IZenzo Zabapostile 12:1-25

  • Kubulawa uYakobi; uPetros uyabanjwa (1-5)

  • UPetros ukhululwa ngommangaliso (6-19)

  • UHerode ubethwa yingelosi (20-25)

12  Malunga nelo xesha uHerode ukumkani wabaphatha kakubi abanye ebandleni.+  Wabulala uYakobi umntakwabo Yohane+ ngekrele.+  Wathi akubona ukuba amaYuda ayayithanda loo nto, wabamba noPetros. (Le nto wayenza ngexesha letheko Lezonka Ezingenagwele.)+  Wambamba wamfaka ejele,+ waza wathi amaqela amane amajoni makatshintshane ngokumgada, iqela ngalinye linamajoni amane. Wayezimisele ukumzisa* phambi kwabantu emva kwePasika.  Ngoko uPetros wayegcinwe ejele, kodwa ibandla laqhubeka limthandazela kakhulu kuThixo.+  Ngobusuku bangaphambi kokuba uHerode amkhuphe, uPetros wayelele ebotshwe ngamatsheyini amabini phakathi kwamajoni amabini, ibe kwakukho oonogada emnyango ababegade ijele.  Kwathi kusenjalo, kwema ingelosi kaYehova apho,+ kwaza kwakhanya esiseleni. Yamshukumisa uPetros yamvusa, isithi: “Khawuleza uvuke!” Aza amatsheyini awa ezandleni zakhe.+  Ingelosi yathi kuye: “Nxiba iimpahla neembadada zakho.” Wanxiba ke. Ekugqibeleni yathi kuye: “Nxiba isambatho sakho sangaphezulu uze undilandele.”  Waphuma ke wayilandela, kodwa wayengazi ukuba le nto yayisenziwa yile ngelosi yenzeka nyhani. Wayecinga ukuba ubona umbono. 10  Bagqitha koonogada bokuqala nabesibini baza baya kufika kwigeyithi yentsimbi engena esixekweni, ibe yazivulekela. Emva kokuba bephumile, bahamba isitrato sasinye, yaza ngoko nangoko ingelosi yamshiya. 11  Wathi uPetros akuyiqonda le nto yayisenzeka, wathi: “Ngoku ndiqinisekile ukuba uYehova* uthumele ingelosi yakhe waza wandisindisa kuHerode nakuyo nantoni na amaYuda ebelindele ukuba yenzeke.”+ 12  Emva kokuba eyiqondile loo nto, waya endlini kaMariya umama kaYohane owayebizwa nangokuba nguMarko,+ apho abafundi abaliqela babedibene khona bethandaza. 13  Xa wacela ukuvulelwa igeyithi, kweza isicakakazi esinguRoda. 14  Xa uRoda wevayo ukuba nguPetros lowo, wavuya kakhulu kangangokuba zange avule naloo geyithi, wabaleka waphindela ngaphakathi waza wachaza ukuba uPetros umi egeyithini. 15  Bathi kuye: “Uyaxoka.” Kodwa waqhubeka esithi nguye. Bathi: “Inoba yingelosi.”* 16  UPetros waqhubeka enkqonkqoza. Xa bevula, bambona baza bothuka. 17  Kodwa waphakamisa isandla ebathulisa waza wababalisela indlela uYehova* awamkhupha ngayo ejele, wathi: “Ze niyibalisele uYakobi+ nabanye abazalwana yonke le nto.” Emva koko waphuma waya kwenye indawo. 18  Kwathi kwakuba semini, othuka amajoni, ezibuza ukuba kwenzeke ntoni kuPetros. 19  UHerode wamkhangela yonke indawo, wathi akungamfumani, wancina oonogada waza wayalela ukuba bohlwaywe;+ emva koko wemka kwelakwaYuda waya eKesareya okwexeshana. 20  Waba nomsindo kubantu baseTire nabaseSidon. Emva kokuba abo bantu becenge uBlasto, owayejongene nemicimbi yendlu kakumkani, baya kukumkani baza bacela uxolo, kuba ilizwe labo lalifumana ukutya kwilizwe likakumkani. 21  Ngemini ekhethiweyo, uHerode wanxiba iimpahla zakhe zasebukhosini, wahlala phantsi kwisitulo sakhe sokugweba wathetha nabantu. 22  Abantu ababemmamele bathi: “Asingomntu tu lo uthetha apha, nguthixo!” 23  Ingelosi kaYehova* yambetha ngoko nangoko, kuba wavuma ukuba kudunyiswe yena kunokuba kudunyiswe uThixo, ibe watyiwa ziimpethu wafa. 24  Kodwa baya besanda abantu abeva ilizwi likaYehova* nabakholwayo.+ 25  Emva kokuba uBharnabhas+ noSawule bebancedile abazalwana baseYerusalem ngezinto ababeziphathisiwe,+ babuya behamba noYohane,+ owayekwabizwa ngokuba nguMarko.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ukuxoxa ityala lakhe.”
Ngokoqobo, “Yingelosi yakhe.”