Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 FUNDISA ABANTWANA BAKHO

UYesu Kristu—Ngaba Ulusana Okanye NguKumkani Onamandla?

UYesu Kristu—Ngaba Ulusana Okanye NguKumkani Onamandla?

NgoDisemba, abantu abaninzi emhlabeni wonke babona imifanekiso kaYesu elusana. Usemkhumbini, indawo ekwakugcinwa kuyo ingca eza kutyiwa zizilwanyana. Kodwa ngaba sifanele sicinge ngoYesu elusana nje? * Makhe sifunde ngeyona ndlela esifanele sicinge ngayo. Sinokufunda kwinto eyenzeka kwiqela labalusi ababesendle ngobunye ubusuku ngaseBhetelehem.

Bathi abalusi bengalindelanga, kuthi gqi ingelosi. Ithi: “Nizalelwe namhlanje uMsindisi, onguKristu iNkosi.” Le ngelosi ibaxelela nokuba baya kufumana uYesu ‘esongelwe ngezithandelo zelaphu, elele emkhumbini.’ Kusenjalo, kuthi gqi nezinye iingelosi ezininzi zize ‘zidumise uThixo.’

Ubunokuthini xa usiva iingelosi zidumisa uThixo?— Abalusi bayavuya! Bathi: “Masihambe ngandlela zonke kwangoku siye eBhetelehem size siyibone le nto yenzekileyo.” Bafika babone “uMariya kwakunye noYosefu, nosana lulele emkhumbini.”

Kukhawuleza kufike nabanye abantu eBhetelehem kwindawo abakuyo uMariya noYosefu. Bayothuka bonke xa abalusi bebaxelela into eyenzekileyo. Awuvuyi wena xa usazi izinto ezintle kangaka?— Sonke thina bathanda uThixo siyavuya. Masibone ukuba kutheni ukuzalwa kukaYesu kuvuyisa kangaka. Ukuze sibone oku, masiqale sibone oko kwenzekayo ngaphambi kokuba uMariya atshate.

Ngenye imini, ingelosi ekuthiwa nguGabriyeli ityelela uMariya. Imthembisa ukuba uza kuba nomntwana ‘oya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo, kwaye uya kulawula njengokumkani, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.’

UMariya ufuna ukwazi ukuba kuza kwenzeka njani oku kuba akazange alale nandoda. UGabriyeli uthi: ‘Amandla Oyena Uphakamileyo aya kukusibekela.  Kwanoko kuzalwayo kuya kubizwa ngokuba kungcwele, uNyana kaThixo.’ Yayingummangaliso ukuthatha uNyana kaThixo ezulwini umfake kwisibeleko sikaMariya ukuze akhule abe lusana!

Ukhe uyibone imifanekiso yamadoda amathathu ekuthiwa zizilumko eze kusana olunguYesu ehamba kunye nabalusi?— Ngexesha leKrismesi ixhaphakile le mifanekiso. Kodwa ayichananga. Loo madoda ayengezozilumko kodwa ayengabavumisi ngeenkwenkwezi, nto leyo engafunwayo nguThixo. Masibone ukuba kwenzeka ntoni xa befika. IBhayibhile ithi: “Xa bangena endlwini bambona umntwana oselula ekunye noMariya unina.” Ngelo xesha uYesu wayengaselosana; wayengumntwana ohlala noYosefu noMariya endlwini!

Abavumisi ngeenkwenkwezi bamfumana njani uYesu?— Bakhokelwa ‘yinkwenkwezi,’ eyaqala yabasa kuKumkani uHerode eYerusalem kunokuba ibase eBhetelehem. IBhayibhile ithi uHerode wayefuna ukumfumana uYesu ukuze ambulale. Nanku ke umbuzo. Ucinga ukuba ngubani owenza into engathi yinkwenkwezi eyakhokelela abavumisi ngeenkwenkwezi kuHerode?— YayingengoThixo oyinyaniso, uYehova, kodwa yayilutshaba lwakhe uSathana uMtyholi!

Nangoku, uSathana uzama ukwenza abantu bacinge ukuba uYesu lusana nje olungakwazi ukuzenzela nto. Kodwa ingelosi uGabriyeli yathi kuMariya: ‘Uya kulawula njengokumkani, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.’ Ngoku uYesu ulawula njengoKumkani ezulwini, ibe kungekudala uza kutshabalalisa zonke iintshaba zikaThixo. Lilonke, uYesu akalulo usana, kodwa nguKumkani yaye simele sichazele abanye ngoko.

^ isiqe. 3 Ukuba ufunda nomntwana, isikhewu senzelwe ukuba umvumele aphendule.