Oko Sikufundiswa YiBhayibhile
“Le yimbali yamazulu nomhlaba ngexesha ezadalwa ngalo.” (Genesis 2:4) Le yindlela iBhayibhile esichazela ngayo indlela yonke indalo kuquka nomhlaba ezabakho ngayo. Ngaba oko kufundiswa yiBhayibhile kuyangqinelana nobungqina obuze nesayensi? Cinga ngale mizekelo imbalwa.
Ngaba indalo ibisoloko ikhona?
IGenesis 1:1 ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”
Ngaphambi kweminyaka yoo-1950 oososayensi abaninzi babekholelwa ukuba indalo ibisoloko ikhona. Kodwa ngoku ngenxa yezinto ezininzi eziye zafunyanwa, oososayensi abaninzi bayavuma ukuba indalo inaso isiqalo.
Wawunjani umhlaba?
IGenesis 1:2, 9 ithi xa kwakudalwa umhlaba “kwakusenyanyeni, kungekho nto,” kugcwele ngamanzi.
Oososayensi bayayivuma loo nto. UPatrick Shih ofunde ngebhayiloji uthi xa umhlaba wawudalwa “yayingekho ioksijin yokuba kuphefumlwe ibe wawuyinto nje engaqhelekanga.” Imagazini ethi Astronomy ithi: “Umhlaba wawugcwele amanzi, kungekho ndawo yomileyo.”
Umoya ojikeleze umhlaba utshintshe njani njengoko ixesha lihamba?
IGenesis 1:3-5 ibonisa ukuba xa ukukhanya kwakuqala ukugqobhoza ngapha komoya ojikeleze umhlaba, kwabonakala kancinci emhlabeni. Ilanga nenyanga zaziza kubonakala mva emhlabeni. —Genesis 1:14-18.
IBhayibhile ayitsho ukuba kwathatha iintsuku eziyi-6 ezineeyure eziyi-24 ukudala yonke into esemhlabeni.
ISmithsonian Environmental Research Center ithi: “Emhlabeni kwakukho ukukhanya okungabonisi kakuhle emhlabeni wonke. Kwakugcwele inkungu yemethane. Ekugqibeleni yaphela loo nkungu saze isibhakabhaka saba blue.”
Kwaqala kwabakho ntoni emhlabeni?
IGenesis 1:20-27 ithi uThixo wadala iintlanzi, iintaka, izilwanyana kunye nabantu. Oososayensi bakholelwa ukuba kwaqala kwabakho iintlanzi kunezilwanyana baze abantu babakho mva.
IBhayibhile ayithi izinto eziphilayo azinakutshintsha ekuhambeni kwexesha.
Izinto ezingafundiswayo yiBhayibhile
Abantu abaninzi bathi iBhayibhile ithetha into eyahlukileyo kwinto eye yafunyanwa ngoososayensi. Kodwa ezo zinto zidla ngokuvela xa abantu bengayiqondi eyona nto ithethwa yiBhayibhile.
IBhayibhile ayitsho ukuba indalo nomhlaba zineminyaka eyi-6,000 zikhona. Kunoko ithi “ekuqaleni” uThixo wadala amazulu nomhlaba. (Genesis 1:1) IBhayibhile ayitsho ukuba kwakukudala kangakanani ngoko.
IBhayibhile ayitsho ukuba kwathatha iintsuku eziyi-6 ezineeyure eziyi-24 ukudala yonke into esemhlabeni.
Kunoko, isebenzisa igama elithi “usuku” ukuze ichaze ixesha elide. Ngokomzekelo ithi “iintsuku” eziyi-6 ekwakudalwa ngazo amazulu nomhlaba ekuthethwa ngazo kwiGenesis isahluko 1, zichazwa ‘njengosuku uYehova * uThixo awenza ngalo umhlaba nezulu.’ (Genesis 2:4) Ngoko iintsuku eziyi-6 uThixo awayedala umhlaba kunye nabantu ngazo yayingezontsuku eziqhelekileyo kodwa zazinokumela ixesha elide.
IBhayibhile ayithi izinto eziphilayo azinakutshintsha ekuhambeni kwexesha.
Incwadi yeGenesis ithi izilwanyana zadalwa “ngokohlobo lwazo.” (Genesis 1:24, 25) EBhayibhileni igama elithi “ngokohlobo” ayilo gama lesayensi kodwa lithetha ngezinto eziphilayo ezahlukeneyo. Yiloo nto “uhlobo” lunokuquka izityalo nezilwanyana ezininzi. Eli gama likwathetha ukuba njengoko ixesha lihamba, “uhlobo,” lwento oluhlala endaweni ethile lunokutshintsha tshintsha.
Ucinga ntoni?
IBhayibhile iyicacisa ngendlela elula nechanileyo indlela amazulu nomhlaba awabakho ngayo, indlela umhlaba owawuyiyo kuqala, kunye nendlela ubomi obaqala ngayo. Ayinokwenzeka into yokuba ikwazile nokuchaza ngokuchanileyo ukuba ngubani uMdali wezi zinto? IEncyclopædia Britannica ithi: “Into yokuba izinto zazivelela ngenxa yamandla endalo angaqhelekanga iyavumelana nento efunyaniswe luphando lwesayensi lwale mihla.” *
^ isiqe. 18 UYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.
^ isiqe. 22 IEncyclopædia Britannica ayiyixhasi imfundiso yokuba izinto eziphilayo zadalwa.