UMBUZO 11
Kwenzeka Ntoni Emntwini Xa Esifa?
“Uyaphuma umoya wakhe, aze abuyele emhlabeni; ngaloo mini ziyatshabalala iingcinga zakhe.”
“Abaphilayo bayazi ukuba baseza kufa, kodwa bona abafileyo abazi nto kwaphela . . . Nantoni na okwaziyo ukuyenza ngesandla sakho, yenze ngamandla akho onke, kuba akukho msebenzi nakuceba nakwazi nabulumko engcwabeni, apho uya khona.”
“[UYesu] wathi kubo: ‘ULazaro umhlobo wethu ulele, kodwa ndiyokumvusa apho akhoyo.’ UYesu wayethetha ngokufa kwakhe, kodwa bona babecinga ukuba uthetha ukuba ulele ubuthongo. Emva koko uYesu wayenza yacaca ngokuthi: ‘ULazaro ufile.’ ”