Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba kufanelekile ukuba umKristu abe nompu ukuze azikhusele kwabanye abantu?

Nangona amaKristu esenza konke okusemandleni awo ukuze azikhusele, ayenza loo nto ngokuvumelana nemigaqo eseBhayibhileni. Le migaqo isicebisa ukuba singasebenzisi nasiphi na isixhobo esonzakalisayo njengemipu, enoba mincinane okanye mikhulu, ukuze sizikhusele kwabanye abantu. Nantsi eminye yayo:

Bungcwele ubomi kuYehova, ingakumbi obomntu. Umdumisi uDavide wayesazi ukuba ukuYehova “umthombo wobomi.” (INdu. 36:9) Ngoko, ukuba umKristu ukhetha indlela efanelekileyo yokuzikhusela yena nezinto zakhe, uya kwenza konke okusemandleni akhe ukuba angabulali mntu ukuze angabi netyala legazi.​—Dut. 22:8; INdu. 51:14.

Nangona zininzi izinto ezinokubangela umntu abe netyala legazi, imipu yona yenza kube lula ukubulala, ngempazamo okanye ngabom. * Ngaphezu koko loo mntu ukuhlaselayo, ekunokwenzeka ukuba sele enexhala kakade, xa ekubona uphethe umpu, imeko ingambi kude kubekho umntu okanye abantu abafayo.

Ngobusuku bokugqibela elapha emhlabeni, xa uYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba baphathe amakrele, wayengacingi ngento yokuba kufuneka bazikhusele. (Luka 22:36, 38) Kunoko, wathi mabeze nalo ukuze abafundise isifundo sokuba bangaze babhenele kubundlobongela, kwanaxa behlaselwa liqela labantu abaxhobileyo. (Luka 22:52) Emva kokuba uPetros eye waxabela ikhoboka lombingeleli omkhulu, uYesu wamyalela uPetros wathi: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo.” Emva koko uYesu wathetha la mazwi abalulekileyo, angumgaqo osalandelwa ngabalandeli bakhe nanamhlaje, athi: “Bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.”​—Mat. 26:51, 52.

Besenza oko kutshiwo kuMika 4:3, abantu bakaThixo ‘bakhanda amakrele abo abe ngamakhuba nemikhonto yabo ibe zizikere zokuthena imithi.’ Le yindlela abonakala ngayo amaKristu enene, ibe ivisisana nesibongozo sompostile uPawulos esithi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. . . . Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.” (Roma 12:17, 18) Nangona uPawulos waba sezingxakini ezininzi, enye yazo ‘eyayiyingozi yezihange,’ wenza ngokwamazwi akhe, akazange ajonge ukuzikhusela njengento ebaluleke ngaphezu kwemigaqo yeZibhalo. (2 Kor. 11:26) Kunoko, wathembela ngoThixo nangobulumko obukwiLizwi lakhe​—ubulumko obubhetele “ngakumbi kunezixhobo zokulwa.”​—INtshu. 9:18.

KumaKristu ubomi buxabiseke kakhulu kunezinto anazo. “Ubomi [bomntu] abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Ngoko, xa amaKristu ethetha kakuhle nomkhuthuzi oxhobileyo kodwa sekunjalo engawamameli, ngobulumko aye asebenzise umgaqo ofumaneka kula mazwi kaYesu athi: “Musani ukumchasa [ukumlwa] lowo ungendawo.” Loo nto inokuthetha ukuba side sibe ngathi sincama isambatho sangaphantsi nesangaphezulu. (Mat. 5:39, 40; Luka 6:29) * Kodwa ke, elona cebo lisebenzayo kukuzama ukuyinqanda le nto ingenzeki. Ukuba asiqhayisi “ngezinto zobu bomi” esinazo ibe siyaziwa ngabamelwane ukuba singamaNgqina KaYehova athanda uxolo, loo nto inokusikhusela singahlaselwa zizaphuli-mthetho ezinobudlobongela.​​—1 Yoh. 2:16; IMize. 18:10.

AmaKristu ayazihlonela izazela zabantu. (Roma 14:​21) Xa kunokwaziwa ukuba ilungu lebandla linompu wokuzikhusela kwabanye abantu, inokuwothusa amanye amaKristu loo nto kanti amanye asenokude ayeke ukukhonza uThixo. Ekubeni sibathanda abanye abantu, siya kwenza izinto abazifunayo zize kuqala kunezinto ezifunwa sithi, kwanokuba umthetho uyasivumela.​—1 Kor. 10:32, 33; 13:4, 5.

AmaKristu enza konke anako ukuze abe ngumzekelo. (2 Kor. 4:2; 1 Pet. 5:2, 3) UmKristu oqhubeka enompu ukuze azikhusele ebantwini nasemva kokululekwa ngeZibhalo akunakutshiwo ukuba ungumzekelo. Ngoko, akafaneleki ukuba afumane iimbopheleleko okanye amalungelo akhethekileyo ebandleni. Kunjalo ke nakumKristu ophangela kwindawo efuna aphathe umpu. Kungcono kakhulu ukuba akhangele omnye umsebenzi! *

UmKristu ngamnye uya kuzigqibela ukuba ufuna ukuzikhusela njani yena, intsapho yakhe nezinto anazo, nokuba ngowuphi umsebenzi aya kuwamkela. Kodwa ke, imigaqo eseBhayibhileni isibonisa indlela uThixo anobulumko nasithanda ngayo. Ngenxa yaloo migaqo, amaKristu akhulileyo elukholweni akhetha ukungabi nawo umpu wokuzikhusela ebantwini. Ayazi ukuba anokukhuseleka ngenene ngalo lonke ixesha xa ethembela ngoThixo ngokuthi enze ngokwemigaqo eseBhayibhileni.​—INdu. 97:10; IMize. 1:33; 2:6, 7.

Ngembandezelo enkulu, amaKristu aya kuthembela ngoYehova, awayi kuzama ukuzikhusela ngokwawo

^ isiqe. 3 UmKristu usenokugqiba ekubeni abe nawo umpu (enoba mkhulu okanye mncinane) ukuze azingele izilwanyana aze azitye okanye ukuze azikhusele kwizilwanyana zasendle. Kodwa ke, xa ungasetyenziswa, ufanele ukhutshwe iimbumbulu, mhlawumbi ude ukhululwe uze uhlale ungadityaniswanga kwaye utshixelwe. Xa umthetho ungabavumeli abantu ukuba babe nemipu, kukho imiqathango okanye kukho nawuphi na omnye umthetho olawula imipu, umKristu umele athobele umthetho.​—Roma 13:1.

^ isiqe. 2 Ukuze ubone indlela ongazikhusela ngayo ukuze ungadlwengulwa, bona inqaku elithi, “Indlela Yokuthintela UkudlwengulwakuVukani! kaMatshi 8, 1993.

^ isiqe. 4 Inkcazelo engakumbi ngokwamkela umsebenzi ofuna uphathe umpu ikwiMboniselo kaNovemba 1, 2005, iphe. 31; nekaJanuwari 1, 1984, iphe. 28-29.