Levitikus 24:1-23
24 UYehova waphinda wathi kuMoses:
2 “Yalela amaSirayeli ukuba akuphathele ioli esulungekileyo yeminquma ecoliweyo, eyezibane, ukuze zihlale zikhanyisile izibane.+
3 UAron ufanele alungiselele ukuba izibane eziphambi kwekhethini ekufutshane netyeya yesivumelwano zihlale zikhanyisile phambi koYehova, ukususela ngokuhlwa kude kube sekuseni. Lowo ngumthetho oza kuhlala uhleli kuzo zonke izizukulwana zenu.
4 Ufanele azimise kakuhle qho izibane esiphathweni sezibane+ segolide esulungekileyo phambi koYehova.
5 “Umele uthathe umgubo ocoliweyo, uwubhake ube ngamaqebengwana arawundi ayi-12. Iqebengwana ngalinye limele libe nezishumi ezibini ze-efa.*
6 Uza kuwabeka abe zizixa ezibini, isixa ngasinye sibe namaqebengwana amathandathu+ etafileni yegolide esulungekileyo phambi koYehova.+
7 Umele ugalele intlaka yokuqhumisa esulungekileyo phezu kwesixa ngasinye. Eso ke sisonka esimela wonke umnikelo,*+ umnikelo otshiswa ngomlilo oya kuYehova.
8 Ngosuku ngalunye lweSabatha, umele asimise kakuhle qho phambi koYehova.+ Eso sisivumelwano sam namaSirayeli esiza kuhlala sihleli.
9 Eso sixa siza kuba sesika-Aron noonyana bakhe,+ yaye baza kusityela endaweni engcwele,+ kuba siyeyona nto ingcwele kuye evela kwiminikelo kaYehova etshiswa ngomlilo, ibe lowo iza kuba ngumthetho oza kuhlala uhleli.”
10 Phakathi kwamaSirayeli kwakukho unyana womfazi ongumSirayeli nendoda engumYiputa,+ waza lo nyana walwa nendoda engumSirayeli enkampini.
11 Lo nyana womfazi ongumSirayeli wathetha kakubi ngeGama,* walithuka.*+ Ngoko bamsa kuMoses.+ Kwathi kanti igama likamama wakhe nguShelomiti, intombi kaDibri wesizwe sakwaDan.
12 Bamvalela de sabacacela isigqibo sikaYehova ngento emayenziwe ngaye.+
13 Emva koko uYehova wathi kuMoses:
14 “Mkhupheleni ngaphandle kwenkampu lowo uthuke igama likaThixo, yaye bonke abo bamvileyo bamele babeke izandla phezu kwentloko yakhe, emva koko wonke umntu ambethe ngamatye.+
15 Yaye ufanele uthi kumaSirayeli, ‘Ukuba nayiphi na indoda ithuka uThixo wayo, iza kuphendula ngesono sayo.
16 Umntu othetha kakubi ngegama likaYehova nakanjani makabulawe.+ Bonke abantu bafanele bambethe ngamatye. Umntu wasemzini nenzalelwane bamele babulawe ngokufanayo ngenxa yokuthetha kakubi ngeGama.
17 “‘Ukuba indoda ibulala umntu, ifanele nakanjani ibulawe.+
18 Nabani na obetha aze abulale isilwanyana sasekhaya somnye umntu, ufanele ambuyekeze, ubomi ngobomi.*
19 Ukuba indoda yenzakalisa omnye umntu, loo nto iyenzileyo imele yenziwe nakuyo.+
20 Ukwaphulwa ngokwaphulwa, ilihlo ngelihlo, izinyo ngezinyo. Indoda iza kwenzakaliswa kanye ngendlela eye yenzakalisa ngayo.+
21 Indoda ebetha isilwanyana ize isibulale ifanele isibuyekeze,+ kodwa umntu obethe omnye umntu wambulala ufanele abulawe.+
22 “‘Masibe sinye isigwebo senu, enoba ngumntu wasemzini okanye yinzalelwane,+ kuba ndinguYehova uThixo wenu.’”
23 Emva koko uMoses wathetha namaSirayeli, amkhuphela ngaphandle kwenkampu loo mntu uthuke igama likaThixo, aza ambetha ngamatye.+ Ngaloo ndlela amaSirayeli enza kanye njengokuba uYehova wamyalelayo uMoses.
Umbhalo osemazantsi
^ Izishumi ezibini ze-efa zilingana ne-4,4 L. Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “siya kuba yinxalenye yomnikelo esisikhumbuzo.”
^ Okanye “waliqalekisa.”
^ Oko kukuthi, igama uYehova, njengoko ibonisa ivesi 15 nevesi 16.
^ Okanye “umphefumlo ngomphefumlo.”