBukumkani BukaThixo.+
4 Xa wayekunye nabo, wabayalela wathi: “Ningemki eYerusalem,+ kodwa lindani into eyathenjiswa nguTata,+ le ndandinixelele ngayo.
5 UYohane yena wabhaptiza ngamanzi, kodwa nina niza kubhaptizwa ngomoya oyingcwele+ kwiintsuku ezimbalwa ukusuka ngoku.”
6 Xa baphinda badibana naye, bambuza: “Nkosi, ububuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?”+
7 Wathi: “Akukho mfuneko yokuba nazi amaxesha uTata awabeke ngegunya lakhe.+
8 Kodwa niza kuba namandla xa nifumana umoya oyingcwele,+ ibe niza kuba ngamangqina+ am eYerusalem,+ kulo lonke elakwaYuda naseSamariya,+ de niyokufika nakwezona ndawo zikude emhlabeni.”*+
9 Emva kokuba ethethe ezi zinto, wanyuswa bejongile, laza ilifu lamogquma abambona.+
10 Bathi besajonge esibhakabhakeni ngoxa wayenyuka, kwasuka kwema ngakubo amadoda amabini enxibe iimpahla ezimhlophe,+
11 athi: “Madoda aseGalili, kutheni nimile nje nijonge esibhakabhakeni? Lo Yesu uthathiweyo kuni, wanyuselwa esibhakabhakeni, uza kuza ngale ndlela nimbone esiya ngayo esibhakabhakeni.”
12 Emva koko babuyela eYerusalem,+ bevela kwintaba ebizwa ngokuba yiNtaba YemiNquma, ekufutshane neYerusalem, ekumgama ekuvumelekileyo ukuwuhamba ngesabatha.
13 Ukufika kwabo, baya kwigumbi eliphezulu apho babehlala khona. YayinguPetros, uYohane, uYakobi, uAndreya, uFilipu, uTomas, uBhartolomeyu, uMateyu, uYakobi unyana ka-Alfeyu, uSimon lo uzimiseleyo noYudas unyana kaYakobi.+
14 Bonke baqhubeka bethandaza, benenjongo enye. Kwakukho nabafazi abathile+ noMariya umama kaYesu kunye nabantakwaboYesu.+
15 Ngenye yezo mini, uPetros wema phakathi kwabazalwana (abantu ababelapho babemalunga ne-120 xa bebonke) wathi:
16 “Madoda, bazalwana, yayimele yenzeke into awaqhutywa ngumoya oyingcwele ukuba ayithethe uDavide ngoYudas,+ owakhokela abo babamba uYesu.+
17 Kaloku wayengomnye wethu,+ ekhethiwe ukuba naye awenze lo msebenzi.
18 (Le ndoda yathenga umhlaba ngemali eyayifumana ngenxa yobubi eyabenzayo,+ yaza yayokuwa ngentloko, yadlabhuka umzimba,* athi saa onke amathumbu ayo.+
19 Le nto yaziwa ngabo bonke abantu abahlala eYerusalem, kangangokuba loo mhlaba wabizwa ngolwimi lwabo ngokuba yiAkeldama, oko kukuthi, “uMhlaba Wegazi.”)
20 Kuba kubhaliwe kwincwadi yeeNdumiso kwathiwa, ‘Indawo yakhe yokuhlala mayingabi namntu, ingahlali mntu,’+ kwaza kwathiwa, ‘Masithathwe ngomnye umntu isikhundla sakhe.’*+
21 Ngoko ke kufanelekile ukuba indawo yakhe ithathwe ngomnye wala madoda ebekunye nathi ngalo lonke eli xesha iNkosi uYesu ibisenza imisebenzi yayo phakathi kwethu.
22 Imele ibe ibikunye nathi ukususela ekubhaptizweni kukaYesu nguYohane+ de kwaba yimini uYesu awathathwa ngayo kuthi wanyuselwa phezulu.+ Le ndoda imele ibe lingqina kunye nathi lokuvuswa kwakhe.”+
23 Ngoko baphakamisa amadoda amabini, uYosefu obizwa ngokuba nguBharsabhas nowayekwanguYusto, kunye noMatiya.
24 Emva koko bathandaza besithi: “Owu Yehova,* wena uzaziyo iintliziyo zabantu bonke,+ sibonise ukuba ukhethe eyiphi kula madoda mabini
25 ukuba yenze lo msebenzi ize ibe ngumpostile, endaweni kaYudas owaphuma endleleni.”+
26 Ngoko benza amaqashiso ngabo,+ laza iqashiso lawela kuMatiya, waza wongezwa kubapostile abayi-11.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “naseziphelweni zomhlaba.”
^ Okanye “yagqabhuka ngaphakathi.”
^ Okanye “isikhundla sakhe sobuveleli.”
^ Funda Isihlomelo A5.