B1
Eyona Nto Ithetha Ngayo IBhayibhile
NguYehova uThixo ofanele alawule. Indlela alawula ngayo izogqitha zonke. Iza kwenzeka yonke into awayewudalele yona umhlaba nabantu.
Emva ko-4026 B.C.E. “Inyoka” iyayiphikisa into yokuba nguYehova ofanele alawule, nendlela alawula ngayo. UYehova uthembisa ukuba uza kuvelisa “inzala,” okanye “imbewu,” eza kutyumza inyoka enguSathana. (Genesis 3:1-5, 15, umbhalo osemazantsi) Kodwa ke, uYehova uyabayeka abantu ukuba bakhe bazilawule phantsi kukaSathana. |
1943 B.C.E. UYehova uxelela uAbraham ukuba “inzala” ethenjisiweyo iza kuphuma kwinzala yakhe.—Genesis 22:18. |
Emva ko-1070 B.C.E. UYehova uqinisekisa uKumkani uDavide, emva koko aqinisekise nonyana wakhe uSolomon ukuba “inzala” ethenjisiweyo iza kuvela kumnombo wabo.—2 Samuweli 7:12, 16; 1 Kumkani 9:3-5; Isaya 9:6, 7. |
29 C.E. UYehova uchaza ukuba uYesu ‘uyimbewu’ ethenjisiweyo eyiNdlalifa yetrone kaDavide.—Galati 3:16; Luka 1:31-33; 3:21, 22. |
33 C.E. Inyoka enguSathana, yenzakalisa “imbewu” ethenjisiweyo ngokubulala uYesu. UYehova uvusela uYesu ezulwini aze amkele nexabiso lobomi bukaYesu obugqibeleleyo, ukuze axolele izono aze anike nenzala ka-Adam ubomi obungunaphakade.—Genesis 3:15; IZenzo 2:32-36; 1 Korinte 15:21, 22. |
Malunga no-1914 C.E. UYesu uphosa inyoka enguSathana emhlabeni, ukuze ibe lapho okwexeshana.—ISityhilelo 12:7-9, 12. |
Ikamva UYesu uvalela uSathana ejele iminyaka eyi-1 000 aze emva koko amtshabalalise, abe umtyumza intloko ngolo hlobo. Iyenzeka yonke into uYehova awayewudalele yona umhlaba nabantu, igama lakhe liyangcwaliswa kuze kucace nokuba indlela alawula ngayo yeyona ifanelekileyo.—ISityhilelo 20:1-3, 10; 21:3, 4. |