UMBUZO 2
Yintoni Enokukunceda Ufunde NgoThixo?
“Uze ungayeki ukuthetha ngezinto ezikule ncwadi yoMthetho, yaye umele uyifunde ngelizwi eliphantsi imini nobusuku, ukuze uqinisekise ukuba uyayithobela yonke into ebhalwe kuyo; ngaloo ndlela uza kuphumelela uze wenze ngobulumko.”
“Baqhubeka bebafundela incwadi yoMthetho kaThixo wokwenene, bewucacisa kakuhle yaye bebaxelela ukuba uthetha ukuthini; babanceda abantu batsho bayiqonda le nto ifundwayo.”
“Wonwabile umntu ongahambiyo ngecebiso labenzi-bubi . . . , kodwa othanda umthetho kaYehova, nofunda umthetho wakhe ngelizwi eliphantsi imini nobusuku. . . . Yonke into ayenzayo iza kuphumelela.”
“UFilipu wabaleka ecaleni kwale nqwelo waza wayiva ifunda ngokuvakalayo incwadi kamprofeti uIsaya, wathi kuyo: ‘Uyayiva na le nto uyifundayo?’ Yona yathi: ‘Ndingayiva njani kungekho mntu undifundisayo?’ ”
“Iimpawu zakhe ezingenakubonwa ngabantu, oko kukuthi amandla akhe angapheliyo nesikhundla sakhe sokuba nguThixo, zenziwa zabonakala ukususela ekudaleni kwakhe umhlaba ukuya phambili, kuba zibonakala kwizinto azidalileyo, ngoko abanakuthetheleleka.”
“Zicingisise ezi zinto; namathela kuzo, ukuze bonke abantu babone ukuba uhambela phambili.”
“Masicingelane ukuze sikhuthazane ukuba sithandane size senze izinto ezilungileyo, singaziphosanisi nokudibana kunye.”
“Nabani na odinga ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo, ibe uza kumnika, kuba uThixo ubapha kakhulu bonke ababucelayo, engagxeki mntu.”