Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMoses—Indoda Eyayinothando

UMoses—Indoda Eyayinothando

YINTONI UTHANDO?

Uthando luquka ukuba nomsa ngabanye. Umntu onothando ubonisa ngamazwi nangezenzo ukuba uyabathanda abanye, enoba kuza kufuneka ancame izinto zakhe ezixabisekileyo.

UMOSES WALUBONAKALISA NJANI UTHANDO?

UMoses wazibonakalisa ukuba uyamthanda uThixo. Wakwenza njani oko? Khumbula amazwi abhalwe kweyoku-1 kaYohane 5:3: “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.” UMoses wawathobela la mazwi. UMoses wayesenza yonke into ayithunywa nguThixo—kungakhathaliseki ukuba luthumo olunzima njengokuya kuFaro onamandla okanye yinto elula njengokukhomba ngentonga yakhe phezu koLwandle Olubomvu. UMoses wathobela uThixo enoba wayethunywa into enzima okanye elula. “Wenza kanye njengoko.”—Eksodus 40:16.

UMoses wayewathanda amaSirayeli. Ayeqonda ukuba uYehova usebenzisa uMoses ukuze akhokele abantu bakhe, ngoko ke eza kuMoses neengxaki zawo ezahlukahlukeneyo. IBhayibhile ithi: “Bema phambi koMoses abantu kususela kusasa kwada kwangokuhlwa.” (Eksodus 18:13-16) Khawube nomfanekiso ngqondweni wendlela afanele ukuba wayedinwe ngayo uMoses njengoko umSirayeli emva komnye wayesiza kuye aze achaze ingxaki yakhe! Sekunjalo, uMoses wabaphulaphula abantu awayebathanda.

UMoses akazange abaphulaphule nje kuphela abantu, kodwa waphinda wabathandazela. Wathandazela nkqu nabo babemphethe kakubi! Ngokomzekelo, xa uMiriyam udadewabo wakhalazela uMoses, uYehova wambetha ngeqhenqa. Kunokuba avuye ngenxa yeso sohlwayo, uMoses wamcelela uxolo kuYehova ngomthandazo esithi: “Owu Thixo, khawuncede! Nceda, mphilise!” (Numeri 12:13) Ngaba ikho enye into eyabangela ukuba uMoses athandazele udadewabo, ngaphandle kothando?

SIFUNDA NTONI THINA?

Sinokumxelisa uMoses ngokuthi nathi sithande uThixo. Uthando olunjalo lusenza sithobele imithetho yakhe “ngokusuka entliziyweni.” (Roma 6:17) Xa sithobela uYehova ngentliziyo epheleleyo, simenza avuye. (IMizekeliso 27:11) Nathi siyazuza. Ngapha koko, xa sikhonza uThixo kuba simthanda ngokusuka entliziyweni, asenzi nje izinto ezilungileyo kodwa siyakuvuyela ukwenjenjalo!—INdumiso 100:2.

Enye indlela esinokumxelisa ngayo uMoses kukubathanda ngokusuka entliziyweni abanye. Xa ilungu lentsapho okanye umhlobo esixelela ngengxaki ethile, uthando lusenza (1) siphulaphule, (2) sibe novelwano—okanye siyive intlungu ayivayo size (3) simxelele ukuba simkhathalele.

NjengoMoses, nathi sifanele sibathandazele abo sibathandayo. Maxa wambi, sisenokubona ngathi asinakukwazi ukubanceda. Sisenokude sithi, “Ndiyaxolisa kuba kungekho nto ndinokuyenza ngaphandle kokukuthandazela.” Kodwa khumbula: “Isikhungo somntu olilungisa, xa sisebenza, sinamandla amakhulu.” (Yakobi 5:16) Imithandazo yethu inokwenza uYehova enzele umntu othile into ebengazimiselanga kuyenza. Ngaba ikho into ebhetele esinokuyenzela abantu esibathandayo ngaphezu kokubathandazela? *

Ngaba akuvumi ukuba ininzi into esinokuyifunda kuMoses? Nangona wayengumntu ofana nathi, wamisela umzekelo omhle wokuba nokholo, ukuthobeka nothando. Ukuba sizimisela ukuxelisa umzekelo wakhe, siya kuzuza lukhulu, thina kunye nabanye.—Roma 15:4.

^ isiqe. 8 Ukuze uThixo ayiphulaphule imithandazo yethu, sifanele sizame ngamandla ethu onke ukwenza ukuthanda kwakhe. Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 17 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.