Levitikus 20:1-27

  • Ukunqulwa kukaMoleki; ukuya emagqirheni (1-6)

  • Yibani ngcwele nize nihloniphe abazali (7-9)

  • Mababulawe abantu abaziphatha kakubi ngesondo (10-21)

  • Kufuneka nibe ngcwele ukuze nihlale elizweni (22-26)

  • Amagqirha makabulawe (27)

20  UYehova waphinda wathi kuMoses:  “Yithi kumaSirayeli, ‘Nayiphi na indoda kwaSirayeli yaye nawuphi na umntu wasemzini ohlala kwaSirayeli, oye wasa omnye wabantwana bakhe kuMoleki, umele abulawe nakanjani loo mntu.+ Abemi bafanele bambethe ngamatye de afe.  Nakanjani ndiza kumlahla loo mntu ndize ndimbulale, ngenxa yokuba eye wasa omnye wabantwana bakhe kuMoleki, wayingcolisa indawo yam engcwele,+ wangcolisa negama lam elingcwele.  Ukuba abemi benza ngathi abambonanga loo mntu xa esisa inzala yakhe kuMoleki baze bangambulali,+  ndiza kumlahla nakanjani loo mntu kunye nentsapho yakhe.+ Ndiza kumbulala kunye nabo bonke abo bamncedisayo ekukhonzeni uMoleki.*  “‘Umntu oye waphethukela kumagqirha+ nakwabo bachaza izinto kwangaphambili+ waza akathembeka kum,* ndiza kumlahla nakanjani loo mntu ndize ndimbulale.+  “‘Nimele nizingcwalise nize nibe ngcwele,+ kuba ndinguYehova uThixo wenu.  Nimele niyithobele imithetho yam nize niyenze.+ NdinguYehova onenza ngcwele.+  “‘Ukuba kukho nayiphi na indoda ethuka* utata wayo okanye umama wayo, imele nakanjani ibulawe.+ Ekubeni ithuke utata wayo okanye umama wayo, yiyo ezizisele ukufa.* 10  “‘Nantsi into efanele yenziwe ngendoda ekrexeze nomfazi wenye indoda: Loo ndoda ikrexeze nomfazi womnye umntu imele nakanjani ibulawe kunye naloo mfazi ikrexeze naye.+ 11  Indoda elala nomfazi katata wayo imhlazisile utata wayo.*+ Nakanjani bamele babulawe bobabini. Bazizisele ukufa ngokwabo. 12  Ukuba indoda ilala nomolokazana wayo, bamele nakanjani babulawe bobabini. Bonakalise indalo. Bazizisele ukufa ngokwabo.+ 13  “‘Ukuba indoda ilala nendoda ngendlela ekulalwa ngayo nomfazi, bobabini benze into eyenyanyekayo.+ Nakanjani bamele babulawe. Bazizisele ukufa ngokwabo. 14  “‘Ukuba indoda ithatha umfazi kunye nomama wakhe, yenza into elinyala.*+ Imele itshiswe ngomlilo kunye nabo,+ ukuze kungaqhubeki kusenziwa amanyala phakathi kwenu. 15  “‘Ukuba indoda ilala nesilwanyana, nakanjani imele ibulawe kunye neso silwanyana.+ 16  Ukuba umfazi uya nakwesiphi na isilwanyana ukuze alale naso,+ nimele nimbulale kunye neso silwanyana. Nakanjani bamele bafe. Bazizisele ukufa ngokwabo. 17  “‘Ukuba indoda ilala nodadewayo, intombi katata wayo okanye intombi kamama wayo, yabubona ubuze bodadewayo, waza nodadewayo wabubona ubuze bayo, lihlazo elo.+ Bamele babulawe. Imhlazisile udadewayo.* Imele iphendule ngesono sayo. 18  “‘Ukuba indoda ilala nomfazi osexesheni, bobabini babonisa ukuba abalihlonelanga igazi laloo mfazi.+ Bobabini bamele babulawe. 19  “‘Uze ungalali nomakazi okanye udadobawo wakho, kuba loo nto iza kuba kukuhlazisa isalamane sakho segazi.+ Nobabini nifanele niphendule ngenxa yesono senu. 20  Indoda elala nomfazi womntakwabotata wayo imhlazisile umntakwabotata wayo.*+ Bafanele baphendule ngesono sabo. Bafanele bafe bengenamntwana. 21  Ukuba indoda ithatha umfazi womntakwayo,* yinto eyenyanyekayo leyo.+ Imhlazisile umntakwayo.* Bafanele bangabi namntwana. 22  “‘Nize niyithobele yonke imithetho nemimiselo yam,+ niyenze,+ ukuze ilizwe endinizisa kulo linganihlanzi.+ 23  Nize ningalandeli amasiko eentlanga endizigxothayo kuni,+ kuba zizenzile zonke ezi zinto yaye ndiyazenyanya.+ 24  Yiyo le nto ndithe kuni: “Niza kulithatha ilizwe lazo, ibe ndiza kuninika lona libe lelenu, ilizwe eligcwele ubisi nobusi.+ NdinguYehova uThixo wenu, onenze nahluka kwezinye izizwana.”+ 25  Nize nahlukanise phakathi kwesilwanyana esicocekileyo nesingacocekanga naphakathi kwentaka engacocekanga necocekileyo,+ ningazenzi nizotheke* ngesilwanyana okanye ngentaka okanye ngayo nantoni na enambuzelayo emhlabeni endiye ndayibekela bucala ukuba niyijonge njengento engacocekanga.+ 26  Nize nibe ngcwele kum, kuba mna Yehova ndingcwele+ yaye ndinenza nahluke kwizizwana ukuze nibe ngabam.+ 27  “‘Nayiphi na indoda okanye umfazi oba ligqirha okanye ochaza izinto kwangaphambili, umele nakanjani abulawe.+ Abantu bamele bababethe ngamatye bafe. Bazizisele ukufa ngokwabo.’”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ekuthengiseni ngomzimba kuMoleki.”
Ngokoqobo, “waziphatha kakubi ngesondo kunye nabo.”
Ngokoqobo, “igazi layo liphezu kwayo.”
Okanye “eqalekisa.”
Ngokoqobo, “ibutyhilile ubuze bukatata wayo.”
Okanye “elihlazo.”
Ngokoqobo, “Ibutyhilile ubuze bodadewayo.”
Ngokoqobo, “ityhile ubuze bomntakwabotata wayo.”
Oko kukuthi, ukuba imthatha esaphila umntakwayo.
Ngokoqobo, “ibutyhilile ubuze bomntakwayo.”
Okanye “ningenzi imiphefumlo yenu izotheke.”