Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ihlabathi lizaliswe ziintlungu, ngaba zibangelwa nguThixo?

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Ngaba izinto ezimbi zibangelwa nguThixo?

Ubuya kuthini?

  • Ewe

  • Hayi

  • Mhlawumbi

Oko kuthethwa yiBhayibhile

“Makube lee kuThixo oyinyaniso ukwenza ngobungendawo, nakuSomandla ukwenza ngokungekho sikweni!” (Yobhi 34:10) AsingoThixo obangela ubungendawo neentlungu ezenzeka emhlabeni.

Enye into esiyifunda eBhayibhileni

  • USathana uMtyholi, “umlawuli wehlabathi,” nguye obangela iintlungu.Yohane 14:30.

  • Iintlungu nobungendawo, zonke zibangelwa yindlela embi abantu abayikhethayo.Yakobi 1:14, 15.

Ngaba iintlungu ziya kuze ziphele?

Abanye abantu bathi bangaziphelisa iintlungu xa besebenzisana, ngoxa abanye bengenathemba lokuba ihlabathi liya kuze litshintshe. Wena uthini?

Oko kuthethwa yiBhayibhile

UThixo uza kuziphelisa iintlungu. “Kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”ISityhilelo 21:3, 4.

Enye into esiyifunda eBhayibhileni

  • UThixo uza kusebenzisa uYesu ukuphelisa iintlungu ezibangelwa nguMtyholi.1 Yohane 3:8.

  • Abantu abalungileyo baya kuhlala emhlabeni ngonaphakade, beseluxolweni.INdumiso 37:9-11, 29.