Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unjani UThixo?

Unjani UThixo?

Okukhona simazi umntu ukuba unjani, kokukhona siza kumazi ngcono ibe nobuhlobo bethu buza kukhula. Ngendlela efanayo, okukhona simazi ukuba unjani uYehova, kokukhona siza kumazi ngcono ibe nobuhlobo bethu naye buza kukhula. Kuzo zonke iimpawu ezintle zikaThixo, nazi ezona ziphambili: ngamandla, ubulumko, ubulungisa nothando.

UTHIXO UNAMANDLA

“Nkosi enguMongami Yehova! Yabona, wena wenze amazulu nomhlaba ngamandla akho amakhulu.”​YEREMIYA 32:17.

Amandla kaThixo siwabona kwindalo. Ngokomzekelo, xa umi phandle ngemini etshisayo ehlotyeni, yintoni oyivayo eluswini lwakho? Bubushushu belanga. Bubekho ngenxa yamandla kaYehova okudala. Linamandla kangakanani ilanga? Embindini walo, lineqondo lobushushu elimalunga ne-15 000 000°C. Mzuzwana ngamnye, ilanga likhupha amandla alingana nawokuqhushumba kweebhombu zenyukliya eziziimiliyoni.

Sekunjalo lincinci ilanga xa lithelekiswa neebhiliyoni zeenkwenkwezi ezingabalekiyo ezikhoyo. Oososayensi baqikelela ukuba eyona nkwenkwezi inkulu, u-UY Scuti, ibuphindaphinda kayi-1 700 ubukhulu belanga. Ukuba le nkwenkwezi ibinokubekwa kule ndawo likuyo ilanga, ingogquma iiplanethi ezine ukusuka elangeni, uMercury, uVenus, uMhlaba, uMars de iyokufika ngapha kweplanethi ekuthiwa nguJupiter. Mhlawumbi le nto ingasinceda siyiqonde kakuhle eyona nto yayithethwa nguYeremiya xa wathi uYehova uThixo wadala amazulu nomhlaba ngamandla akhe amakhulu.

Asinceda njani amandla kaThixo? Ubomi bethu buxhomekeke emandleni kaThixo akwindalo, njengelanga nezinto azidalileyo emhlabeni. Enye into, uThixo usebenzisa amandla akhe ukuze ancede wonke umntu. Njani? Xa uYesu wayelapha emhlabeni, uThixo wamnika amandla ukuba enze imimangaliso. IBhayibhile ithi: “Iimfama ziyabona kwakhona, neziqhwala ziyahambahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa nezithulu ziyeva, nabafileyo bayavuswa.” (Mateyu 11:5) Namhlanje? IBhayibhile ithi: “Unika odiniweyo amandla . . . abo bathembela kuYehova baya kufumana amandla kwakhona.” (Isaya 40:29, 31) UThixo usinika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” ukuze sikwazi ukunyamezela iingxaki esinazo. (2 Korinte 4:7) Ngaba le nto ayikwenzi ufune ukusondela kuThixo osebenzisa amandla akhe angapheliyo ukunceda thina kuba esithanda?

UTHIXO USISILUMKO

“Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko.”​INDUMISO 104:24.

Xa sisiya sifunda ngezinto uThixo azenzileyo, siya simangaliswa bubulumko bakhe. Ngaphezu koko, kukho oososayensi abafunda ngendalo kaYehova ukuze bakope kuyo baze baphucule izinto abazenzileyo. Ngomzekelo, singabala iikhamera neenqwelo-moya.

Ilihlo lomntu liyamangalisa kakhulu.

Eyona nto bubonakala kuyo kakhulu ubulumko bukaThixo kwindalo, yimizimba yethu. Ngokomzekelo, cinga ngomntwana ongekazalwa. Uye aqale eyiseli enye enemfuza yabazali bakhe. Loo seli iye ikhuphe ezinye ezininzi ezifana nayo. Xa sele igqibile, ezo seli ziye zitshintshe zibe ziiseli ezahlukeneyo, njengeeseli zegazi, iiseli zemithambo neseli zamathambo. Emva koko ziye zivelise amalungu omzimba. Kwiinyanga nje ezisithoba laa seli inye iye ikhuphe umntu opheleleyo owenziwe ziiseli ezininzi. Obu bulumko bubonakala kwizinto ezifana nezi, benza abantu bathethe amazwi awathethwa ngumbhali weBhayibhile wathi: “Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo.”​—INdumiso 139:14.

Ubulumko bukaThixo businceda njani? UMdali uyayazi eyona nto siyidingayo ukuze sonwabe. Kuba esisilumko ibe esazi kakuhle, uye wasinika amacebiso anokusinceda kwiLizwi lakhe iBhayibhile. Ngokomzekelo, uthi: “Qhubekani . . . nixolelana ngesisa.” (Kolose 3:13) Ayibobulumko ke obo? Bubo. Abaphandi bafumanise ukuba ukuxolela kwenza umntu akwazi ukulala bhetele ibe kuyayithoba nepresha. Kuyamnceda nokuba umntu angakhawulezi afunyanwe zizigulo zengqondo okanye ezinye izigulo. UThixo unjengomhlobo osisilumko nokhathalayo, ufuna nyhani ukusinceda aze asinike amacebiso ibe akadikwa. (2 Timoti 3:16, 17) Ngaba awumfuni umhlobo onjalo?

UTHIXO UNOBOBULUNGISA

“UYehova ngumthandi wokusesikweni [wobulungisa].”​INDUMISO 37:28.

UThixo usoloko esenza izinto ezilungileyo. IBhayibhile ide ithi: “Makube lee kuThixo oyinyaniso ukwenza ngobungendawo, nakuSomandla ukwenza ngokungekho sikweni!” (Yobhi 34:10) Usoloko enobulungisa, nomdumisi wade wathi xa ethetha ngoYehova: ‘Uya kuzigweba izizwana kakuhle.’ (INdumiso 67:4) Ngenxa yokuba ‘uYehova ebona oko ikuko intliziyo’ akaqhathwa ngabantu abazenzisayo, uyakwazi ukuyibona inyani aze agwebe kakuhle. (1 Samuweli 16:7) Ngaphezu koko, uThixo uyazibona zonke izinto ezingekho mthethweni ezenzekayo ibe uthembisa ukuba kungekudala “abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni.”​—IMizekeliso 2:22.

Kodwa ke, uThixo akangomntu ukhohlakeleyo ofuna nje ukubohlwaya abantu. Xa kufuneka abe nenceba uba nayo. IBhayibhile ithi: “UYehova unenceba nobabalo,” nakubantu abenza izinto ezimbi abaguquka nyhani. Ngaba le nto ayibonisi kuba unobulungisa?​—INdumiso 103:8; 2 Petros 3:9.

Ukuba nobulungisa kukaThixo kusinceda njani? Umpostile uPetros wathi: “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Kuyasinceda ukuba nobulungisa kukaThixo kuba akakhethi okanye abe nabantu abathanda kakhulu kunabanye. UThixo uyasamkela sibe ngabakhonzi bakhe nokuba singaboluphi uhlanga, ilizwe, sifundile okanye asifundanga, nokuba asinamali.

UThixo akakhethi, loo nto isinceda sisondele kuye nokuba singaboluphi uhlanga, sinemali okanye asinayo

Kuba uThixo efuna siyiqonde indlela anobulungisa ngayo ize isincede, uye wasinika izazela. IZibhalo zithi isazela ngumthetho ‘obhalwe ezintliziyweni zethu,’ ‘ongqinela’ into esiyenzayo ukuba ilungile okanye ayilunganga. (Roma 2:15) Sisinceda njani? Xa siqeqeshwe kakuhle, isazela sethu sinokusinceda siyeke ukwenza into embi eza kusenzakalisa okanye engalunganga. Ukuba senze impazamo, sinokusinceda siguquke size siyilungise loo nto. Nyhani ke, ukuqonda indlela uThixo anobulungisa ngayo kuyasinceda ibe kusenza sisondele kuye!

UTHIXO ULUTHANDO

“UThixo uluthando.”​1 YOHANE 4:8.

UThixo unamandla, ubulumko ibe unobulungisa, kodwa iBhayibhile ayithi ungamandla, ububulumko okanye ububulungisa. Ithi uluthando. Ngoba? Kuba amandla kaThixo amenza enze izinto buze ubulumko nobulungisa bumkhokele xa ezenza. Kodwa ke uthando luyamqhuba ukuba enze. Luthando olumenza enze zonke izinto.

Nangona uYehova wayengashoti nganto, uthando lwambangela ukuba adale izidalwa ezikrelekrele, ezulwini nasemhlabeni, eziza kuluxabisa uthando lwakhe zize zikuvuyele ukukhathalelwa nguye. Wawudala umhlaba kungekho nto aza kuyifumana kuwo, kodwa kuba efuna ube likhaya labantu abadalileyo. Usaqhubeka ebathanda bonke abantu kuba wenza “ilanga lakhe liphume kubantu abangendawo nabalungileyo nemvula [uyinisa] kubantu abangamalungisa nabangengomalungisa.”​—Mateyu 5:45.

Ukongezelela, “uYehova unomsa omkhulu nenceba.” (Yakobi 5:11) Uba nobubele kubantu abazama nyhani ukumazi nokusondela kuye. UYehova uyababona abantu abanjalo. ‘Ukukhathalele’ nyhani.​—1 Petros 5:7.

Kusinceda ngantoni ukusithanda kukaThixo? Siyakwazi ukubona indlela elihle ngayo ilanga xa litshona. Siyavuya xa sisiva umntwana ehleka. Kumnandi naxa sithandwa ngumntu esizalana naye. Asixhomekekanga kwezi zinto ukuze siphile, kodwa zenza ubomi bube mnandi.

Enye into ebonisa ukuba uThixo uyasithanda ngumthandazo. IBhayibhile ithi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.” Njengotata onothando uthi masimcele asincede nakwezona ngxaki singakwazi kuzixelela mntu. Kuba uYehova esithanda uthembisa ukuba uza kusinika “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.”​—Filipi 4:6, 7.

Sithethe nje kancinci ngezona mpawu zikaThixo zibalulekileyo, njengamandla, ubulumko, ubulungisa nothando. Ngaba loo nto ikuncedile watsho wamqonda ukuba unjani kanya kanye uThixo? Ukuze uye umqonda uThixo, siyakucela ufunde ngezinto azenzileyo naseza kuzenza ukuze akuncede.

UNJANI UTHIXO? UYehova unamandla kakhulu, unobulumko nobulungisa kunaye nawuphi na omnye umntu. Kodwa olona phawu lwakhe luhle luthando.