Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBhayibhile—Incwadi Yesiprofeto Esichanileyo—Inxalenye 7

‘Kuya Kufika Isiphelo’

IBhayibhile—Incwadi Yesiprofeto Esichanileyo—Inxalenye 7

Olu ngcelele luneenxalenye ezisibhozo ‘kuVukani!’ luhlolisisa inkalo ebalaseleyo yeBhayibhile—iziprofeto zayo, okanye izinto eyazichazayo. La manqaku aza kukunceda ufumane iimpendulo zale mibuzo: Ngaba iziprofeto zeBhayibhile zizinto nje ezaziqikelelwa ngabantu abakrelekrele? Ngaba ngokwenene ziphefumlelwe nguThixo? Siyakucela ukuba ukhe uhlolisise obu bungqina

NGABA uba nomsindo xa ubona oorhulumente abonakeleyo becinezela yaye bexhaphaza abantu? Ngaba uyakhathazeka xa ubona amashishini amakhulu ecinezela amahlwempu ukuze ahlohle izisu zabo sele bezizinhanha? Ngaba ikuphath’ emanyeni into yokubona abefundisi bemfimfitha igazi lamalungu ecawa okanye bebafundisa ubuxoki? Ukuba kunjalo, umele uvuyiswe kukuva ukuba neBhayibhile iyazigxeka ezi zinto. Eli nqaku liza kuxubusha (1) ngeziprofeto zeBhayibhile ezixela ngokupheliswa kwabo bonke ubungendawo nabantu abangendawo (2) nesizathu sokuba simele sizithembe ezi ziprofeto.

Ukupheliswa Kobungendawo

Inqaku elandulela eli kolu ngcelele liye laxubusha ngezinto eziyinxalenye yomqondiso kaYesu ophathelele ukupheliswa kweli hlabathi. Lo mqondiso uquka ukuvakaliswa ehlabathini lonke kweendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo—urhulumente kaThixo oza kulawula umhlaba wonke kungekudala. (Daniyeli 2:44; Mateyu 24:3, 14) UYesu wathi xa loo msebenzi ugqityiwe, kuya “kwandula ke kufike ukuphela.” Mhlawumbi uye wamangaliswa kukuva ukuba eza kushenxiswa kuqala nguThixo lunqulo lobuxoki, elingafundisi inyaniso ngoThixo. EBhayibhileni, unqulo lobuxoki lufuziselwa lihenyukazi ekuthiwa ‘yiBhabhiloni Enkulu.’—ISityhilelo 17:1, 5; funda ibhokisi ethi  “Eyona Nto Iyiyo IBhabhiloni Enkulu,” kwiphepha 13.

Isiprofeto 1:

[IBhabhiloni Enkulu] ziya kuza ngamini-nye izibetho zayo, ukufa nokuzila nendlala, yaye iya kutshiswa ngokupheleleyo ngomlilo, ngenxa yokuba uYehova uThixo, oyigwebileyo, womelele.”—ISityhilelo 18:2, 8.

Inzaliseko: IBhayibhile ibonisa ukuba ngexesha lakhe alimiseleyo, uThixo uya kwenza amagunya ezopolitiko ajikele iBhabhiloni Enkulu aze ayitshabalalise. Aya ‘kuliphanzisa alihlube libe ze, aze azidle iinxalenye zenyama yalo.’ (ISityhilelo 17:16) Aya kubhenca izinto zalo ezibangela iintloni aze alihluthe intabalala yobutyebi balo. Liya kutshatyalaliswa ngesiquphe de kungasali kwanto yalo.—ISityhilelo 18:21.

Abezopolitiko basenokucinga ukuba benze intando yabo. Kodwa, inzaliseko yesi siprofeto simangalisayo iya kungqina ukuba loo ntshabalalo ivela kuThixo. Uya ‘kubeka oko ezintliziyweni zabo ukuba baphumeze ingcamango yakhe.’—ISityhilelo 17:17.

Isiprofeto 2:

“Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani. . . . Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [zabantu,] buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Daniyeli 2:44.

Inzaliseko: Emva kokutshabalalisa unqulo lobuxoki, uThixo uza kudlulela kwezinye iintlangano—ezopolitiko nezorhwebo—kuquka abo bangendawo. (IMizekeliso 2:22; ISityhilelo 19:17, 18) Njengomninimzi egxotha abo bonakalisa umzi wakhe ngoxa beqeshile, uThixo uza “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.” Uza kubatshabalalisa nabawuzalise ngogonyamelo nabaziphethe kakubi ngokwesini.—ISityhilelo 11:18; Roma 1:18, 26-29.

Ngoobani abaya kusinda? IBhayibhile ithi: “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:11; 72:7.

Ngaba sinokuzithemba iziprofeto zeBhayibhile? Ngaba sinokuqiniseka ukuba uThixo uza kubuphelisa ubungendawo nokubandezeleka aze alondoloze amalungisa? Simele!

Iziprofeto ZeBhayibhile Zinokuthenjwa

UBukumkani bukaThixo buza kulutshayela lonke unqulo lobuxoki, oorhulumente abonakeleyo noosomashishini abanyolukileyo

AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba uYehova uThixo nguMbhali weBhayibhile nokuba zonke izinto azithembisileyo uza kuzenza. (2 Timoti 3:16) Ngaba oko kusengqiqweni?

Ukuba ubunomhlobo wokwenene ongazange akuxokise, ngaba ubuya kumkholelwa xa ethembisa ukukwenzela into entle abe enamandla okuyenza? Ubuya kumkholelwa nakanjani. Akakho umhlobo obhetele enokufika kuThixo. “UThixo akanakuze axoke!”—Tito 1:2, Contemporary English Version.

Ewe, uMdali uza kuluphelisa unqulo lobuxoki, abalawuli abacinezelayo, noosomashishini abanyolukileyo. Ngaba ungathanda ukwazi ngento eza kwenzeka emva kwezo ziganeko? UVukani! olandelayo uza kukunceda. Uza kube enenqaku lokugqibela lolu ngcelele.