Yeremiya 30:1-24
-
Kuthenjiswa ukuba baza kubuyiselwa baze baphiliswe (1-24)
30 Ilizwi elafika kuYeremiya livela kuYehova lalisithi:
2 “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Wabhale encwadini onke la mazwi ndiwathetha kuwe.
3 Kuba “jonga! kuza imihla,” utsho uYehova, “endiza kubaqokelela ngayo abantu bam abathinjiweyo, uSirayeli noYuda,”+ utsho uYehova, “yaye ndiza kubabuyisela kwilizwe endalinika ookhokho babo, liphinde libe lelabo.”’”+
4 La ngamazwi uYehova awawathethayo kuSirayeli nakuYuda.
5 Kuba uthi uYehova:
“Siye seva izandi zokungcangcazela;Abantu bayoyika, yaye akukho luxolo.
6 Khanincede nibuzise ukuba indoda iyakwazi na ukuzala.
Kodwa kutheni ndibona onke amadoda omeleleyo ebeke izandla eziswini*Njengebhinqa elibelekayo?+
Kutheni wonke umntu ephatshe ubuso?
7 Mawoo! Kuba loo mini yimini embi.*+
Ayikho enjengayo,Lixesha lentlungu kuYakobi.
Kodwa uza kusindiswa kulo.”
8 “Ngaloo mini,” utsho uYehova wemikhosi, “ndiza kuyaphula idyokhwe esentanyeni yakho, neentambo* zakho ndiza kuziqhawula, yaye abantu basemzini abazukuphinda bamenze ikhoboka.*
9 Baza kuba ngabakhonzi bakaYehova uThixo wabo nezicaka zikaDavide ukumkani wabo, endiza kubavelisela yena.”+
10 “Wena ke mkhonzi wam Yakobi sukoyika,” utsho uYehova,“Sukoyika, yhini Sirayeli.+
Kuba ndiza kukusindisa ulee kudeNenzala yakho ikwilizwe eyathinjelwa kulo.+
UYakobi uza kubuya, azole yaye angaphazanyiswa,Kungabikho mntu umoyikisayo.”+
11 “Kuba ndinawe,” utsho uYehova, “ukuze ndikusindise.
Ndiza kuzitshabalalisa zonke iintlanga endikuchithachithele kuzo.+Kodwa ke wena andizukukutshabalalisa.+
Ndiza kukuqeqesha* ngendlela ekufaneleyo,Nakanjani soze ndingakohlwayi.”+
12 Kuba uthi uYehova:
“Akunyangeki ukuwa kwakho.+
Isilonda sakho asinyangeki.
13 Akukho mntu ukuthethelelayo,Akukho ndlela yakusinyanga isilonda sakho.
Awunyangeki.
14 Zonke izithandwa zakho zikulibele.+
Azisakufuni.
Kuba ndikubethe ngendlela obuza kubethwa ngayo lutshaba,+Ngendlela ohlwaya ngayo umntu okhohlakeleyo,Ngenxa yobukhulu betyala lakho nezono zakho ezininzi.+
15 Kutheni ukhala ngenxa yokuwa kwakho?
Intlungu yakho ayinyangeki!
Ngenxa yobukhulu betyala lakho nezono zakho ezininzi+Ndiyenzile le nto kuwe.
16 Ngoko ke bonke abo bakuqwengayo baza kuqwengwa,+Zonke iintshaba zakho ziza kuthinjwa.+
Abo boxutha izinto zakho baza koxuthelwa izinto zabo,Yaye ndiza kubenza ixhoba abo bakwenza ixhoba.”+
17 “Kodwa ndiza kukwenza ube sempilweni, ndiphilise nezilonda zakho,”+ utsho uYehova.“Nangona bekubiza ngokuba ungumntu olahliweyo, besithi:
‘IZiyon, ekungekho mntu uyifunayo.’”+
18 Uthi uYehova:
“Ngoku ndiqokelela abathinjwa beentente zikaYakobi,+Ndiza kuba nosizi ngeentente zakhe.
Isixeko siza kuphinda sakhiwe kwindulana yaso,+Inqaba ekhuselekileyo iza kuma kwisiza sayo esifanelekileyo.
19 Kuza kuphuma umbulelo nesandi sokuhleka kubo.+
Ndiza kubenza babe baninzi, yaye abazukuba mbalwa;+Ndiza kubenza babe baninzi,*Ibe abazukudelelwa.+
20 Oonyana bakhe baza kuba njengakumaxesha akudala,Yaye phambi kwam ibandla lakhe liza kuma lingagungqi.+
Ndiza kulwa nabo bonke abacinezeli bakhe.+
21 Ohloniphekileyo wakhe uza kuphuma ebantwini bakhe,Nomlawuli wakhe uza kuvela kuye.
Ndiza kumenza asondele, yaye uza kuza kum.”
“Kuba ngubani onokuba nesibindi* sokuza kum?” utsho uYehova.
22 “Niza kuba ngabantu bam,+ ndize mna ndibe nguThixo wenu.”+
23 Jonga! Isaqhwithi sikaYehova siza kuvuthuza ngomsindo,+Isivuthuvuthu esivuthuza kwintloko yabenzi-bubi.
24 Umsindo kaYehova awuzukujikaDe ayenze ayigqibe yonke into intliziyo yakhe ezimisele ukuyenza.+
Ekupheleni kwemihla uza kuyiqonda le nto.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “esinqeni.”
^ Ngokoqobo, “enkulu.”
^ Ngokoqobo, “nezibopho.”
^ Okanye “babenze amakhoboka.”
^ Okanye “kukulungisa.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “bahlonitshwe.”
^ Ngokoqobo, “onokunikela intliziyo yakhe njengesibambiso.”