A7-A
Izinto Ezenziwa Nezenzeka KuYesu Xa Wayesemhlabeni—Ngaphambi Kokuba Aqalise Umsebenzi Wakhe
Iincwadi Ezine Zevangeli Ngokulandelelana Kwazo
Ezi tshati zilandelayo zineemaphu ezibonisa iindawo awayehamba nawayeshumayela kuzo uYesu. Izalathisi ezikwiimaphu azibonisi iindlela awahamba kuzo ngqo kodwa icala awayesiya kulo. Unobumba u-“m.” uthetha ukuthi “malunga.”
Ngaphambi Kokuba UYesu Aqalise Umsebenzi Wakhe
IXESHA |
INDAWO |
INTO EYENZEKAYO |
MATEYU |
MARKO |
LUKA |
YOHANE |
---|---|---|---|---|---|---|
3 B.C.E. |
EYerusalem, etempileni |
Ingelosi uGabriyeli ichazela uZekariya ngokuzalwa kukaYohane umBhaptizi |
||||
m. 2 B.C.E. |
ENazarete; kwaYuda |
Ingelosi uGabriyeli ichazela uMariya ngokuzalwa kukaYesu; uMariya uya kwisalamane sakhe uElizabheteh |
||||
2 B.C.E. |
Kwilizwe elineenduli lakwaYuda |
Kuzalwa uYohane umBhaptizi aze athiywe igama; uZekariya uyaprofeta; uYohane uza kuhlala entlango |
||||
2 B.C.E., m. Okt. 1 |
EBhetelehem |
Kuzalwa uYesu; “uLizwi waba ngumntu” |
||||
NgaseBhetelehem; eBhetelehem |
Ingelosi ixelela abelusi iindaba ezilungileyo; iingelosi zidumisa uThixo; abelusi bayokubona usana |
|||||
EBhetelehem; eYerusalem |
UYesu uyoluswa (ngosuku lwe-8); uziswa etempileni ngabazali bakhe (emva kweentsuku eziyi-40) |
|||||
1 B.C.E. okanye 1 C.E. |
EYerusalem; eBhetelehem; eYiputa; eNazarete |
Kufika abavumisi ngeenkwenkwezi; intsapho ibalekela eYiputa; uHerode ubulala abantwana abangamakhwenkwe; intsapho iyabuya eYiputa ize ihlale eNazarete |
||||
12 C.E., iPasika |
EYerusalem |
UYesu oneminyaka eyi-12 uya etempileni aze abuze imibuzo kubafundisi |
||||
ENazarete |
Ubuyela eNazarete; uqhubeka ezithoba kubazali bakhe; ufunda ukuba ngumchweli; uMariya ukhulisa nabanye oonyana abane kunye neentombi (Mat 13:55, 56; Mar 6:3) |
|||||
29, ngentwasahlobo |
Entlango, kuMlambo WeYordan |
UYohane umBhaptizi uqalisa ukushumayela |