Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 SONDELA KUTHIXO

UYehova “Akakhethi Buso”

UYehova “Akakhethi Buso”

Ngaba wakha wacalulwa? Ngaba kwakha kwakhatywa isicelo sakho, wangayenzelwa into ethile okanye waphathwa ngokusa ngenxa nje yebala, uhlanga okanye kuba ujongelwa phantsi ngabanye abantu? Ukuba kunjalo, yazi ukuba oku kuye kwenzeka nakwabanye abantu. Noko ke, nazi iindaba ezimnandi: Ezi zinto azikho ezulwini nangona zixhaphakile apha emhlabeni. Umpostile uPetros owayengumKristu wathi: “UThixo akakhethi buso.”—Funda iZenzo 10:34, 35.

UPetros wawatsho la mazwi kwikhaya lomntu weeNtlanga ekwakuthiwa nguKorneli—kwindawo owawungekhe ucinge ukuba yena angaba kuyo. UPetros owayezalwa ngamaYuda wayephila kwixesha apho amaYuda ayesithi iiNtlanga azicocekanga yaye akusondelwa kwaukusondelwa kuzo. Xa kunjalo, wayefuna ntoni emzini kaKorneli? Kaloku nguYehova uThixo owayethe makaye apho! UPetros waba nombono yaye kuwo kwathiwa: “Musa ukuzibiza ngokuba ziyinqambi izinto uThixo aye wazihlambulula.” Nangona uPetros wayengazi, kusuku olungaphambi kolo, noKorneli wayeboniswe umbono yaye kuwo ingelosi yamyalela ukuba abize uPetros. (IZenzo 10:1-15) Xa uPetros waqondayo ukuba nguYehova owenze le nto, wathetha ngoko nangoko.

UPetros wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso.” (IZenzo 10:34) Omnye umphengululi wathi igama elithi ukukhetha ubuso: “Libhekisela kumgwebi ojonga indoda ebusweni aze ayigwebe engekeva nelo tyala layo, kuba nje eyithanda okanye engayithandi.” UThixo akathandi abantu abathile okanye abathiye, ngenxa nje yohlanga, ilizwe okanye isikhundla, okanye ngenxa yezinye izizathu ezingenanto yakwenza nentliziyo yaloo mntu.

Kunoko, uYehova ujonga oko kusezintliziyweni zethu. (1 Samuweli 16:7; IMizekeliso 21:2) UPetros wahlabela mgama wathi: “Kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:35) Ukoyika uThixo kuthetha ukumhlonela, ukumthemba nokungenzi kwanto iza kumcaphukisa. Ukusebenza ubulungisa kuthetha ukwenza yonke into elungileyo emehlweni kaThixo ngaphandle kokuqhutywa ngasemva. UYehova uyamthanda umntu othobela imithetho nemigaqo yakhe ngokuzithandela.—Duteronomi 10:12, 13.

Xa uYehova ejonge emhlabeni, ubona nje uhlanga olunye—uhlanga lwabantu

Ukuba wakha wacalulwa, unezizathu ezivakalayo zokukhuthazwa koko kwathethwa nguPetros ngoThixo. UYehova utsala abantu beentlanga zonke ukuba bamkhonze. (Yohane 6:44; IZenzo 17:26, 27) Uyayiphulaphula aze ayiphendule imithandazo yabakhonzi bakhe kungakhathaliseki ukuba ngabaluphi uhlanga, ilizwe, bajongelwa phantsi okanye akunjalo. (1 Kumkani 8:41-43) Siqinisekile ukuba xa uYehova ejonge emhlabeni, ubona nje uhlanga olunye—uhlanga lwabantu. Ngaba oku akukwenzi ube nomdla wokufunda okungakumbi ngalo Thixo ongenalucalucalulo?

Iivesi ZeBhayibhile Onokuzifunda NgoJuni

Yohane 17IZenzo 10