Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uthando Olubalaseleyo LukaThixo

Uthando Olubalaseleyo LukaThixo

Uthando Olubalaseleyo LukaThixo

IZINTO ezisixhenxe ezazizezona zimangalisayo kwihlabathi lamandulo zabizwa ngaloo ndlela kuba zashiy’ abantu bebamb’ ongezantsi. Ukanti ngaphandle kweepiramidi, ezi zinto zimangalisayo azisekho kwaukubakho. Noko ke, nangona iBhayibhile yabhalwa ngamadoda athobekileyo, ebhala kwizinto ezinokonakala, isekho yaye iye yakhutshelwa ngokuchanileyo ukuza kuthi ga kweli xesha lethu. Sinokuyithemba ngokupheleleyo le ncwadi ikhethekileyo.—Isaya 40:8; 2 Timoti 3:16, 17.

UYehova uThixo walungiselela ukuba ilizwi lakhe libhalwe phantsi ukuze lingabi nakuguquguqulwa ngabantu abangafezekanga. Ngaphezulu, ulwimi olulula olusetyenziswe eBhayibhileni lubangela ukuba abantu abaninzi abangafundanga kangako bakwazi ukuyiqonda. (IZenzo 4:13) Eneneni, koko ubunokukulindela kuMdali nakubabhali bakhe abaphefumlelweyo. Kakade ke, ukufumaneka lula kweBhayibhile akuyenzi ijongelwe phantsi kunoko kuyenza ixabiseke nangakumbi! Ngapha koko, ukusasazwa kwayo ngokubanzi kungqina indlela uThixo abathanda ngayo abantu kungakhathaliseki ukuba bahlala phi na okanye bathetha luphi ulwimi. (1 Yohane 4:19) Ngokuqinisekileyo ukuxhaphaka kweBhayibhile akuyenzi ingabaluleki.

Oko kuqulethwe yiBhayibhile kusenza silubone nangakumbi uthando lukaThixo. Njengoko sibonile kumanqaku angaphambili, eLizwini likaThixo sichazelwa ngemvelaphi yethu, isizathu sokuba siphile ubomi obufutshane kangaka nobuzaliswe ziinkathazo nendlela uThixo aya kuyiphelisa ngayo le meko ngoBukumkani bakhe. Siye sahlolisisa namacebiso athile aluncedo kakhulu aphathelele indlela esinokonwaba nesinokwaneliseka ngayo kwanangoku. (INdumiso 19:7-11; Isaya 48:17, 18) Ngaphezulu, siye safunda indlela uMdali wethu aya kulususa ngayo ugculelo olubangelwe bubuxoki bukaSathana egameni lakhe.—Mateyu 6:9.

Yiyiphi enye incwadi exabiseke ngolu hlobo, eyingenelo, nequlethe amathemba amahle kangaka kuluntu oluthwaxwa ziingxaki? Ewe, ngokungafaniyo nezinto ezisixhenxe ezazizezona zimangalisayo kwihlabathi lamandulo, ezazakhiwe ngenjongo yokuzukisa oothixo bobuxoki okanye amadoda awaziwayo, ngokwenene iBhayibhile yeyona ndlela ibalaseleyo uYehova awabonakalisa ngayo uthando lwakhe ngabantu.

Ukuba akukakwenzi oko, kutheni ungahlolisisi ngokwakho oko kuqulethwe ziZibhalo? Sithethanje, amaNgqina kaYehova aqhuba izifundo zeBhayibhile zesisa nabantu abangaphezu kwezigidi ezithandathu ehlabathini lonke. Akugqala njengelungelo ukunceda abantu abanyanisekileyo ukuba babone ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo eliphefumlelweyo elinokuthenjwa ngokwenene.—1 Tesalonika 2:13.