Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NDLEBE | NOIRÈNE HOF LAURENCEAU

Ugqirha Wamathambo Uchaza Ngokholo Lwakhe

Ugqirha Wamathambo Uchaza Ngokholo Lwakhe

UIrène Hof Laurenceau ngugqirha wamathambo eSwitzer­land. Ngaxa lithile wayengakholelwa kubukho bukaThixo. Kodwa emva kweminyaka, weyiseka ukuba uThixo ukhona ibe unguMdali wayo yonke into. UVukani! uye wadlan’ indlebe naye ngomsebenzi awenzayo nokholo lwakhe.

Yintoni eyakwenza wanomdla kwisayensi?

Ndakhula ndiyithanda indalo. Ndakhulela kwilali entle yaseSwitzerland ekuthiwa yiRichters­wil, ekunxweme lwaseLake Zurich. Abazali bam, ubhuti kunye nosisi, babethanda ukuphuma nam sibethwe ngumoya, yaye endleleni babendixelela ngazo zonke izilwanyana kunye nezityalo esidibana nazo.

Yintoni eyakwenza wafundela ukuba ngugqirha wamathambo?

Kangangethuba elithile, utata wayencedisa kwigumbi ekwenziwa kulo utyando esibhedlele. Wawumbona kwindlela athetha ngayo ukuba izinto azibonayo kwelo gumbi zibangel’ umdla. Ezo zinto wayezithetha zandenza ndafundela ukuba ngugqirha. Ndakhetha ukufundela ukuba ngugqirha wamathambo kuba ndithanda indlela abasebenza ngayo aba gqirha. Oogqirha bamathambo kufuneka bacinge njengoononjineli xa beza kulungisa amathambo, izihlunu kunye nemisipha esenza sikwazi ukushukuma.

Eyona nto ndiyithanda kakhulu kukubona izigulana zam zichacha. Ndiyakuthanda ukunceda abantu.

Yintoni eyakwenza awakholelwa ukuba uThixo ukho?

Zimbini izinto ezabangela ukuba ndingakholelwa kuThixo ngoxa ndandiselula. Okokuqala, ndandingayithandi indlela abanye abafundisi becawa abaziphethe kakubi ngayo. Okwesibini, esikolweni iititshala zam zebhayoloji zazikholelwa kwindaleko, ibe nam ndayamkela loo mfundiso, ingakumbi xa ndandiseyunivesithi.

Yintoni eyakwenza wakholelwa kwindaleko?

Ndandibakholelwa oonjingalwazi ababendifundisa eyunivesithi. Ngaphezu koko, ukufana kwendlela eyakhiwe ngayo imizimba yezilwanyana kwandenza ndacinga ukuba ziphuma kukhokho omnye, ibe kuxhasa nengcamango yokuba iimpazamo ezenzeka kwiDNA ziphumela ekuvelisweni kwenye into.

Sekunjalo, ekuhambeni kwexesha watshintsh’ ingqondo. Kwakutheni?

Umhlobo wam wandimemela kwintlanganiso yamaNgqina kaYehova. Ndathanda ububele babantu ababelapho, nendlela abafundisa ngayo. Kamva, ndatyelelwa libhinqa elinobubele endandilibone kwezo ntlanganiso, ndaza ndalibuza, “Ndinokuqiniseka njani ukuba iBhayibhile inyanisile?”

Landibonisa iziprofeto zeBhayibhile ezithetha ngezinto ezenzeka namhlanje. Ngokomzekelo, landibonisa isiprofeto sikaYesu sokuba kwimihla yokugqibela kwakuya kubakho iimfazwe, ukwanda ‘kweenyikima zomhlaba ezinkulu, iindyikitya zokufa nokunqongophala kokutya.’ * Landibonisa nezinye iziprofeto ezithetha ngokuwohloka kwendlela abantu abahlalisana ngayo, ukwanda kokubawa nobunye ububi esibubonayo namhlanje. * Kungekudala emva koko, ndafundelwa iBhayibhile ndaza ndabona ukuba iziprofeto zeBhayibhile zisoloko zichanile. Ndaphinda ndahlolisisa indlela endandiyijonga ngayo imvelaphi yobomi.

Ngaba uphando lwakho lwezamayeza lwakunceda waqonda eyona mvelaphi yobomi?

Ewe. Ukuqala kwam ukufundelwa iBhayibhile, ndandiphanda ngendlela yokutyanda idolo. Ekupheleni kweminyaka ye-1960, oososayensi baqalisa ukukuqonda ngokucacileyo ukuntsonkotha kwendlela elisebenza ngayo idolo. Bafumanisa ukuba idolo lethu aligobeli kwicala elinye njengehenjisi. Kunoko libhetyebhetye—nto leyo ebangela ukuba kube lula ukuhamba, ukujuxuza, ukutyibiliza nokwenza ezinye izinto ezininzi.

Kangangeminyaka eyi-40, abaphandi bebezama ukwenza idolo elifakelwayo. Kodwa kuye kwanzima ukwenza idolo elifana nelomntu ngenxa yendlela elintsonkothe ngayo. Ngaphezu koko, idolo elifakelweyo liyakhawuleza ukonakala xa lithelekiswa nelokwenene. Nangona beye baphucula izinto zokulenza, kodwa abo balenzayo bavuya kakhulu xa liye lahlala iminyaka eyi-20. Idolo lethu lineeseli eziphilayo ezisoloko zizihlaziya. Kum, idolo lingqina ubulumko bukaThixo kungekhona indaleko.

Kuthekani ngeempazamo ezenzeka kwiDNA kunye nokufana kwendlela ezakhiwe ngayo izilwanyana?

Ukufana kwendlela ezakhiwe ngayo izilwanyana kubonisa ukuba zinoMyili omnye. Ngaphezu koko, iimpazamo ezenzeka kwiDNA aziyiphuculi imeko yezilwanyana. Kunoko, ezi mpazamo zidla ngokuyonakalisa imizila yemfuza. Kakade ke, ingozi inokuba luncedo ngelinye ixesha— masithi mhlawumbi uloliwe utshayisa aze onakalise ibhulorho, abe ngaloo ndlela ukhusela isixeko kumkhosi obuza kungena ngaloo bhulorho uze uhlasele. Kodwa loo ngozi ayisiphuculanga eso sixeko. Ngokufanayo, iimpazamo ezenzeka kwiDNA aziyiphuculi imeko yezilwanyana. Azinakuze zivelise into eyenziwe krelekrele njengedolo lomntu—singasathethi nokuthetha ngamanye amalungu omzimba.

Iimpazamo ezenzeka kwiDNA azinakuze zivelise into eyenziwe krelekrele njengedolo lomntu

Yintoni eyakwenza waba liNgqina likaYehova?

Xa ndaqalisa ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile, ubomi bam baphucuka ngendlela engathethekiyo. Ngaphezu koko, ngo-2003 ndaya kwindibano yezizwe ngezizwe yamaNgqina kaYehova, apho ndabona indlela abamanyene ngayo abantu ababelapho, nditsho neendwendwe ezazingazani. Olo yayiluthando lokwenene, nam ke ndafuna ukuba ngomnye wabo bantu.