Mika 5:1-15
5 “Ngoku uyazisika,Ntombindini ehlaselwayo;Sirhangqiwe.+
Bambetha ngentonga esidleleni umgwebi wakwaSirayeli.+
2 Nawe Bhetelehem Efrata,+Nangona umncinci gqitha ukuba ube phakathi kwamawaka akwaYuda,*Kuwe ndiza kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli,+Omvelaphi yakhe isuka kumaxesha akudala, kwimihla yakudala.
3 Ngoko ke uza kuwalahlaDe kube lixesha lokuba umfazi obelekayo abeleke.
Nabashiyekileyo kubantakwabo baza kubuyela kubantu bakwaSirayeli.
4 Uza kuphakama aze aluse ngamandla kaYehova,+Ngegunya legama elikhulu likaYehova uThixo wakhe.
Kwaye baza kuhlala bekhuselekile,+Kuba ngelo xesha ubukhulu bakhe buza kufikelela nakwezona ndawo zikude emhlabeni.+
5 Uza kudala uxolo.+
Xa umAsiriya enokuhlasela ilizwe lethu aze anyathele kwiinqaba zethu,+Siza kumvusela abalusi abasixhenxe, iinkosana* ezisibhozo ebantwini.
6 Ziza kulalusa ngekrele ilizwe laseAsiriya,+Nelizwe likaNimrodi+ kwiigeyithi zalo.
Yaye uza kusisindisa kumAsiriya,+Xa ehlasela ilizwe lethu naxa enyathela kummandla wethu.
7 Abashiyekileyo bakaYakobi baza kuba phakathi kwezizwana ezininziNjengombethe ovela kuYehova,Njengemvula phezu kotyani,Engathembeli mntwiniOkanye engalindeli koonyana babantu.
8 Abashiyekileyo bakaYakobi baza kuba phakathi kweentlanga,Phakathi kwezizwana ezininzi,Njengengonyama phakathi kwezilwanyana zehlathi,Njengethole lengonyama* phakathi kwemihlambi yeegusha,Elingena phakathi kwayo lize linqakule, liqwenge,Kwaye akukho mntu uyisindisayo.
9 Baza kuzoyisa iintshaba zabo,Zonke ziza kutshatyalaliswa.”
10 UYehova uthi: “Ngaloo mini,Ndiza kuwatshabalalisa amahashe neenqwelo zenu zokulwa.
11 Ndiza kuzitshabalalisa izixeko zelizwe lenuNdize ndizidilize zonke iindawo zenu ezinqatyisiweyo.
12 Ndiza kubuphelisa ubugqwirha enibenzayo,*Yaye akukho mntu wenza umlingo uza kushiyeka phakathi kwenu.+
13 Ndiza kuyitshabalalisa imifanekiso yenu eqingqiweyo neentsika zenu,Niyeke ukuqubuda kumsebenzi wezandla zenu.+
14 Ndiza kuzincothula izibonda zenu ezingcwele*+Ndize ndizitshabalalise izixeko zenu.
15 Ndiza kuziphindezela ngomsindo nangengqumboKwiintlanga ezingathobelanga.”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “kweentsapho zakwaYuda.”
^ Okanye “iinkokheli.”
^ Okanye “Njengethole lengonyama elinesingci.”
^ Ngokoqobo, “obusuka ezandleni zenu.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.