Yobhi 11:1-20

  • UTsofare uthetha okokuqala (1-20)

    • Uthi uYobhi uyaloqa (2, 3)

    • Uthi uYobhi makayeke ukwenza izinto ezimbi (14)

11  UTsofare+ umNahama waphendula wathi:   “Awazukuphendulwa onke na la mazwi akho,Okanye ukuloqa* kumenza msulwa na umntu?   Ucinga ukuba ukubhuda kwakho kuza kubavala umlomo abantu? Akukho mntu uza kukukhalimela na ngala mazwi akho ahlabayo?+   Kaloku wena uthi, ‘Imfundiso yam imsulwa,+Ibe ndicocekile emehlweni akho.’+   Kodwa akwaba uThixo ebenokuvula umlomo wakheAthethe nawe!+   Ebeza kukwazisa imfihlelo yokuba sisilumko,Kuba zininzi iintlobo zobulumko, Utsho ubone ukuba uThixo uziphosa kwelokulibala ezinye iziphoso zakho.   Ungaze ubazi na ubulumko bukaThixo,Okanye wazi yonke into ngoSomandla?   Buphakeme ngaphezu kwezulu. Akukho nto unokuyenza ngabo! Bunzulu ngaphezu kwengcwaba.* Soze ubazi!   Bude kunomhlaba,Bubanzi kunolwandle. 10  Ukuba angabamba umntu aze amse enkundleni,Ngubani onokukwazi ukumnqanda? 11  Kaloku yena uyawabona amaxoki. Angaziyeka na ke izinto ezimbi xa ezibona? 12  Kodwa isiphukuphuku siya kuze siyiqonde loo ntoMhla idonki yasendle izala umntu. 13  Akwaba ubunokuyilungisa intliziyo yakho,Uziphakamisele kuye izandla zakho. 14  Ukuba wenza izinto ezimbi, yahlukana nazo,Ungavumeli nokuba kwenzeke izinto ezimbi ezintenteni zakho. 15  Kuba xa kunjalo uza kukwazi ukuphakamisa ubuso bakho ungenasikrokro;Uza kukwazi ukuma ungenaxhala. 16  Utsho uzilibale iingxaki zakho,Zifane namanzi ahle nomsinga. 17  Ubomi bakho buza kutsho buqaqambe ngaphezu kwemini emaqanda;Bukhanye okwentsasa nokuba sebunzima kangakanani na. 18  Uza kutsho uhlale ethembeni, Ulale obehlayo, kuba uza kube ukhuselekile. 19  Uza kulala kungekho mntu ukoyikisayo, Uthandwe nangabantu abaninzi. 20  Kodwa bona abenzi-bubi baza kutyhaphaka amehlo;Abazukufumana ndawo yakubalekela,Babe belindwe kukufa kuphela.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ukuqhayisa.”