Umsongo Wakudala Owawungafundeki
Umsongo otshileyo owafunyanwa e-Ein Gedi ngo-1970 wawungafundeki. Izinto zeteknoloji zangoku zibonisa ukuba kulo msongo kubhalwe iivesi zokuqala zencwadi yeLevitikus, ibe kukho negama likaThixo
NGO-1970, abembi bezinto zakudala bafumana umsongo otshileyo e-Ein Gedi, kwaSirayeli, kufutshane nonxweme olungasentshona loLwandle Olufileyo. Bawufumana lo msongo xa babesemba indlu yesikhungu, eyatsha xa kwakutshatyalaliswa le ndawo. Kubonakala ngathi le nto yenzeka phakathi kuka-500 no-550 C.E. Lo msongo wawonakele kakhulu kangangokuba wawunokumoshakala xa wawunokolulwa ukuze ufundwe. Kodwa ke, okuvuyisayo kukuba bathi bakusebenzisa izinto zeteknoloji yangoku, bakwazi ukuwufunda usongiwe unjalo.
Kubhalwe ntoni ke kulo msongo? Kubhalwe iivesi zokuqala zencwadi yeLevitikus. Kwezi vesi kufumaneka igama likaThixo elibhalwe ngoonobumba abane besiHebhere. Lo msongo ngomnye weyona misongo yesiHebhere midala eyafunyanwa kuLwandle Olufileyo, kuba kubonakala ngathi wabhalwa phakathi kuka-50 C.E. no-400 C.E. UGil Zohar wathi kwiThe Jerusalem Post: “Ngaphambi kokuba kufunyanwe lo msongo wafunyanwa e-Ein Gedi, eyona misongo midala (imisongo eyafunyanwa kuLwandle Olufileyo) neyona mibhalo ngqangi midala (Aleppo Codex) yayishiyana ngeminyaka eyi-1000.” Iingcali zithi lo msongo ubonisa ukuba imibhalo yamaMasorete yeTorah * iye yabhalwa kakuhle ibe iimpazamo ezenziwa ngabantu ababekhuphela azizange zizitshintshe izinto ezazibhaliwe.”
^ isiqe. 4 AmaYuda azibiza iincwadi zokuqala ezintlanu zeBhayibhile ngokuthi yiTorah.