Kubalisa uYohane 1:1-51

  • ULizwi waba ngumntu (1-18)

  • Into eyathethwa nguYohane uMbhaptizi (19-28)

  • UYesu, iMvana kaThixo (29-34)

  • Abafundi bakaYesu bokuqala (35-42)

  • UFilipu noNathaniyeli (43-51)

1  Ekuqaleni, kungekadalwa, wayesele ekho uLizwi.+ ULizwi wayekunye noThixo,+ ibe uLizwi wayenguthixo.*+  Yena wayekunye noThixo kwasekuqaleni.  Zonke izinto zadalwa ngaye,+ ibe akukho nenye into eyabakho ngaphandle kwakhe.  Ubomi babakho ngaye, ibe ubomi bakhe baba kukukhanya ebantwini.+  Oko kukhanya kukhanyisa ebumnyameni,+ kodwa ubumnyama abukhange bukucime.  Kwafika umntu owayethunywe nguThixo; igama lakhe yayinguYohane.+  Yena weza kungqina, engqinela ukukhanya,+ ukuze zonke iintlobo zabantu zikholwe ngenxa yakhe.  Yena wayengekuko oko kukhanya,+ kodwa wayeza kungqina ngako.  Sele eza kufika emhlabeni lowo ukukukhanya kokwenene, oza kukhanyisela wonke umntu.+ 10  Weza emhlabeni,+ ibe abantu badalwa ngaye,+ kodwa abantu abazange baqonde ukuba nguye. 11  Weza kubantu bakowabo, kodwa abazange bamamkele. 12  Kodwa ke bonke abamamkelayo, wabanceda baba ngabantwana bakaThixo,+ kuba babekholwa kuye.+ 13  Abazange bazalwe ngenyama negazi, okanye ngokuthanda kwabantu, kodwa bazalwa nguThixo.+ 14  ULizwi waba ngumntu+ waza wahlala phakathi kwethu, salubona uzuko lwakhe, uzuko lonyana okuphela kozelwe ngutata wakhe.+ Wayenothando olufana nolukaThixo,* ibe wayesoloko ethetha inyaniso. 15  (UYohane wayengqina ngaye xa wayekhwaza esithi: “Nguye ke lo endathi ngaye, ‘Lowo uza emva kwam uye wadlulela phambi kwam, kuba wabakho ngaphambi kwam.’”)+ 16  Ngenxa yokuba wayenobubele obukhulu,* saqhubeka sifumana ububele obukhulu* phezu kobunye ububele. 17  UMthetho weza ngoMoses,+ bona ububele obukhulu*+ nenyaniso zeza ngoYesu Kristu.+ 18  Akukho mntu wakha wambona uThixo nanini na;+ abantu bamazi ngokumaziswa+ nguthixo okuphela kozelweyo,+ yena usondeleyo kuTata.*+ 19  Nantsi into eyathethwa nguYohane xa amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi ababevela eYerusalem ukuba bayokuthi kuye: “Ungubani?”+ 20  Watsho phandle, akakhanyela esithi: “Andinguye uKristu.” 21  Bathi: “Ungubani ke? UnguEliya?”+ Yena wathi: “Andinguye.” “UngumProfeti?”+ Waphendula wathi: “Hayi!” 22  Bathi: “Ungubani ke? Siphendule ukuze siyokuxelela abo basithumileyo. Uthi ungubani?” 23  Wathi: “Ndililizwi lalowo ukhwaza esentlango esithi, ‘Lungisani indlela kaYehova,’*+ njengokuba umprofeti uIsaya watshoyo.”+ 24  Aba bantu babethunywe ngabaFarisi. 25  Ngoko bathi kuye: “Kutheni ke ubhaptiza ukuba awungoKristu, awungoEliya, ungenguye nomProfeti?” 26  UYohane wathi: “Mna ndibhaptiza emanzini. Kodwa phakathi kwenu kukho umntu eningamaziyo, 27  lowo uza emva kwam, endingakufanelekelanga nokukhulula iimbadada ezi zakhe.”+ 28  Ezi zinto zenzeka eBhethani phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.+ 29  Ngemini elandelayo wabona uYesu esiza ngakuye, wathi: “Jongani, nantsi iMvana+ kaThixo* esusa isono+ sehlabathi!+ 30  Lo ngulowo endathi ngaye: ‘Kuza umntu emva kwam, oye wadlulela phambi kwam, kuba wayekho ngaphambi kokuba ndibekho.’+ 31  Nam ndandingamazi, kodwa isizathu sokuba ndibhaptize abantu emanzini kukuba, kufuneka abonakale kuSirayeli.”+ 32  UYohane wangqina esithi: “Ndabona umoya usihla njengehobe uvela ezulwini, waza wahlala phezu kwakhe.+ 33  Nam ndandingamazi, kodwa Lowo wayendithume ukuba ndibhaptize emanzini wathi kum: ‘Nabani na obona kusehla umoya phezu kwakhe,+ nguye obhaptiza ngomoya oyingcwele.’+ 34  Ndiwubonile ke, ndaza ndangqina ukuba lo nguNyana kaThixo.”+ 35  Kwakhona ngemini elandelayo uYohane wayemi nabafundi bakhe ababini, 36  wabona uYesu edlula apho, wathi: “Jongani, nantsi iMvana+ kaThixo!”* 37  Bathi bakuyiva le nto aba bafundi, balandela uYesu. 38  UYesu wajika, wababona bemlandela, wathi kubo: “Nifuna ntoni?” Bathi: “Rabhi (othetha ukuthi, “Mfundisi”), uhlala phi?” 39  Wathi kubo: “Yizani nizokubona.” Ngoko bahamba naye, babona ukuba uhlala phi, baza bahlala naye ngaloo mini; ngelo xesha kwakumalunga nentsimbi yesine emalanga.* 40  UAndreya+ umntakwabo Simon Petros wayengomnye waba bafundi babini bakaYohane abamvayo, baza balandela uYesu. 41  Waqala wayokukhangela umntakwabo uSimon, wathi kuye: “Simfumene uMesiya”+ (othetha ukuthi, “uKristu”), 42  waza wamsa kuYesu. UYesu wamjonga, wathi: “Wena Simon,+ nyana kaYohane; uza kubizwa ngokuba unguKefas” (othetha ukuthi, “Petros”).+ 43  Ngemini elandelayo uYesu wafuna ukuya eGalili. Akudibana noFilipu,+ wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam.” 44  UFilipu wayengowaseBhethesayida, isixeko sakuloAndreya noPetros. 45  UFilipu wadibana noNathaniyeli,+ wathi kuye: “Simfumene lowo uMoses wabhala ngaye eMthethweni, nababhala ngaye abaProfeti, uYesu, unyana kaYosefu+ waseNazarete.” 46  Kodwa uNathaniyeli wathi kuye: “Ikhona na into entle enokuphuma eNazarete?” UFilipu wathi: “Yizokuzibonela.” 47  UYesu wambona uNathaniyeli esiza ngakuye, wathi: “Jongani, nanku umSirayeli olungileyo.”+ 48  UNathaniyeli wathi kuye: “Undazi njani?” UYesu wathi: “Ndiye ndakubona uphantsi komthi wamafiya,* ngaphambi kokuba uFilipu akubize.” 49  UNathaniyeli wathi: “Mfundisi,* unguye uNyana kaThixo, unguye uKumkani kaSirayeli.”+ 50  UYesu wathi: “Undikholelwa kuba ndikuxelele ukuba ndikubone phantsi komthi wamafiya na? Useza kubona izinto ezinkulu kunezi.” 51  Emva koko wathi: “Ndiyaniqinisekisa madoda ukuba, niza kubona izulu livulekile neengelosi zikaThixo zinyuka zisihla zisiya kuNyana womntu.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wayefana noThixo.”
Okanye “Wayenobubele njengoThixo.”
Okanye “wayenobubele obungasifanelanga.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “usesifubeni sikaTata.” Le yindawo ahlala kuyo umntu othandwayo.
Okanye “nali iTakane Legusha likaThixo.”
Okanye “nali iTakane Legusha likaThixo.”
Ngokoqobo, “kwakumalunga neyure yeshumi.”
Okanye “wamakhiwane.”
Okanye “Rabhi.”