Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 SONDELA KUTHIXO

“Nguwuphi Umyalelo Wokuqala Kuyo Yonke?”

“Nguwuphi Umyalelo Wokuqala Kuyo Yonke?”

Kufuneka senze ntoni ukuze sikholise uThixo? Ngaba kukho inqwaba yemithetho ekufuneka siyithobele? Hayi. UYesu Kristu, uNyana kaThixo ngokwakhe wathi izinto afuna sizenze uThixo zinokushwankathelwa ngegama nje elinye.—Funda uMarko 12:28-31.

Makhe siqale sibone ukuba kwakutheni ukuze uYesu athethe la mazwi. Wayefundisa etempileni ngoNisan 11, kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokufa kwakhe. Iintshaba zakhe zazama ukumfaka ekoneni ngokumbuza imibuzo eyayinokumfaka engxakini. Kodwa wayiphendula ngobulumko yonke loo mibuzo. Emva koko, mntu uthile wabuza uYesu lo mbuzo: “Nguwuphi umyalelo wokuqala kuyo yonke?”—Ivesi 28.

Lo mbuzo wawunzima. Amanye amaYuda ayephikisana ngokuba nguwuphi owona wawumkhulu okanye ubalulekile kwimithetho engaphezu kwama-600 eyayibumba uMthetho kaMoses. Kubonakala ngathi amanye ayesithi yonke iyalingana yaye kuphosakele ukuthi kukho ebaluleke ngaphezu kweminye. Wayeza kuphendula athini uYesu?

Kwimpendulo yakhe, uYesu akazange athethe ngomthetho omnye kodwa wakhankanya emibini. Waqala ngokuthi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke.” (Ivesi 30; Duteronomi 6:5) Igama elithi “intliziyo,” “ingqondo,” “umphefumlo” nelithi “amandla” anokuthetha into efanayo. * Athetha ukuthi: Umntu ufanele athande uYehova ngayo yonke into anayo. Enye incwadi ecacisa iBhayibhile ithi: “UThixo ufanele athandwe ngokupheleleyo.” Ukuba ngoko uyamthanda uThixo, uya kuzimisela imihla ngemihla ukwenza izinto ezimvuyisayo.—1 Yohane 5:3.

Okwesibini, uYesu wathi: “Uze ulithande idlelane lakho njengawe siqu.” (Ivesi 31; Levitikus 19:18) Umntu akanako ukuthanda uThixo aze angamthandi ummelwane. Ukuthanda ummelwane kubangelwa kukuthanda uThixo. (1 Yohane 4:20, 21) Ukuba sithanda ummelwane wethu njengeziqu zethu, abanye siya kubaphatha ngendlela nathi esithanda ukuphathwa ngayo. (Mateyu 7:12) Ngaloo ndlela sibonisa ukuba siyamthanda uThixo owadala thina—kunye nabamelwane bethu—ngokomfanekiso wakhe.—Genesis 1:26.

Into ayifunayo uYehova kuthi inokuchazwa ngegama nje elinye: uthando

Ubaluleke kangakanani umthetho othi sifanele sithande uThixo nothi sifanele sithande ummelwane? UYesu wathi: “Awukho omnye umyalelo omkhulu kunale.” (Ivesi 31) UMateyu uthi uYesu wathi yonke eminye imiyalelo ixhomekeke kule mibini.—Mateyu 22:40.

Akukho nzima ukuvuyisa uThixo. Into ayifunayo kuthi inokuchazwa ngegama nje elinye: uthando. Yiloo nto ebisoloko ifunwa nguThixo ebantwini kwaye kuya kusoloko kuyiyo. Kodwa ke, umntu akathandi ngamazwi nje kuphela; kodwa ubonisa nangezenzo. (1 Yohane 3:18) Akungethandi na ukwazi ukuba ufanele wenze ntoni ukuze ubonise uYehova, uThixo ‘oluthando’ ukuba uyamthanda?—1 Yohane 4:8.

Iivesi zeBhayibhile onokuzifunda ngoMatshi:

Marko 9-16Luka 1-6

^ isiqe. 6 EBhayibhileni, igama elithi “umphefumlo” lithetha umntu ngokwakhe. Ngenxa yoko, “umphefumlo” unokuquka “intliziyo,” “ingqondo” “namandla.”