Eyona Nyani NgoThixo NangoKristu
Nakuba abantu bekhonza oothixo abaninzi, mnye kuphela oyena Thixo ufanelwe akhonzwe. (Yohane 17:3) Ungoyena “uPhakamileyo,” uMdali wezinto zonke, ibe unguMthombo wobomi. Nguye yedwa esifanele simkhonze.—Daniyeli 7:18; ISityhilelo 4:11.
Ngubani UThixo?
Ngubani Igama Lakhe? UThixo uthi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.” (Isaya 42:8) Igama likaThixo livela phantse kubeyi-7 000 eBhayibhileni. Kodwa iiBhayibhile ezininzi ziye zalisusa igama lakhe zaza zabhala amagama ahlonitshwa ngawo, njengelithi “Nkosi”. UThixo ufuna ‘umbize ngegama lakhe’ ukuze ube ngumhlobo wakhe.—INdumiso 105:1.
Amagama Abizwa Ngawo UThixo Xa Ehlonitshwa. Xa ehlonitshwa uYehova kuthiwa “Thixo,” “Somandla,” “Mdali,” “Bawo Osezulwini” okanye “Nkosi.” Abantu abaninzi Daniyeli 9:4.
eBhayibhileni xa bethandaza baye badibanise igama likaThixo, uYehova kunye namagama ahlonitshwa ngawo.—Ngaba UThixo Unenyama Negazi? UThixo ungumoya. (Yohane 4:24) Yiyo loo nto neBhayibhile isithi, “akukho mntu umbonileyo uThixo.” (Yohane 1:18) IBhayibhile ithi abantu bangamenza buhlungu okanye ‘bamvuyise uYehova.’—IMizekeliso 11:20; INdumiso 78:40, 41.
Indlela UThixo Ayiyo. KuThixo akukho mntu ubhetele kunomnye, nokuba ukhule njani okanye ungowoluphi uhlanga. (IZenzo 10:34, 35) Uphinda abe nguThixo “onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso.” (Eksodus 34:6, 7) Nazi ezona zinto zithandekayo ngaye:
Unamandla. Uyakwazi ukuzenza zonk’ izinto azithembisayo kuba unamandla amakhulu, yiyo loo nto iBhayibhile isithi ‘nguThixo uSomandla.’—Genesis 17:1.
Unobulumko. Akukho mntu umogqithayo uThixo ngokuba nobulumko. Ide ithi iBhayibhile unguThixo “osisilumko yedwa.”—Roma 16:27.
Wenza izinto ezilungileyo. UThixo usoloko esenza izinto ezilungileyo. Kwizinto zonke azenzayo akakhe enze impazamo okanye into engalunganga.—Duteronomi 32:4.
Unothando. IBhayibhile ithi “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) UThixo akanalo njee uthando kodwa ululo uthando. Yonke into ayenzayo uyenza kuba esithanda. Yiyo lo nto izinto azenzayo zisinceda kangaka.
UThixo Uyabathanda Abantu. UnguTata wethu osithandayo wasezulwini. (Mateyu 6:9) Xa sinokholo kuye siza kuba ngabahlobo bakhe. (INdumiso 25:14) UThixo ufuna ube ngumhlobo wakhe, uthethe naye uze ‘uliphose kuye lonke ixhala, kuba ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7; Yakobi 4:8)
Ngaba UThixo NoYesu Ngumntu Omnye?
UYesu AkangoThixo. Akakho umntu ofana noYesu, kuba nguye yedwa owadalwa nguThixo nqo. Naxa ithetha ngaye iBhayibhile ithi nguNyana kaThixo. (Yohane 1:14) Emva kokuba uYehova edale unyana wakhe wokuqala, uYesu, zonke ezinye izinto zadalwa nguye ‘engumsebénzi onobuchule.’—IMizekeliso 8:30, 31; Kolose 1:15, 16.
Yohane 7:29) Xa uYesu wayethetha ngoYehova komnye umfundi wakhe, wathi ‘nguBawo noYihlo noThixo wam noThixo wenu.’ (Yohane 20:17) Emva kokuba uYesu efile, uYehova wamvusela ezulwini waza wamnika igunya ngasekunene kwakhe.—Mateyu 28:18; IZenzo 2:32, 33.
UYesu Zange Athi UnguThixo. UYesu wathi: “Ndingummeli ovela kuye [uThixo], yaye Yena undithumile” (UYesu Angakunceda Usondele KuThixo
UYesu weza emhlabeni ukuze asifundise ngoTata wakhe. UYehova wathi ngoYesu “Lo nguNyana wam, oyintanda; mphulaphuleni yena.” (Marko 9:7) Akekho umntu owazi uThixo ngaphezu koYesu. Wathi: ‘Akukho nabani na omaziyo uBawo ngaphandle kukaNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhila kuye.’—Luka 10:22.
UYesu ufana nqwa noThixo. UYesu umfuze ngayo yonke into uTata wakhe, yiloo nto wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.” (Yohane 14:9) UYesu wayebenza abantu bamthande uTata wakhe onothando, ngezinto awazithethayo nawazenzayo. Wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Waphinda wathi: “Abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngomoya nenyaniso, kuba, eneneni, uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.” (Yohane 4:23) Uyambona uYehova ukuba ukhangela abantu abanjengawe, abafuna ukwazi inyani ngaye?