Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

Oonongendi Bafunda Inyaniso

Oonongendi Bafunda Inyaniso

KWIMINYAKA emininzi eyadlulayo, udadewethu omncinane uAraceli waba nomsindo waza wandingxolisa esithi: “Khawundiyeke. Andifuni kuva kwanto ngolu nqulo lwakho, luyandigulisa. Ndiyakucaphukela!” Amazwi akhe andihlaba kabuhlungu. Ndineminyaka eyi-91 ngoku, ibe ndisawakhumbula kakuhle. Kodwa njengoko iNtshumayeli 7:8 isitsho, “kulunge ngakumbi ukuphela kombandela kunokuqalwa kwawo.”—UFelisa.

UFelisa: Ndakhulela kwintsapho eqhelekileyo, eSpeyin. Ekhaya sasingamaKatolika, ibe sasiluthanda unqulo. Kangangokuba, izalamane zam eziyi-13 zazingabefundisi okanye zisebenza ecaweni. Umzala kamama wayengumfundisi notitshala kwisikolo samaKatolika. Emva kokusweleka kwakhe, uPope John Paul II wamwonga njengengcwele. Utata wayesebenza ngeentsimbi, yena umama esebenza emasimini. Sasingabantwana abasibhozo, mna ndingoyena umdala.

Xa ndandineminyaka eyi-12, kwaqalisa imfazwe yamakhaya eSpeyin. Emva kwemfazwe, utata wavalelwa entolongweni kuba urhulumente wayengahambisani neembono zakhe zopolitiko. Umama wayengakwazi ukusondla sonke. Ngoko oodadewethu abathathu abancinane uAraceli, uLauri noRamoni wabasa kwikhaya loonongendi elalikwisixeko saseBilbao. Apho babeza kondleka.

UAraceli: Ngelo xesha ndandineminyaka eyi-14, uLauri eneyi-12, yena uRamoni eneyi-10. Sasiyikhumbula kakhulu intsapho yasekhaya. Apho kwelo khaya loonongendi, umsebenzi wethu yayikukucoca. Kwiminyaka emibini kamva, oonongendi basithumela kwelinye ikhaya elikhulu eliseZaragoza, elalinyamekela abantu abadala. Sasisebenza nzima sicoca ikhitshi, ibe sasidinwa kakhulu.

UFelisa: Xa oodadewethu baya kwikhaya eliseZaragoza, umama nomalume owayengumfundisi bandithumela apho nam. Babefuna ndibe kude nomfana owayendithanda. Ndandikuvuyela ukuya kwikhaya loonongendi, kuba ndandimthanda uThixo. Ndandisiya yonke imihla ecaweni, ndifuna nokuba ngumvangelikazi ongumKatolika njengomzala wam oseAfrika.

Ikhaya loonongendi eliseZaragoza, eSpeyin (ekhohlo) Inguqulelo yeBhayibhile iNácar-Colunga (ekunene)

Kodwa apho kwelo khaya ndandingakwazi ukwenza izinto ezininzi endandifuna ukuzenza. Oonongendi babengayikhuthazi into yokuba ndiye kukhonza uThixo kwelinye ilizwe. Emva konyaka, ndabuyela ekhaya ndaza ndanyamekela umalume. Ndandimenzela imisebenzi yasekhaya, ibe qho ebusuku sasithandaza kunye ngeRosari, isacholo esinomnqamlezo esifakwa entanyeni. Ndandithanda nokulungisa iintyatyambo ecaweni ndize ndinxibise umfanekiso kaMariya “neyeengcwele.”

UAraceli: Ngoxa ndandiseZaragoza, ndenza izifungo zokuqala ezazifuneka ukuze ndibe ngunongendi. Emva koko, oonongendi bagqiba kwelokuba sahlukaniswe, mna noodadewethu. Ngoko bandithumela kwikhaya eliseMadrid, yena uLauri bamthumela kweliseValencia. URamoni washiyeka eZaragoza. EMadrid, ndenza izifungo zesibini ezazifuneka ukuze ndibe ngunongendi. Abantu abaninzi njengabafundi nabantu abasele bekhulile, babesiza kuhlala kweli khaya. Ngoko wawumninzi umsebenzi ekwakufuneka wenziwe. Ndandisebenza kwisibhedlele selo khaya.

Ndandikuvuyela ukuba ngunongendi. Ndandicinga ukuba siza kuchitha ixesha elininzi sifunda iBhayibhile. Kodwa ndaphoxeka. Akukho kwamntu owayesebenzisa iBhayibhile okanye owayekhe athethe ngoThixo noYesu. Ndafunda isiLatin, ndafunda nangobomi “beengcwele”, ndaza ndanqula uMariya. Kodwa ixesha elininzi sasisenza umsebenzi onzima.

Ndaqalisa ukuziva ndixinezelekile yaye ndixhalabile. Ndandivakalelwa kukuba ndimele ndifumane imali yokuncedisa ekhaya endaweni yokusebenza kwikhaya loonongendi, ndisenza abanye abantu izityebi. Ngoko ndathetha nomphathi woonongendi ngale nto ndaza ndamxelela ukuba ndifuna ukuhamba. Kodwa wandivalela esiseleni. Wayecinga ukuba loo nto iza kunditshintsha ingqondo.

Oonongendi bandikhupha esiseleni, kodwa bathi besakubona ukuba ndisafuna ukuhamba, baphinda bandivalela. Emva kokwenza le nto izihlandlo ezithathu, bathi ndingahamba ukuba ndingabhala oku: “Ndiyahamba kuba ndikhetha ukukhonza uSathana kunoThixo.” Ndothuka. Ndandifuna nyhani ukuhamba kodwa ndandingenako ukubhala loo mazwi. Ekugqibeleni, ndathi ndifuna ukuthetha nomfundisi, ndaza ndamxelela yonk’ into. Wafumana imvume kubhishophu yokuba ndibuyele kwikhaya laseZaragoza. Emva kweenyanga ezimbalwa ndilapho, ndavunyelwa ukuba ndihambe. Ngokukhawuleza emva koko, uLauri noRamoni nabo bahamba.

INCWADI EYASAHLUKANISAYO

UFelisa

UFelisa: Ekuhambeni kwexesha, ndatshata ndaza ndaya kuhlala eCantabria, eliphondo laseSpeyin. Ndandisaya rhoqo ecaweni. Ngenye imini ecaweni umfundisi wakhwaza ngomsindo wathi, “Jongani le ncwadi!” Watsho esibonisa incwadi ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade. Wathi, “Ukuba kukho umntu oninike le ncwadi, yinikeni mna okanye niyilahle!”

Ndandingenayo loo ncwadi, kodwa ndandiyifuna. Kwiintsuku nje ezingephi, kweza amabhinqa amabini endlwini yam. AyengamaNgqina kaYehova, ibe andinika la ncwadi. Ndayifunda kwangobo busuku. Xa abuyayo la mabhinqa, andibuza ukuba ndiyafuna na ukufunda iBhayibhile, ibe ndavuma.

Incwadi ethi Inyaniso

Ndandisoloko ndifuna ukumkholisa uThixo. Ndafunda inyaniso ngoYehova, ndaza ndaqalisa ukumthanda kakhulu. Ndandifuna ukuxelela wonke umntu ngaye. Ngo-1973 ndabhaptizwa. Ndandisoloko ndizama ukuxelela intsapho yasekhaya ngenyaniso nanini na ithuba livela. Kodwa abantu basekhaya ingakumbi uAraceli, babesithi ayichananga le nto ndiyikholelwayo.

UAraceli: Ndandinomsindo yaye ndilucaphukela unqulo lwam ngenxa yempatho-mbi endayifumana kwikhaya loonongendi. Kodwa ndaqhubeka ndisiya rhoqo ecaweni, ibe ndithandaza ngeRosari yonke imihla. Ndandisafuna ukuyazi iBhayibhile, yaye ndacela ukuba uThixo andincede. Emva koko, uFelisa wandixelela ngoko wayekufundile. Indlela awayenemincili ngayo ngoko wayekukholelwa, ndandicinga ukuba uyaphambana. Ndandingayiginyi tu le wayeyithetha.

UAraceli

Kamva ndabuyela eMadrid ngenxa yomsebenzi, ndaza ndatshata. Ekuhambeni kweminyaka, ndaqaphela ukuba abantu abaya rhoqo ecaweni abaphili ngeemfundiso zikaYesu. Ngoko ndayeka ukuya ecaweni. Ndayeka ukukholelwa “kwiingcwele” nakwisihogo somlilo, ibe ndayeka nokucinga ukuba abefundisi baxolela izono. Ndade ndalahla yonke imifanekiso yonqulo endandinayo. Ndandingazi nokuba ndandisenza into efanelekileyo na. Ndandiziva ndiphoxekile, kodwa ndaqhubeka ndithandaza kuThixo ndisithi: “Ndifuna ukukwazi. Ndincede!” Kwakukudala amaNgqina kaYehova esiza kunkqonkqoza endlwini yam, kodwa ndandingawavuleli. Ndandingathembi naluphi na unqulo.

Udadewethu uLauri wayehlala eFransi, yena uRamoni ehlala eSpeyin. Malunga nonyaka ka-1980, baqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ndandiqinisekile ukuba babengayiqondi into yokuba babefundiswa imfumba yobuxoki, kanye njengoFelisa. Kamva ndadibana noAngelines, omnye wabamelwane bam, saza saba ngabahlobo abasondeleyo. Naye wayeliNgqina likaYehova. Yena nomyeni wakhe bandibuza kaninzi ukuba andifuni na ukufunda iBhayibhile nabo. Baqaphela ukuba nangona ndandisithi andinaxesha lonqulo, ndandifuna nyhani ukuyazi iBhayibhile. Ekugqibeleni ndathi: “Kulungile. Ndiza kufunda nani, kodwa kuphela ukuba ndiza kusebenzisa eyam iBhayibhile!” Inguqulelo yeBhayibhile endandinayo yayiyiNácar-Colunga.

EKUGQIBELENI IBHAYIBHILE IYASIMANYANISA

UFelisa: Ukubhaptizwa kwam ngo-1973, kwakukho amaNgqina ayi-70 eSantander, elikomkhulu laseCantabria. Sasihamba imigama emide ukuya kushumayela kubo bonke abantu abakwiilali ezininzi ezilapho. Ngoko sasihamba ngebhasi saza kamva sahamba ngeemoto ukusuka kule lali ukuya kuleya.

Ebudeni beminyaka, ndiye ndafunda iBhayibhile nabantu abaninzi, ibe abayi-11 kubo babhaptizwa. Abaninzi kubantu endandifunda nabo babengamaKatolika. Kwakufuneka ndibe nomonde. Kanye njengam, babedinga ixesha ukuze baqonde ukuba oko bakukholelwayo akuchananga. Ndandisazi ukuba yiBhayibhile nomoya oyingcwele kaYehova kuphela ezinokunceda umntu atshintshe indlela acinga ngayo aze ayiqonde inyaniso. (Hebhere 4:12) Umyeni wam uBienvenido owayekade elipolisa, wabhaptizwa ngo-1979, ibe yena umama waqalisa ukufunda iBhayibhile kanye ngaphambi kokuba asweleke.

UAraceli: Xa ndandiqala ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ndandivakalelwa kukuba andinakuwathemba. Kodwa ekuhambeni kwexesha ndayeka ukuvakalelwa ngaloo ndlela. AmaNgqina ayengapheleli nje ekufundiseni iBhayibhile, kodwa ayezithobela iimfundiso zayo. Lwaqalisa ukukhula ukholo lwam kuYehova neBhayibhile, ibe ndandonwabe kakhulu. Abanye babamelwane bam baluphawula olu tshintsho baza bathi, “Araceli, qhubeka nale ndlela uyikhethileyo!”

Ndikhumbula ndithandaza ndisithi, “Enkosi Yehova ngokungandincami, nangokundinceda ndifumane oko bendikukhangela—ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile.” Ndaye ndacela noFelisa ukuba andixolele ngokuthetha amazwi ahlabayo kuye. Ukususela ngoko sayeka ukuxabana, kunoko savuyela ukuncokola ngeBhayibhile. Ndabhaptizwa ngo-1989 ndineminyaka eyi-61.

UFelisa: Ndineminyaka eyi-91 ngoku. Umyeni wam uswelekile, ibe andisakwazi ukuzenza izinto ezininzi. Kodwa ndisayifunda yonke imihla iBhayibhile, ibe ndiyaya ezintlanganisweni nasentsimini xa ndinako.

UAraceli: Ndiyathanda ukuthetha ngoYehova kubefundisi noonongendi endidibana nabo, mhlawumbi kuba nam ndandingunongendi. Ndincokole kamnandi nabanye babo, ibe abaninzi bathathe iincwadi neemagazini. Ndikhumbula omnye umfundisi. Emva kokuthetha naye izihlandlo ezininzi, wavumelana noko ndandikuthetha. Waza wathi: “Kodwa ndingaba saya phi ndimdala kangaka? Angathini amarhamente nentsapho yam?” Ndaphendula ndathi: “Yena uThixo uza kuthini?” Waqonda ukuba ndichanile, ibe ndandimbona ukuba ubuhlungu. Kodwa kwakubonakala ukuba akanaso isibindi sokutshintsha.

Soze ndilulibale usuku awathi umyeni wam ufuna ukuya nam ezintlanganisweni. Wayeneminyaka engaphezu kweyi-80 xa wayeqala ukuya ezintlanganisweni, ibe ukususela ngoko zange aphinde aphoswe. Wafunda iBhayibhile waza waqalisa ukushumayela. Ndineenkumbulo ezimnandi zethu sisebenza kunye entsimini. Wasweleka kwiinyanga ezimbini ngaphambi kosuku awayeza kubhaptizwa ngalo.

UFelisa: Ukuqala kwam ukukhonza uYehova, oodadewethu abathathu abancinane babendichasa. Kodwa kamva, nabo bayamkela inyaniso. Le yenye yezona zinto zimnandi zakha zenzeka kum. Ukususela ngoko, siye savuyela ukuchitha ixesha kunye sincokola ngoThixo wethu othandekayo, uYehova, neLizwi lakhe! Ekugqibeleni, sonke sasikhonza uYehova. *

^ isiqe. 29 UAraceli uneminyaka eyi-87, uFelisa uneyi-91, yena uRamoni uneyi-83. Bonke basakhonza uYehova ngokuthembeka. ULauri wasweleka ngo-1990, naye ethembekile kuYehova.