Ubulumko Buyamemeza —Uyabuva Na?
“Abumemezi na ubulumko, nokuqonda akulivakalisi na ilizwi lako? Buzimisa phezulu, ekudibaneni komendo, kwiindawo eziphakamileyo. . . . Ekungeneni emasangweni budanduluka kakhulu.”
UBULUMKO buxabiseke kakhulu. Ngaphandle kwabo, besiya kubhatyaza sibhatyazile. Ngoko, bunokufunyanwa phi ubulumko bokwenene? Umbhali wencwadi yeMizekeliso uthi bufumaneka kuMdali wethu. Ubulumko bakhe bunokufunyanwa ngumntu wonke kwincwadi ekhethekileyo, iBhayibhile. Khawujonge le mizekelo ilandelayo:
IThe World Book Encyclopedia ithi iBhayibhile “yeyona ncwadi yakhe yasasazwa kakhulu embalini. Iye yaguqulelwa ngeelwimi ezininzi kunayo nayiphi na enye incwadi.” Ngoku iBhayibhile ifumaneka ngeelwimi ezimalunga ne-2 600, nto leyo eyenza ifumaneke kubantu abangaphezu kwe-90 pesenti emhlabeni wonke.
Ubulumko buphinda ‘bumemeze’ ngokoqobo. KuMateyu 24:14 sifunda oku: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela [kwehlabathi].”
Ezo “ndaba zilungileyo” zibubulumko bokwenene kuba zithetha ngendlela uThixo aza kuziphelisa ngayo iingxaki zabantu
AmaNgqina kaYehova akujonga njengelungelo ukuvakalisa uBukumkani bukaThixo kumazwe ayi-239. Ngaloo ndlela, ubulumko bukaThixo ‘bumemeza’ ngokwenene, “ekungeneni emasangweni.” Uyabuva na?