Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UkuDibana Kweenkolo

UkuDibana Kweenkolo

Ngaba bonke abantu abakhonzayo banqula uThixo omnye?

Ngaba iinkonzo ezininzi ezifundisa izinto eziphikisanayo ziyamvuyisa uYehova?

Mat 7:13, 14; Yoh 17:3; Efe 4:4-6

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yos 24:15—UYoshuwa ucacisa ukuba umntu kufuneka azikhethele ukuba uza kukhonza uYehova okanye abanye oothixo

    • 1Ku 18:19-40—UYehova usebenzisa umprofeti uEliya ukuze abonise ukuba abanquli bakaThixo wokwenene abafanelanga banqule abanye oothixo, abanjengoBhahali

UYehova uziva njani ngoothixo beentlanga nangokunqulwa kwabo?

UYehova uziva njani xa abantu besithi banqula yena kodwa loo nto babe beyenza ngeendlela azicaphukelayo?

Isa 1:13-15; 1Ko 10:20-22; 2Ko 6:14, 15, 17

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Eks 32:1-10—Ecinezelwa ngamanye amaSirayeli, uAron wenza isitatyu sethole lenkomo baze abantu benze ngaso umbhiyozo besithi ‘litheko likaYehova.’ Imcaphukisa kakhulu uYehova loo nto

    • 1Ku 12:26-30—UKumkani uYerobhoham wenza izithixo eziza kumela uYehova ukuze ayekise abantu ukuya etempileni eYerusalem, kodwa le nto ibenza bone abantu

UYehova wawafundisa ntoni amaSirayeli ngokuzidibanisa nabantu abanqula abanye oothixo?

Wenza ntoni uYehova xa abantu bakhe bakhonza abanye oothixo?

ABa 10:6, 7; Nd 106:35-40; Yer 44:2, 3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Ku 11:1-9—Abafazi bakaKumkani uSolomon bezinye iintlanga bamenza akhonze abanye oothixo, nto leyo ekhuthaza nabanye ukuba benze njalo, kodwa le nto iyamcaphukisa uYehova

    • Nd 78:40, 41, 55-62—UAsafu uchaza indlela ukuvukela kwamaSirayeli nokukhonza kwawo izithixo ekumkhathaza ngayo uYehova nendlela ekumbangele ngayo ukuba abalahle abantu bakhe

Ngaba uYesu wayezixhasa iimfundiso ezaziphikisana neLizwi LikaThixo?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 16:6, 12—Iimfundiso zabaFarisi nezabaSadusi uYesu uzifanisa negwele kuba iimfundiso ezirongo zisasazeka ngokukhawuleza futhi ziyayingcolisa inyaniso ecwengileyo efundiswa liLizwi LikaThixo

    • Mat 23:5-7, 23-33—UYesu uyakugxeka ukuhanahanisa neemfundiso ezirongo zababhali nabaFarisi

    • Mar 7:5-9—UYesu uveza eyona nto bayiyo ababhali nabaFarisi ngenxa yokukhokelisa kwabo izithethe zabantu kuneemfundiso zeLizwi LikaThixo

Ngaba uYesu wakhuthaza abalandeli bakhe ukuba benze iinkonzo ezahlukahlukeneyo?

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yoh 15:4, 5—UYesu uthetha ngomdiliya ukuze azekelise indlela abalandeli bakhe abamele bahlale bemanyene ngayo naye kunye namanye amaKristu

    • Yoh 17:1, 6, 11, 20-23—Kubusuku bokugqibela ekunye nabapostile bakhe ngaphambi kokuba abulawe, uYesu uthandazela ukuba bonke abalandeli bakhe bokwenene bamanyane

Ngaba amabandla amaKristu okuqala ayeneenkolelo ezifanayo futhi enqula uYehova ngendlela efanayo?

IZe 16:4, 5; Rom 12:4, 5

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • IZe 11:20-23, 25, 26—Amabandla akwa-Antiyokwe naseYerusalem amanyene futhi asebenzisana kakuhle

    • Rom 15:25, 26; 2Ko 8:1-7—Amabandla amaKristu okuqala ayancedana ngamaxesha obunzima, ngaloo ndlela ebonisa ukuba amanyaniswe luthando

Ngaba uThixo wamkela zonke iinkonzo ezithi zikholelwa kuKristu?

Ngaba zamkelekile iinkonzo ezingafundisi iimfundiso zikaKristu nezabapostile?

IZe 20:29, 30; 1Ti 4:1-3

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 13:24-30, 36-43—UYesu wenza umzekeliso obonisa ukuba njengokhula olukhula entsimini, kwakuza kuvela amaKristu obuxoki amaninzi aze alithathele kuwo ibandla

    • 1Yo 2:18, 19—Umpostile uYohane osele aluphele uveza ukuba abachasi-Kristu sele bekho kwiminyaka emalunga neyi-100 uYesu ezelwe

Kunokwenzeka ntoni ukuba iimfundiso zobuxoki nendlela yokuziphatha engeyoyabuKristu inokuvunyelwa ebandleni?

Amele enze njani amaKristu ukuze ahlale emanyene?

Kutheni amaKristu engafanelanga azidibanise nonqulo lobuxoki?

Kutheni kukuhle futhi kunceda ukuziveza phandle iimfundiso zobuxoki ezifundiswa ziinkonzo?

Kutheni singafanelanga sothuke xa abantu beenkonzo abaluchasayo unqulo olucocekileyo besicinezela futhi besitshutshisa?