Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Uzifunde kakuhle IiMboniselo zalo nyaka? Khawubone ukuba ungayiphendula na le mibuzo:

Yintoni esiyifundayo kuYehova ngendlela yokuphatha abafazi?

Akabacaluli, akathandi amadoda ukogqitha abafazi. UThixo uyabamamela abafazi, uyikhathalele indlela abaziva ngayo kunye neengxaki abanazo. Uyabathemba ekwenzeni umsebenzi wakhe.​—w24.01, iphe. 15-16.

Sinokuyenza njani into ethethwa kumaEfese 5:7 athi: “Sanukuzenza izinto abazenzayo”?

Umpostile uPawulos wayesilumkisa ukuba singavani nabantu abaza kwenza kube nzima ukuthobela imithetho kaThixo. Abo bantu basenokuba ngabo sichitha ixesha sikunye nabo okanye abo sincokola nabo kwiiwebhsayithi zokuncokola.​—w24.03, iphe. 22-23.

Ngawaphi amabali obuxoki esimele siwalumkele?

Simele siqiniseke ukuba amabali esiwabaliselwa ngabazalwana noodade ayinyani na. Sizilumkele ii-email ezenza umdla ezisuka kubantu esingabaziyo nabawexuki abazenza ngathi banomdla kumyalezo esiwuphetheyo.​—w24.04, iphe. 12.

Ziintoni esizaziyo nesingazaziyo ngendlela uYehova aza kumgweba ngayo uKumkani uSolomon nabo wabatshabalalisayo eSodom naseGomora nangoMkhukula?

Asinakubetha ngenqindi phantsi sithi uYehova ubagwebele intshabalalo engunaphakade. Kodwa into esiyaziyo kukuba wazi yonke into ngabo futhi unenceba engenakulinganiswa nanto.​—w24.05, iphe. 3-4.

Ukuba “liLiwa” kukaThixo kusenza siqiniseke ngantoni? (Dut. 32:4)

Sinokubalekela kuYehova. Uthembekile, uhlala ezenza izinto azithembisileyo. Akatshintshi, ubuntu bakhe nenjongo yakhe azitshintshi nokuba sekutheni.​—w24.06, iphe. 26-28.

Yintoni eza kukunceda uqhelane nebandla elitsha?

Thembela ngoYehova, uza kukunceda njengoko wabancedayo abakhonzi bakhe kumaxesha adlulileyo. Sukuthelekisa ibandla elitsha nelo usuka kulo. Ncedisa kwimisebenzi yebandla elitsha, uzenzele abahlobo abatsha.​—w24.07, iphe. 26-28.

Yintoni esiyifundayo kwimizekelo emithathu ekuMateyu isahluko 25?

Umzekelo weegusha neebhokhwe ufundisa indlela ekubaluleke ngayo ukuthembeka nokunyaniseka. Umzekelo weentombi ezizizilumko nezizizidenge ufundisa indlela ekubaluleke ngayo ukuhlala silungile futhi silumkile. Wona oweetalente ufundisa indlela ekubaluleke ngayo ukukhuthala.​—w24.09, iphe. 20-24.

Yayiphakame kangakanani iveranda yetempile kaSolomon?

Kwizi-2 Kronike 3:​4, eminye imibhalo-ngqangi yakudala ithi “yayiziikubhite eziyi-120,” loo nto ithetha ukuba yayiziimitha eziyi-53 ukuphakama. Kodwa kwezinye iincwadi ezithenjiweyo kubhalwe ukuba “yayiziikubhite eziyi-20,” loo nto ithetha ukuba yayiziimitha eziyi-9 ukuphakama. Kubonakala ngathi le nto ithethwa ziincwadi ezithenjiweyo iyiveza kakuhle into yokuba iindonga zetempile zazingekho nkulu kangako.​—w24.10, iphe. 31.

Ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi isicaka solungiselelo “sifanele sibe nomfazi omnye”? (1 Tim. 3:12)

Ithetha ukuba simele sitshate nebhinqa elinye futhi asifanele siziphathe kakubi ngesondo nanini na. Enye into, sifanele singancwasi amanye amabhinqa.​—w24.11, iphe. 19.

Kutheni sinokuthi kuYohane 6:53 kwakungachazwa into eyayimele yenziwe kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa?

KuYohane 6:53 kuthiwa abantu bamele batye umzimba kaYesu basele negazi lakhe. La mazwi uYesu wawathetha eGalili ngo-32 C.E., kumaYuda ekwakusafuneka abe nokholo kuye. Sona iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa sokuqala wasenza eYerusalem emva konyaka ethethe loo mazwi. Apho wayethetha nabantu awayeza kulawula nabo ezulwini.​—w24.12, iphe. 10-11.