Ngubani Olawula Ihlabathi?
Ucinga ukuba . . .
-
nguThixo?
-
ngabantu?
-
nguSathana?
ITHINI IBHAYIBHILE?
“Ihlabathi lilawulwa nguSathana.”—1 Yohane 5:19, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.
“Wazela loo nto kanye uNyana kaThixo, ukuba azokutshabalalisa imisebenzi kaMtyholi.”—1 Yohane 3:8.
INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?
Unokutsho ucacelwe ngunobangela weengxaki zehlabathi.—ISityhilelo 12:12.
Unokuba nethemba lokuba ihlabathi lethu liza kutshintsha libe bhetele.—1 Yohane 2:17.
NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?
Sinokuyikholelwa into yokuba ihlabathi liza kuba bhetele, ngenxa yezi zizathu:
-
Ulawulo lukaSathana aluzukuphumelela. UYehova uzimisele ukuluphelisa ulawulo lukaSathana. Uthembisa ukuba uza ‘kumtshabalalisa uMtyholi,’ aze alungise wonke umonakalo awenzileyo.—Hebhere 2:14.
-
UYehova uThixo ukhethe uYesu Kristu ukuba alawule ihlabathi. UYesu akafani tu nomlawuli weli hlabathi okhohlakeleyo nongabacingeliyo abantu. Xa uThixo ethetha ngolawulo lukaYesu, uthi: “Uza kubasizela abangathathi ntweni nabangamahlwempu . . . Uza kubakhulula kwingcinezelo nobundlobongela.”—INdumiso 72:13, 14.
-
UThixo akaxoki. IBhayibhile ithi ‘akunakwenzeka ukuba axoke.’ (Hebhere 6:18) Xa uYehova uThixo ethembisa ukuba uza kwenza into, unokuqiniseka ukuba nakanjani iza kwenzeka. (Isaya 55:10, 11) “Umlawuli weli hlabathi uza kugxothwa.”—Yohane 12:31.
NANK’ UMBUZO
Liza kuba njani eli hlabathi emva kokuba umlawuli walo etshatyalalisiwe?
IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KWINDUMISO 37:10, 11 NAKWISITYHILELO 21:3, 4.