Iimfundiso ZeBhayibhile Zinobulumko Obungaphelelwayo
KHAWUBE NALO MBONO: Ubuka imyuziyam enezakhiwo zakudala. Ezininzi kuzo zinemingxuma, kanti ezinye zibhodlokile. Ezinye zineendawo ezingekhoyo. Kuzo zonke ezi zakhiwo, sinye kuphela esingonakalanga; akukho nanye into eyonakeleyo okanye ebhodlokileyo kuso. Ubuza umntu onibukisayo, “Ngaba esi sitsha kunazo zonke ezi?” Uthi, “Hayi, sesona sidala ngaphezu kwezininzi ezilapha, asizange siphinde sakhiwe.” Uyabuza, “Ngaba sona besisoloko sikhuselwe?” Uthi, “Hayi, esi sesona besibethwa zizaqhwithi neemvula. Baninzi nabantu abakhe bazama ukusimosha.” Umangalisiwe uyazibuza, ‘Inoba senziwe ngantoni sona?’
NeBhayibhile ke, singayifanisa nesi sakhiwo. Yeyona ncwadi indala ngaphezu kwezininzi ezikhoyo. Kodwa zona ziyafana nezakhiwo ezidala nezibhodlokileyo, ekuhambeni kwexesha ziye zamosheka. Ngokomzekelo, izinto ezizithethayo ngesayensi ziyaphikisana nolwazi olutsha oluye lwangqineka luchanile. Amacebiso akuzo ngonyango aye abonakala eyingozi kunokuba luncedo. Ezinye zezi ncwadi sezidlakadla; amaphepha awaphelelanga.
IBhayibhile yona yohlukile. Yaqala ukubhalwa kwiminyaka engaphezu kweyi-3 500 eyadlulayo, ibe ayikonakali nangoku. Nangona iye yagxekwa kangangeminyaka, itshiswa, kungafunwa ukuba abantu bayifunde futhi ijongelwa phantsi, izinto ezibhalwe kuyo zange zitshintshe. Nakubeni kusithiwa iphelelwe lixesha, ithetha ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.—Funda ibhokisi ethi “Ngaba Ayisasebenzi Okanye Iseluncedo?”
INDLELA ESIMELE SIPHILE NGAYO
Mhlawumbi uyazibuza, ‘Ngaba izinto ezifundiswa yiBhayibhile ziyasebenza kule mihla?’ Ukuze uphenduleke, zibuze: ‘Zeziphi ezona ngxaki lunazo uluntu namhlanje? Zeziphi ezona zoyikisayo?’ Mhlawumbi ucinga ngeemfazwe, ukungcoliswa komoya namanzi, ulwaphulo-mthetho okanye urhwaphilizo. Ngoku makhe sithethe ngezinto ezifundiswa yiBhayibhile. Njengokuba uzifunda, zibuze, ‘Ukuba abantu bebephila ngolu hlobo, bekungayi kuba mnandi ukuphila kulo mhlaba?’
UKUTHANDA UXOLO
“Banoyolo abanoxolo, kuba baya kubizwa ngokuba ‘ngoonyana bakaThixo.’” (Mateyu 5:9) “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—Roma 12:18.
INCEBA, UKUXOLELA
“Banoyolo abanenceba, kuba baya kwenzelwa inceba.” (Mateyu 5:7) “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova * wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.”—Kolose 3:13.
UKUHLALISANA NGOXOLO
UThixo “wazenza ngokuphuma kumntu omnye zonke iintlanga zabantu, ukuba zihlale phezu komhlaba uphela.” (IZenzo 17:26) “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.
UNGAWONAKALISI UMHLABA
“UYehova uThixo wamthabatha umntu waza wambeka emyezweni wase-Eden ukuba awulime aze awunyamekele.” (Genesis 2:15) UThixo uya ‘kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISityhilelo 11:18.
UKUCAPHUKELA UKUBAWA NOKUZIPHATHA OKUBI
‘Zilindeni kulo lonke uhlobo lwenkanuko, kuba kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.’ (Luka 12:15) “Uhenyuzo nako konke ukungahlambuluki nokubawa makungakhe kukhankanywe kwaukukhankanywa phakathi kwenu, kanye njengoko kubafaneleyo abantu abangcwele.”—Efese 5:3.
UKUNYANISEKA, UKUSEBENZA NZIMA
“Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” (Hebhere 13:18) “Lowo ubayo makangabi seba, kunoko makasebenze nzima.”—Efese 4:28.
KUBALULEKILE UKUNCEDA ABASWELEYO
“Yithuthuzeleni imiphefumlo edandathekileyo, baxhaseni ababuthathaka, nizeke kade umsindo kubo bonke.” (1 Tesalonika 5:14) ‘Velelani iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo.’—Yakobi 1:27.
IBhayibhile ayizibhalanga nje ezi zinto, kodwa isixelela into emasiyenze nendlela esimele siyenze ngayo. Ukuba abantu bebezenza ezi zinto, beziya kuba mbalwa kakhulu iingxaki abanazo. Xa sithetha inyaniso, imigaqo eseBhayibhileni yeyona isebenzayo nesexesheni. Wena, zingakunceda njani iimfundiso zeBhayibhile?
INDLELA ENOKUKUNCEDA NGAYO IBHAYIBHILE
Amanye amadoda azizilumko akha athi: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.” (Mateyu 11:19) Awuvumelani nawo? Eyona ndlela obubonakala ngayo ubulumko yindlela obusebenza ngayo xa ubusebenzisa. Usenokuthi: ‘Ukuba iBhayibhile isebenza nyhani, ngaba ayifanele ilungise ubomi bam? Ndingayisebenzisa njani kwiingxaki endinazo ngalo mzuzu?’ Nanku umzekelo.
Omnye esiza kumbiza ngokuba nguDelphine wayengumntu ozixakekeleyo nophila ubomi obumnandi. Kamsinya nje, ubomi bakhe batshintsha. Wafelwa yintombazana yakhe, waphelelwa ngumtshato, wanazo neengxaki zemali. Uthi: “Ndandingasazazi nokuba ndingubani, intombazana yam ingasekho, ndingasenamyeni, ndingenalo nekhaya. Ndandiziva ndingeyonto, ndingenamandla kwaye ndingacingi nto ngexesha elizayo.”
Kungeli xesha ke apho uDelphine wabona ukuba yinyaniso kwala mazwi: “Imihla yeminyaka yethu yiminyaka engamashumi asixhenxe; yaye ukuba ithe ngenxa yamandla akhethekileyo yangamashumi asibhozo, ukuzingisa kwayo kusenkathazweni nakwizinto ezenzakalisayo; kuba imele idlule ngokukhawuleza, siphaphazele simke.”—INdumiso 90:10.
IBhayibhile yamnceda kakhulu uDelphine kwiingxaki awayenazo. Njengokuba siza kubona kumanqaku amathathu alandelayo, iBhayibhile iye yanceda nabanye abaninzi abaye basebenzisa amacebiso ayo kwiingxaki zabo. Kubo, iye yafana nesa sakhiwo kuthethwe ngaso ekuqaleni. Ayifani nezinye iincwadi ezindala eziphelelwe lixesha. Ngaba loo nto ibangelwa kukuba yona ithetha ngento eyahlukileyo? Akungebi mhlawumbi kuyo kubhalwe izinto ezicingwa nguThixo, kungekhona ezomntu?—Mhlawumbi nawe sele ubonile ukuba ubomi bufutshane kwaye buneengxaki. Xa uneengxaki ezingaphezu kwamandla akho, ngubani okuthuthuzelayo, okuxhasayo nokucebisayo?
Nazi iindlela ezintathu iBhayibhile enokukunceda ngazo ebomini bakho. Inokukufundisa indlela
-
onokuziphepha ngayo ezinye iingxaki.
-
onokuzilungisa ngayo iingxaki onazo.
-
onokuzinyamezela ngayo iimeko ongenakuzitshintsha
Amanqaku alandelayo aza kuthetha ngezi ndlela zintathu.
^ isiqe. 10 IBhayibhile ithi uYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.