Zifake Ezihlangwini Zabantu
Ingxaki
Xa sisoloko sicinga ngezinto abahluke ngazo abanye kuthi, sisenokude sicinge ukuba zezo zinto ezibenza bangathandeki. Loo nto ingasenza sithi sibhetele kunabo, kuba nje bengafani nathi. Xa sibajonga ngolu hlobo abantu, loo nto isenokwenza kube nzima ukuba sibacingele kakuhle. Ibe xa singakwazi ukubacingela kakuhle abantu, loo nto isenokuthetha ukuba sinengxaki enkulu—umkhethe.
Umgaqo WeBhayibhile
“Vuyani nabantu abavuyayo, nize nilile nabantu abalilayo.” —ROMA 12:15.
Ithetha ukuthini le nto? Le vesi isifundisa ukuba, sifanele sibacingele abantu. Ukucingela abantu kuthetha ukukwazi ukuzifaka ezihlangwini zabo, sizive ngendlela abaziva ngayo.
Indlela Ekunceda Ngayo Ukuzifaka Ezihlangwini Zabantu
Xa umntu simcingela, sitsho sibone nendlela esifana ngayo naye. Singade sifumanise ukuba, naye uziva ngale ndlela siziva ngayo, nezinto uzenza njengathi. Ukucingela abantu kunokusinceda sibone ukuba sonke ikhona into esifana ngayo, nokuba sikhule ngeendlela ezingafaniyo. Xa sikhangela izinto esifana ngazo nabanye abantu, indlela esibajonga ngayo iza kutshintsha, ibe bhetele.
Ukucingela abantu, kungasinceda sibahloniphe. UAnne-Marie waseSenegal, naye wayekade ebajongela phantsi abantu abasuka kwiindawo eziphantsi. Xa echaza indlela ukubacingela kakuhle abantu ekwamnceda ngayo uthi: “Xa ndandibona indlela aba bantu ababesokola ngayo, ndazibuza ukuba inoba mna bendiza kuziva njani xa bendisokola njengabo. Le nto yandenza ndabona ukuba andikho bhetele, kuba akukho nto ndiyenzileyo endenze ndaphakama kunabo.” Xa siziqonda iingxaki abanazo abantu, siza kutsho sikwazi ukubacingela kakuhle endaweni yokubacalucalula.
Into Onokuyenza
Ukuba kukho abantu ekunzima ukubacingela kakuhle kuwe, zama ukuqonda ukuba ziintoni enifana ngazo. Khawuzame ukucinga indlela abaziva ngayo:
Ukuzifaka ezihlangwini zabanye kusinceda sibone ukuba sonke singabantu
xa besitya neentsapho zabo
xa begqibe umsebenzi onzima wosuku
xa behleli nabahlobo babo
xa bemamele umculo abawuthandayo
Khawube nombono wakho usenza ezi zinto njengabo. Emva koko zibuze:
‘Ndingathini mna xa kunokubakho umntu ondijongela phantsi?’
‘Ndingaziva njani xa abantu benokundicingela kakubi, bengandazi nokundazi?’
‘Ukuba nam ndikwiqela labantu abajongelwa phantsi, ndingathanda abantu bandiphathe njani abanye?’